U‐Yisaya 58
1DANDULUKA kakulu, ungayeki; pakamisa ilizwi lako njengexilongo, uxele ebantwini bam isigqito sabo, nakwindlu ka‐Yakobi isono sabo. 2Noko, imihla ngemihla bayandifuna, nendlela zam bayatanda ukuzazi; njengesizwe esenzayo ubulungisa, nommiselo wotixo waso asiwushiyi; bayabiza kum imimiselo elungileyo; bayatanda ukusondela kutixo. 3Bati: Kunganina ukuba sizilile, kanti akuboni; nokuba sibandezele umpefumlo wetu, kanti akwazi? Bona ke, ngemini yokuzila kwenu niyafuna imihlali, nayo yonke imisebenzi yenu niyayibanga. 4Bona ke, nizilela ukupika nokungxolisana, nokudubula ngesandla esifunjatiweyo sencwangu: ngeningazili njengokwanamhla, ukuvakalisa ngokupezulu ilizwi lenu. 5Yinzilo enje na endiyinyulileyo? umhla wokuba umntu abandezele umpefumlo wake na? ukuba atokombise intloko yake njengomkanzi na, azandlalele intlakantlaka notutu na? Le woyibiza na ngokuti yinzilo, nemini ekolekileyo kuyehova? 6Asi yile na inzilo ndiyinyulileyo? ukucumbulula izibambo zencwangu, ukutukulula intambo zeyokwe, nokundulula abancinezelweyo bekululekile, nokuba nizapule iyokwe zonke. 7Asi kuko na ukuqezulela olambileyo isonka sako, nokuba ungenise endlwini amahlwempu atshutshisiweyo; nxa ubona ohamba zé, ukuba umambese, nokuba ungazifihli kweyako inyama?
8Oko kuya kugqabuka ukukanya kwako njengokusa, nokupila kwako kuya kuhluma kamsinyane; kanjalo ubulungisa bako bohamba pambi kwako; ubungcwalisa bukayehova bokubuta ngasemva. 9Oko uya kubiza, asabele uyehova; uya kukala, ati yena: Nanku mna! Ukuba uyasusa pakati kwako iyokwe, ukwalata ngomnwe, nokuteta okukohlakeleyo; 10ukuba uyamku̔pela olambileyo umxe̔lo wako, nomxe̔lo wobandezelweyo uyawuhlutisa; kuya kwandula kupume ukukanya kwako ebumnyameni, nesitokotoko sako sibe njengemini enkulu. 11Waye uyehova eya kumana ekukokela futi, awuhlutise umxe̔lo wako ekwomeni okukulu; namatambo ako uya kuwomeleza; wauya kuba njengomyezo ocenceshiweyo, nanjengetende elimanzi angatshitshiyo. 12Kanjalo abo bavela kuwe bobuya bake indawo ezicitakeleyo zakudala; imisekelo yezizukulwana ngezizukulwana uya kuyimisa; wauya kubizwa ngokuti: Umakeli wotanda, umhlaziyi wendlela ukuba kuhlalwe.
13Ukuba uyanqanda unyawo lwako kuyo isabata, ungenzi eyako intando ngawo umhla wam oyingcwele; ukuba uyabiza isabata ngokuti sisiyolo, umhla oyingcwele kayehova ngokuti ubekekile: uze uwubeke, ungenzi ezako indlela, ungafuni eyako intando, ungateti awako amazwi: 14uya kwandula ukuziyolisa kuyehova; ndandiya kukukwelisa pezu kwendawo ezipakamileyo zomhlaba, ndikudlise ilifa lika‐Yakobi uyihlo wako: ngokuba umlomo kayehova utshilo.
Bible Society of South Africa 1902