1Wandula uyehova wati kum: Nakuba u‐Mosesi umhlaumbi u‐Samyali ebemi pambi kwam, umpefumlo wam ubungayi kuba ngakubo ababantu: bandulule ebusweni bam, bapume ke. 2Kwakuya kuti, xeshekweni bati kuwe: Sopumela pina? wandule ukuti kubo: Utsho uyehova ukuti: Abo bamiselwe ukufa, ekufeni; nabo bamiselwe isiṙele, esiṙeleni; nabo bamiselwe indlala, endlaleni; nabo bamiselwe ukutinjwa, ekutinjweni. 3Ngokuba ndiya kubamisela intlobo zine, utsho uyehova; isiṙele, ukuba sibulale; nezinja, ukuba ziqwenge; nentaka zezulu, nezilo zomhlaba, ukuba zidle zitshabalalise nokutshabalalisa. 4Ndandiya kubanikela ekuzanyazanyisweni kubo bonke ubukumkani bomhlaba, ngendawo ka‐Manase, unyana ka‐Hezekiya, ukumkani wo‐Juda, ngenxa yoko wakwenzayo e‐Yerusaleme. 5Ngokuba ngubanina oya kuba nenceba pezu kwako, Yerusaleme? ngubanina noya kukuku̔za? umhlaumbi ngubanina oya kupambuka ukuya kubuza ukupila kwako? 6Wena undilahlile, utsho uyehova, uyile ngomva; ngako ndiya kusolula isandla sam ngakuwe, ndikutshabalalise; ndidiniwe kukuba nosizi. 7Ndandiya kubela ngento yokwela emasangweni elizwe; ndibahlutile abantu bam abantwana, ndibabubisile, bengabuyanga nje ezindleleni zabo. 8Abahlolokazi babo bayinto eninzi kum pezu kwentlabati yolwandle; ndibazisele ngakuye unina indodana elibada emini; ndiwisile pezu kwabo ngokwalama ututumelo namavuso. 9Ozeleyo abasixe̔nxe uyacubuka; uku̔pile umpefumlo wake; ilanga lake litshonile nxa kuseyimini; udanisiwe, wamatiswa: nesisalela sabo, ndobanikela esiṙeleni ebusweni bentshaba zabo, utsho uyehova.
10Hai usizi lwam, ma! ukuba undizele ndibe yindoda yepike, nendoda yempikiswano kulo lonke ilizwe: andibolekile, andibolekiwe kanjako; bonke bayandiqalekisa noko. 11Wati uyehova: Ngenyaniso ndokukululela okulungileyo; ngenyaniso ndiya kulwenza utshaba luxolane nawe, exesheni lelishwa, nasexesheni lobunzima. 12Kungaqotywa isincete na, isincete sasenode, nexina? 13Ubutyebi bako nendyebo zako ndozinikela ukupangwa, kungengenxa yexabiso, koko kungenxa yazo zonke izono zako, kwa kuyo yonke imida yako. 14Ndandiya kukudlulisa kunye nentshaba zako ukuya elizweni ungalaziyo; ngokuba umlilo upenjiwe ngengqumbo yam, uya kutsha pezu kwenu.
15Wena uyazi, Yehova! ndikumbule, utyelele kum, undipindezelele kubo abatshutshisi bam; ekuqumbeni kade kwako zungandisusi; yazi ukusitwala kwam ngenxa yako isigxeko. 16Amazwi ako afunyanwa, ndaza ndawadla; ewe, ilizwi lako laba ngumgcobo novuyo lwentliziyo yam kum; ngokuba ndibizwa ngegama lako, Yehova, Tixo wemikosi! 17Andihlalanga esihlalweni sabagculeli, andavuyelela kanjako; ngenxa yesandla sako ndahlala ndedwa, ngokuba, undizalisile ngokuṙala. 18Kunganina ukuba ubuhlungu bam buyinto efuti, nokuba inxeba lam lelingenakupola, elingavumi ukupiliswa? Wogqibela ukuba njengomlambo okohlisayo na kum? woba njengamanzi atshitshayo na?
19Ngako oko, utsho uyehova ukuti: Ukuba uya kubuya, ndiya kwandula ndikubuyise, wauya kuma ebusweni bam; nokuba uya kuku̔pa okudumileyo kuko okudelekileyo, woba njengomlomo wam: mababuyele kuwe bona, kodwa wena akuyi kubuyela kubo. 20Ndandiya kukwenza ube ludonga lwexina olunqabileyo kubo ababantu; nakuba balwa nawe, abayi kukweyisa noko; ngokuba ndinawe mna, ukukusindisa nokukuhlangula, utsho uyehova. 21Ewe, ndokuhlangula esandleni sabakohlakeleyo, ndandiya kukukulula esandleni sezidlwengu.