U‐Yisaya 25
1YEHOVA! u ngutixo wam wena; ndokupakamisa; igama lako ndolidumisa; ngokuba ukwenzile okungummangaliso; amacebo ako akudala ayinyaniso ayinene. 2Ngokuba usenzile isixeko sibe yimfumba, isixeko esinqatyisiweyo sibe yingcitakalo, ikomkulu labasemzini lingabi sesisixeko; asisayi kwakiwa napakade. 3Ngako oko abantu abanamandla bokubeka; isixeko sezizwe eziburoti siya kukwoyika. 4Ngokuba ubuyinqaba kolihlwempu, inqaba kosweleyo ebunzimeni bake, indawo yokupepela ngenxa yesipango, umtunzi ngenxa yokufudumala, nxa umoya wabazidlwengu ubunjengesipango ngaseludongeni. 5Njengokufudumala endaweni eyomileyo, uya kudambisa ingxolo yabasemzini; njengokufudumala ngesitunzi selifu, ingoma yabazidlwengu iya kutotywa.
6Kwa kulentaba uyehova wemikosi uya kwenzela abantu bonke isidlo sezinto ezityebileyo, isidlo seveyine inentlenga zayo, sezinto ezityebileyo zizele ngumongo, seveyine entlenga zayo zihluziweyo. 7Waeya kutshabalalisa kulentaba ubuso besigqubutelo esigqubutelayo abantu bonke, nesigubungelo esigubungelayo zonke izizwe. 8Uya kugqibela ukutshabalalisa ukufa; inkosi e nguyehova iya kusula inyembezi kubo bonke ubuso, nogxekwa lwabantu bayo yolususa kuwo wonke umhlaba: ngokuba uyehova etshilo.
9Kwakuya kutiwa ngalomhla: Bona ke, ngutixo wetu lo; sikangele kuye, waeya kusisindisa: lo nguyehova; sikangele kuye; siya kugcoba sivuye ngalo usindiso lwake.
10Ngenyaniso isandla sikayehova siya kupumla pezu kwalentaba; kodwa u‐Mowabi uya kunyatelwa pantsi endaweni yake, njengokuba inca inyatelwa pantsi emanzini emfumba yomgquba. 11Waeya kuzolula izandla zake pakati kwawo, njengoko umdadi azolulela ukudada: ner̔atshi lake wolitobela pantsi, kunye namaqinga ezandla zake. 12Nenqaba ezinde zendonga zako uya kuzitobisa, azitobele pantsi, aziwisele emhlabeni, kude kube selutulini.
Bible Society of South Africa 1902