1EKUQALENI kwobukumkani buka‐Yoyakime unyana ka‐Josiya ukumkani wo‐Juda, leza elilizwi ku‐Jeremiya livela kuyehova, lisiti: 2Utsho uyehova kum ukuti: Zenzele izinxibo neyokwe, uzifake entanyeni yako. 3Uti kanjalo uzitume kukumkani we‐Edome, nakukumkani we‐Mowabi, nakukumkani wosapo luka‐Hamoni, nakukumkani we‐Tire, nakukumkani we‐Tsidone, ngesandla sezigidimi ezizayo e‐Yerusaleme ku‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda; 4uze uziyalele ukuti kwinkosi zazo: Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Niya kutsho kwinkosi zenu ukuti: 5Mna ndenzile umhlaba, abantu nezilo ezipezu kwobuso bomhlaba, ngamandla am amakulu, nangengalo yam eyolulweyo, ndandiwunikile kulowo ebekufanele emehlweni am. 6Nakaloku, sendinikele onke lamazwe esandleni sika‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, isicaka sam; namaṙamncwa asendle ndimnikile kwa wona, ukuba amkonze. 7Zonke izizwe ziya kukonza yena, nonyana wake, nonyana wonyana wake, kude kufike ixesha lelizwe lake nalo: oko ziya kumkonzisa izizwe ezininzi nokumkani abakulu. 8Kwaye kuya kuti, isizwe nobukumkani ezingayi kukonza yena u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, nesingayi kufaka intamo yaso eyokweni yokumkani we‐Babilone, ndiya kubeta isizwe eso, utsho uyehova, ngesiṙele, nangendlala, nangesifo esibubisayo, ndide ndibagqibe ngesandla sake.
9Nina ngoko ningapulapuli kubaprofite benu, nakubalauli benu, nakubapupi benu, nakumatola enu, nakwizanuse zenu, abatshoyo kuni, besiti: Aniyi kukonza ukumkani we‐Babilone. 10Ngokuba bona beprofitesha ubuxoki kuni, ukuze nifuduswe kude elizweni lenu, nokuba ndinigxote, nize nibube. 11Kanti isizwe esiya kungenisa intamo yaso eyokweni yokumkani we‐Babilone, simkonze, ndiya kusalisa sona emhlabeni waso, utsho uyehova, sasiya kuwulima, sihlale kuwo.
12Ndateta naku‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda, njengawo onke lamazwi, ndisiti: Ngenisani intamo zenu eyokweni yokumkani we‐Babilone, nikonze yena nabantu bake, nidle ubomi. 13Kuyinina ukuba niya kufa, wena nabantu bako, ngesiṙele, ngendlala, nangesifo esibubisayo, njengokuba uyehova etetile ngakuso isizwe esingayi kumkonza ukumkani we‐Babilone? 14Ngako ningapulapuli amazwi abaprofite abateta kuni, besiti: Aniyi kumkonza ukumkani we‐Babilone; ngokuba bona beprofitesha ubuxoki kuni. 15Ngokuba ndingabatumanga, utsho uyehova, koko beprofitesha egameni lam ngobuxoki, ukuze ndinigxote, nize nibube, nina nabaprofite abaprofiteshayo kuni.
16Ndateta nakubaperisite, nakubo bonke ababantu, ndisiti: Utsho uyehova ukuti: Ningapulapuli amazwi abaprofite benu, abaprofiteshayo kuni, besiti: Bona ke, impahla zendlu kayehova ziya kubuyiswa e‐Babilone kaloku kamsinyane; ngokuba bona beprofitesha ubuxoki kuni. 17Ningapulapuli kubo; konzani ukumkani we‐Babilone, nidle ubomi: kuyinina ukuba esisixeko sibe linxuwa? 18Pofu ukuba bangabaprofite, nokuba ilizwi likayehova liko nabo, mabake batandazele kuyehova wemikosi, ukuba impahla eziseleyo endlwini kayehova, nasendlwini yokumkani wo‐Juda, nase‐Yerusaleme, zingayi e‐Babilone. 19Ngokuba esitsho uyehova wemikosi ngazo intsika, nangalo ulwandle, nangazo izikondo, nangesisalela sempahla eziseleyo kwesisixeko, 20ezo u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone angazitabatanga, nxa wafudusayo u‐Yekoniya unyana ka‐Yoyakime ukumkani wo‐Juda e‐Yerusaleme ukuya e‐Babilone, nayo yonke imiduna yakwa‐Juda neyase‐Yerusaleme: 21ewe, utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ngazo impahla eziseleyo endlwini kayehova, nasendlwini yokumkani wo‐Juda, nase‐Yerusaleme, ukuti: 22Ziya kusiwa e‐Babilone, zibeko kwa kona kude kube ngumhla wokuzikangela kwam, utsho uyehova; oko ndiya kuzinyusa, ndizibuyisele kulendawo.