1Zizo ezi intlanga wabezisalisa uyehova, ukuba abalinge ngazo o‐Sirayeli: (kwa bonke ababengazanga zonke imfazwe zase‐Kanane; 2kupela ukuze zizazi izizukulwana zosapo luka‐Sirayeli, lufundiswe imfazwe; ngokukodwa olo olube lungazazi ngapambili:) 3inkosi ezintlanu zama‐Filistiya, nabo bonke aba‐Kanane, nama‐Tsidone, nama‐Hivi abehleli entabeni ye‐Lebanone, kutabata entabeni ye‐Bali‐heremone kude kwasekungenweni kwe‐Hamati. 4Zaziko ukuba kulingwe ngazo o‐Sirayeli, ukuze kwaziwe ukuba baya kupulapula imiyalelo kayehova kusinina, leyo abebayalele oyise babo ngayo, ngesandla sika‐Mosesi.
5LWAZA usapo luka‐Sirayeli lwahlala pakati kwabo aba‐Kanane, ama‐Hete, naba‐Amori, nama‐Perizi, nama‐Hivi, nama‐Yebusi: 6lwazizekela intombi zabo zibe ngabafazi, lwazendisa intombi zalo konyana babo, lwakonza otixo babo. 7Lwaye usapo luka‐Sirayeli lwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, lwamlibala uyehova, utixo walo, lwabakonza o‐Bali no‐Ashera. 8Yandula ingqumbo kayehova yavuta ngakubo o‐Sirayeli, wabatengisa esandleni sika‐Kushane‐rishatayime, ukumkani we‐Mesopotami; lwaza usapo luka‐Sirayeli lwamkonza u‐Kushane‐rishatayime iminyaka yasibozo.
9Lwati lwakukala usapo luka‐Sirayeli kuyehova, wandula uyehova wavusela usapo luka‐Sirayeli umsindisi, owalusindisayo, u‐Hotineli unyana ka‐Kenazi, umninawe ka‐Kalebi. 10Waye umoya kayehova ebepezu kwake, waza wagweba o‐Sirayeli, wapuma ukuya kulwa: wati uyehova wamnikela esandleni sake u‐Kushane‐rishatayime, ukumkani we‐Mesopotami, ukuba isandla sake saba namandla pezu kwo‐Kushane‐rishatayime. 11Landula ilizwe lapumla iminyaka yamashumi mane. Wada wafa u‐Hotineli, unyana ka‐Kenazi.
12LWAZA usapo luka‐Sirayeli lwapinda ukwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; ngako uyehova wamomeleza u‐Heglone, ukumkani wama‐Mowabi, ngakubo o‐Sirayeli, ngenxa yokuba benzile okukohlakeleyo emehlweni kayehova. 13Wasuka wabutela kuye usapo luka‐Hamoni nama‐Amaleki, waya wabeta o‐Sirayeli, basibamba isixeko semiti yepalime. 14Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwamkonza u‐Heglone, ukumkani wama‐Mowabi, iminyaka yalishumi linesibozo.
15Lwati lwakukala usapo luka‐Sirayeli kuyehova, wandula uyehova waluvusela umsindisi, u‐Ehudi unyana ka‐Gera, um‐Benjamine, indoda elinxele: olwati usapo luka‐Sirayeli lwalituma ngesandla sake ibaso ku‐Heglone, ukumkani wama‐Mowabi. 16Waye u‐Ehudi wazenzela iṙele elinentlangoti zimbini, eliyikubite inye ubude balo, walibinqa pantsi kwengubo yake esinqeni sake sokunene. 17Waza walizisa ibaso elo ku‐Heglone, ukumkani wama‐Mowabi: kekaloku u‐Heglone ebengumntu otyebileyo kakulu. 18Kwaye kute, xeshekweni abegqibile ukunikela ibaso, wapelekelela abantu abebelitwele ibaso. 19Kodwa yena wabuya endaweni yemifanekiso eqingqiweyo ebingase‐Gilegale, wati: Ndinelizwi elifihlakeleyo ndilixele kuwe, kumkani! owati: Yiti tu! Bada bapuma kuye bonke ababemi ngakuye. 20Waza u‐Ehudi wangena kuye; waye yena ehleli enkambilini yangapezulu yokupolisa, ebiyeyake yedwa. Wayesiti u‐Ehudi: Ndinelizwi likatixo kuwe! Wesuka ke esihlalweni. 21Wandula u‐Ehudi wasolula isandla sake sokohlo, watabata iṙele esinqeni sake sokunene, wahlaba ngalo esiswini sake: 22saza sangena nesipato emva kwentsimbi; kanjalo inqata lavingcela intsimbi, (ngokuba ebengar̔olanga iṙele esiswini sake,) eyapuma pakati kwemilenze. 23Wapuma ke u‐Ehudi waya entendelezweni, wavala ingcango zenkambili yangapezulu emva kwake, wazitshixa. 24Nxa abepumile yena, zeza izicaka zake, zabona ukuba nanzi ingcango zenkambili yangapezulu zitshixiwe; zaye zisiti: Okunene uyagubungela inyawo zake enkambilini yokupolisa. 25Zaza zalinda zada zadana; kekaloku bona ke, akavula ingcango zenkambili yangapezulu; ngako zatabata isitshixo, zavula ke: kekaloku nantsi inkosi yazo ilele emhlabeni ifile.
26Waye u‐Ehudi wasinda, nxa zisazilazila; wayedlula endaweni yemifanekiso eqingqiweyo, wasindela e‐Sehira. 27Kwaye kute, akufika, wavutela ngexilongo entabeni yakwa‐Frayime; lwaza usapo luka‐Sirayeli lwehla naye entabeni, esiya yena pambi kwalo. 28Wayesiti kulo: Landelani emva kwam; ngokuba uyehova enikele intshaba zenu, ama‐Mowabi, esandleni senu. Lwasuka lwehla emva kwake, lwabamba amazibuko ase‐Yoredane ngase‐Mowabi, lungavumeli mntu awele. 29Lwaye lubulala ama‐Mowabi ngeloxesha ngati angamawaka alishumi amadoda, onke omelele, onke engamaṙoti kanjalo; akasinda ke namnye umntu. 30Kwa njalo ama‐Mowabi atotyiswa ngalomini pantsi kwesandla so‐Sirayeli. Laza ilizwe lapumla iminyaka yamashumi asibozo.
31Nasemva kwake wabeko u‐Shamgare, unyana ka‐Hanate, owabulala ama‐Filistiya, amakulu matandatu amadoda, ngentonga yenkabi: kwa njalo naye wasindisa o‐Sirayeli.