1Kwaye kute ngenyanga yesixe̔nxe, kweza u‐Shimayeli, unyana ka‐Netaniya, unyana ka‐Elishama, owenzalo yobukumkani, nabakulu bokumkani, namadoda alishumi enaye, ku‐Gedaliya unyana ka‐Ahikame e‐Mitsipa; baye besidla kona isonka ndawonye e‐Mitsipa. 2Waza wesuka u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya, namadoda alishumi abenaye, bambeta u‐Gedaliya, unyana ka‐Ahikame, unyana ka‐Shafane, ngesiṙele, bambulala, lowo ukumkani we‐Babilone ubemenzile umongama pezu kwelizwe. 3Nawo onke ama‐Juda abenaye u‐Gedaliya e‐Mitsipa, nama‐Kaledine abefunyanwa kona, amadoda okulwa, wawabulala u‐Shimayeli.
4Kwaza kwati, ngomhla wesibini emva kwokubulawa kuka‐Gedaliya, xa kungaziwa mntu, 5kweza amadoda evela e‐Shekeme, nase‐Shilo, nase‐Samariya, amadoda angamashumi asibozo, andevu ziguyiweyo, nazivato ziṙazukileyo, eziqapule kanjalo, abeneminikelo nentlakamhlope ezandleni zawo, ukuyizisa endlwini kayehova. 6Wandula u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya wapuma e‐Mitsipa ukuya kuwakaulela, ehamba emana elila; kwaza kwati, nxa abehlangana nawo, wati kuwo: Yizani ku‐Gedaliya unyana ka‐Ahikame. 7Kwabekute, nxa abefikile pakati kwesixeko, waza u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya wawabulala, wawaposa pakati kwomnxuma, yena namadoda abenaye. 8Kodwa amadoda alishumi ebefunyanwa pakati kwawo awati ku‐Shimayeli: Ungasifisi; ngokuba sinendyebo ezifihliweyo endle, inqolowa, neṙalasi, neoli, nobusi. Waza wayeka, engafisanga wona pakati kwabazalwana bawo. 9Kekaloku umnxuma apo u‐Shimayeli waposela kona zonke izidumbu zamadoda abewabulele, ngecala lika‐Gedaliya, ngulowo abewenzile ukumkani u‐Asa ngenxa ka‐Bahasha ukumkani wo‐Sirayeli: wona wawuzalisa u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya ngababuleweyo. 10Waza u‐Shimayeli watimba sonke isisalela sabantu abebese‐Mitsipa, intombi zokumkani, nabo bonke abantu abebesele e‐Mitsipa, abo u‐Nebuzaradane inkosi yomlisela ubempatisile bona u‐Gedaliya unyana ka‐Ahikame; wabatimba ke u‐Shimayeli, unyana ka‐Netaniya, wemka ukuya kuwelela elusatsheni luka‐Hamoni.
11Kodwa u‐Johanane unyana ka‐Kareha, nazo zonke inkosi zezimpi ezibe zinaye, bakuva bonke ububi abebenzile u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya, 12basuka bawatabata onke amadoda, baya ukulwa no‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya, bamfumana ngasemanzini amakulu ase‐Gibeyone. 13Kwaza kwati, xeshekweni bonke abantu abebenaye u‐Shimayeli babona u‐Johanane unyana ka‐Kareha, nazo zonke inkosi zezimpi ezibe zinaye, bandula bavuya. 14Baza bajika bonke abantu abebatimbile u‐Shimayeli e‐Mitsipa, babuya, baya ku‐Johanane unyana ka‐Kareha. 15Kodwa u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya wasinda namadoda asibozo ebusweni buka‐Johanane, waya kulo usapo luka‐Hamoni.
16Waza wasitabata u‐Johanane unyana ka‐Kareha, nazo zonke inkosi zezimpi ezibe zinaye, sonke isisalela sabantu abebabuyisile ku‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya, e‐Mitsipa, emveni kwokuba ebembulele u‐Gedaliya unyana ka‐Ahikame, amaṙoti angamadoda okulwa, nabafazi, nentsapo, nabatenwa abebabuyisile e‐Gibeyone: 17basuka bahamba, bahlala e‐Gerute‐kimuhame, ekufupi ne‐Beteleheme, ukuya kungena e‐Jipete, 18ngenxa yama‐Kaledine; ngokuba bebesoyika wona, ngokokuba u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya ebembulele u‐Gedaliya unyana ka‐Ahikame, lowo ukumkani we‐Babilone ubemenzile umongama pezu kwelizwe.