1WANDULA wavuma u‐Debora, no‐Baraki unyana ka‐Abinowami, ngalomini, ngokuti:
2Ngenxa yokukokela kwabakokeli kwa‐Sirayeli, ngenxa yokuzinikela kwabantu ngokutumekelela, bongani uyehova! 3Yivani, nina bokumkani, nikani indlebe, nina zinkosi! mna, kuyehova ndovuma mna; ndiya kucula kuyehova, utixo wo‐Sirayeli.
4Yehova! ekupumeni kwako e‐Sehire, ekusukeni kwako ezweni le‐Edome, umhlaba wangcangcazela, nezulu latontsela, amafu nawo atontsela amanzi. 5Intaba zazamazama ebusweni bukayehova, le‐Sinai ebusweni bukayehova, utixo wo‐Sirayeli.
6Emihleni ka‐Shamgare unyana ka‐Hanate, emihleni ka‐Yayeli, zapumla indlela; bati abahambi baya ngendlela ezigoso. 7Bapela abapati kwa‐Sirayeli, bapela; ndada ndavuka mna Debora, ndada ndavuka ndingunina kwa‐Sirayeli. 8Kwanyulwa otixo abatsha; kwandula kwabako imfazwe emasangweni: kanene bekubonwa ikaka na nomkonto pakati kwamawaka angamashumi mane kwa‐Sirayeli?
9Intliziyo yam ikubo abongama bakwa‐Sirayeli, abazinikelayo ngokutumekelela pakati kwabantu. Bongani uyehova! 10Nina bakweleyo pezu kwamaqwaṙashekazi amhlope, nina bahlalayo ematyaleni, nani bahambayo endleleni, yumani! 11ngenxa yelizwi labawabayo amaxoba pakati kwendawo zokukelela; kwa lapo baya kudumisa izenzo ezilungileyo zikayehova, izenzo ezilungileyo zokupata kwake kwa‐Sirayeli: baya kwandula ukuhla abantu bakayehova baye emasangweni.
12Vuka, vuka, Debora! vuka, vuka, utete ingoma: suka, Baraki! timba amatinjwa ako, nyana ka‐Abinowami!
13Kwandula kwehla abaseleyo pakati kwemiduna; abantu bakayehova behlela kum ngakuwo amagoṙa: 14kwa‐Frayime, abakuhlala kusema‐Amalekini; emva kwako, u‐Benjamine pakati kwabantu bako; kwa‐Makire behla abongama, nakwa‐Zebulone abapete intonga yomba̔li. 15Inkosi zakwa‐Yisakare nazo bezino‐Debora; nanjengo‐Yisakare, wanjalo u‐Baraki; watunywa emhlanjeni ezinyaweni zake. Pakati kwemijelo yakwa‐Rubene bekuko amaqinga entliziyo amakulu. 16Yinina ukuba ubuhleli pakati kwezibaya, ukuva ukulila kwemihlambi? Pakati kwemijelo yakwa‐Rubene bekuko izifuniselo zentliziyo ezikulu. 17U‐Gileyadi wema pesheya kwe‐Yoredane: no‐Dane, yinina ukuba wahlala ngasezinqanaweni? U‐Ashere ebehleli elunxwemeni lwolwandle, wahlala ngasemacwebeni ake. 18U‐Zebulone, abantu abo balahlela ekufeni ubomi babo, kwa no‐Nefatali, pezu kwendawo ezinde zelizwe.
19Kweza okumkani, balwa; bandula balwa okumkani base‐Kanane e‐Tahanaki ngasemanzini ase‐Megido: inzuzo yemali abayitabatanga. 20Kwaliwa kwa sezulwini; inkwenkwezi ezindleleni zazo zalwa no‐Sisera. 21Umlambo we‐Kishone wabakukulisa, umlambo omdala, umlambo we‐Kishone. Mpefumlo wam! unyatele amandla. 22Zandula impupu zamahashe zabeta, ngokuti bukuqu, ngokuti bukuqu kwamaṙoti abo.
23Qalekisani i‐Meroze, yatsho ingelosi kayehova, qalekisani kakulu abemi bayo; ngokuba bengezanga ukumnceda uyehova, ukumnceda uyehova ngakuwo amagoṙa.
24Makatanyusanqelwe ngapezu kwabafazi u‐Yayeli, umfazi ka‐Kebere um‐Keni; makatanyusanqelwe ngapezu kwabafazi ententeni. 25Wacela amanzi, wanika ubisi; endebeni yenkosi wasondeza amasi. 26Isandla sake wasolulela kwisikonkwane, nesokunene sake kwisando sabasebenzi; wambeta u‐Sisera, watyumza intloko yake, wahlaba wabadluza intlafuno yake. 27Pakati kwenyawo zake watoba, wawa, walala pantsi; pakati kwenyawo zake watoba, wawa; apo watobayo, kwa kona wawa ebulewe.
28Unina ka‐Sisera wakangela ngefenstile, wamemeza ngesituba, wati: Kunganina ukuba inqwelo yake iyalibala ukuza? kunganina ukuba amanyatela enqwelo zake ayazilazila? 29Inkosikazi zake ezilumkileyo zapendula, ewe, wazipendulela ngokwake, ukuti: 30Abafumananga na? abawabelanga na amaxoba? intombi, intombi mbini kwindoda ngendoda; amaxoba engubo ezinamabala ngamabala kuye u‐Sisera, amaxoba engubo ezinamabala ngamabala zitungiwe, ingubo ezinamabala ngamabala zitungiwe amacala omabini, ezifanele intamo zabatimbi?
31Makube njalo ukutshatyalaliswa kwazo zonke intshaba zako, Yehova! kodwa abo bamtandayo, mababe njengokupuma kwelanga emandleni alo.
Laza ilizwe lapumla iminyaka yamashumi mane.