1UTSHO uyehova ukuti: Izulu liyiterone yam, nomhlaba usisitulo senyawo zam; ipina leyondlu niya kundakela yona; ipina ke indawo yokupumla kwam? 2Ngokuba zonke ezizinto isandla sam sizenzile; zaye seziko zonke ezizinto utsho uyehova: kodwa kulowo ndiya kukangela, kulowo ululamileyo nomoya ugqobokileyo, ongcangcazela ngelizwi lam.
3Oxe̔layo inkabi, uyabulala umntu; obingayo ixwana, uyapula inja intamo; onikela ngomnikelo wokudla, uyanikela igazi lehangu; oqu̔misayo intlakamhlope ngokukumbuza, uyatamsanqelisa isitixo. Aba ke, banyulile ezabo indlela, nezinto zabo ezizondekileyo umpefumlo wabo uzitanda. 4Nam, ndiya kunyula amashwa abo, nezoyikelo zabo ndozizisa pezu kwabo; ngokokuba bendibiza, kanti bekungeko osabelayo; benditeta, kanti bebengapulapuli; kodwa bakwenza okubi emehlweni am, noko bendingakutandi bakuqasha.
5Yivani ilizwi likayehova, nina ningcangcazela ngelizwi lake! Bate abazalwana benu abanitiyayo, abanigxotayo ngenxa yegama lam: Makazukiswe uyehova! Koko eya kubonakalela uvuyo lwenu, bati bona badane.
6Ilizwi lempitimpiti livela esixekweni! ilizwi livela etempileni! ilizwi likayehova, ebuyekeza impindezelo ezintshabeni zake! 7Ingekabi nakututumba, yazala; ingekafika inimba pezu kwayo, yavelisa umntwana wobudoda. 8Ngubanina ovileyo into enjalo? ngubanina obonileyo izinto ezinjengezi? Linokututumba ilizwe ngamini nye na? sizalwa isizwe ngexesha linye na? Koko i‐Ziyone yabisekututumbeni, yazala onyana bayo kanjako. 9Ndiya kutyobozisa na, ndingazalisi nokuzalisa? utsho uyehova: ndiya kuzalisa na, ndivingce noko? utsho utixo wako. 10Vuyani ne‐Yerusaleme, nivuyelele ngayo, nonke nina niyitandayo! gcobani nayo ngomgcobo, nonke nina abayililelayo! 11ukuze nanye, nihlute, ngebele lentutuzelo zayo; ukuze nifoce, niziyolise ngobuninzi bobungcwalisa bayo.
12Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuyolulela uxolo njengomlambo nobutyebi babaheyideni njengomsinga okukulayo; niya kwandula nanye, niya kutwalwa ecaleni, nigxunyiswe emadolweni. 13Njengomnye otutuzelwayo ngunina, kwa njalo ndonitutuzela mna; kwa se‐Yerusaleme niya kututuzelwa. 14Noti nakubona, intliziyo yenu iya kugcoba, namatambo enu ohluma njengotyani: isandla sikayehova siya kwazeka ezicakeni zake, kodwa intshaba zake woziqumbela.
15Ngokuba, bona ke, uyehova eya kuza ngomlilo, nenqwelo zake njengesaqwiti; ukubuyisa ingqumbo yake ngobuṙalaṙume, nentetiso yake ngamalangatye omlilo. 16Ngokuba ngomlilo nangeṙele lake uyehova eya kupika noluntu lwonke; boba baninzi ke ababuleweyo bakayehova. 17Abo bazenza ngcwele, abazihlambululayo emiyezweni emva kwomnye, pakati kwabo abadlayo inyama yehangu, nento eyintshontsho, nempuku; boti tshabalala kwa kunye, utsho uyehova. 18Ngokuba ndisazi imisebenzi yabo nenkumbulo zabo.
Kuza kubako, ukuba ndiya kuhlanganisa zonke izizwe nenteto; zaziya kuza, zibone ubungcwalisa bam. 19Ndandiya kubeka umqondiso pakati kwazo; nabasindileyo kuzo ndiya kubatuma baye kwizizwe; kwi‐Tareshishe, kwi‐Pule, nama‐Ludi, atyeda isipeta, kwi‐Tubali, ne‐Javane, kwiziqiti ezikude, ezingavanga udumo lwam, ezingabonanga nobungcwalisa bam; babeya kushumayela ubungcwalisa bam pakati kwezizwe. 20Babeya kuzisa bonke abazalwana benu, bevela kuzo zonke izizwe, babe ngumnikelo kayehova, pezu kwamahashe, nasezinqwelweni, nasezintweni zokutwalwa, napezu kwamaqwaṙaṙa, napezu kwezilo ezizimbaleki, entabeni yam engcwele e‐Yerusaleme, utsho uyehova, njengokuba usapo luka‐Sirayeli luzisa umnikelo esityeni esimhlope endlwini kayehova. 21Kanjalo nakubo ndiya kutabata ukuba babe ngabaperisite naba‐Levi, utsho uyehova. 22Ngokuba, njengokuba amazulu amatsha nomhlaba omtsha, endiya kuzidala, ziya kuma ebusweni bam, utsho uyehova, kwa njalo kuya kuma inzalo yenu negama lenu. 23Kwakuya kuti, kwinyanga ngenyanga, nakwisabata ngesabata, lwoza uluntu lwonke ukubedesha pambi kwam, utsho uyehova. 24Babeya kupuma, bakangele izidumbu zabantu abagqitileyo ngakum: ngokuba impetu yabo ingayi kufa, nomlilo wabo ungayi kucinywa; boba yinzondwa kulo lwonke uluntu.