U‐Jeremiya 47
1ILIZWI likayehova elezayo ku‐Jeremiya umprofite ngawo ama‐Filistiya, engekabeti i‐Gaza u‐Faro. 2Utsho uyehova ukuti:
Bona ke, amanzi ayanyuka enode, aya kuba ngumsinga okukulayo, akukulele ilizwe nokuzala kwalo, isixeko nabahlala kuso; bade bakale abantu, balile bonke abemi belizwe, 3ngenxa yentlokoma yokungqisha kwempupu zamahashe ake anamandla, ngenxa yokuti qaka kwenqwelo zake, yokugunguza kwevili zake: oyise abajikeli kubo abantwana ngokupolelwa kwezandla; 4ngenxa yomhla ozayo ukucitakalisa onke ama‐Filistiya, ukunqamlela i‐Tire ne‐Tsidone bonke abancedi abaseleyo; ngokuba uyehova eya kucitakalisa ama‐Filistiya, isisalela sabesiqiti se‐Kafetori. 5Ubunqai buze pezu kwe‐Gaza; i‐Ashekelone ibujisiwe, kunye nesisalela sabomhlambo wabo: kude kube ninina uya kuziqapula? 6Au, siṙele sikayehova! kude kube ninina ungayi kulala? zifake esinxobeni sako; pumla, uti tu. 7Ungati nina ukulala? ngokuba uyehova esiyalezele ngakuyo i‐Ashekelone, nangakulo unxweme lwolwandle; usinqopisele kwa kona.
Bible Society of South Africa 1902