1Wandula u‐Yesu intsuku zintandatu ingekabiko ipasika weza e‐Betaniya, apo ebekona u‐Lazarusi obe efile, lowo wamvusayo ekufeni. 2Ngako bamenzela isidlo sokuhlwa kona apo; waye u‐Marita ebekonza; kodwa u‐Lazarusi ebengowabahleli ekutyeni ndawonye naye.
3Wandula u‐Mariya, watabata iponti yamafuta mnandi enadusi engcwengileyo, exabiso likulu kunene, watambisa inyawo zika‐Yesu, wazisula inyawo zake ngenwele zake: yati indlu yazaliswa livumba lamafuta lawo. 4Wandula wati omnye wakubadisipile bake, u‐Jude Sikariyoti unyana ka‐Simone, obeza kumngcatsha: 5Kunganina ukuba lamafuta mnandi abengatengiswe ngamakulu matatu edenari, kwaza kwapiwa amahlwempu? 6Watsho ke, bekungengokuba ebekatalela amahlwempu, bekungokuba ebelisela, wanayo inxowa, watabata oko bekufakwa kuyo. 7Wandula wati u‐Yesu; Myeke; uwagcinele imini yokuncw̔atywa kwam. 8Ngokuba amahlwempu ninawo wona futi ekuni; kanti aninam futi.
9Bazi ngoko abantu abaninzi bakuma‐Juda ukuba ukona: beza ke, bekungengenxa ka‐Yesu yedwa, bekukukuba bambone no‐Lazarusi, lowo wamvusayo ekufeni. 10Kodwa abaperisite abakulu bafuna icebo, ukuze bambulale u‐Lazarusi naye; 11kuba abaninzi bebesiti ngaye bemka kuma‐Juda, bakolwa ku‐Yesu.
12Ngomhla olandelayo abantu abaninzi abebeze emtendelekweni, bakuva ukuba u‐Yesu uyeza e‐Yerusaleme, 13batabata amagatya emiti yepalime, bapuma ukuya kumhlangabeza, badanduluka, besiti: Hosana! Makatanyusanqeliswe ozayo egameni likayehova, ukumkani wo‐Sirayeli!
14Wati kekaloku u‐Yesu, elifumene iqwaṙashana, wahlala pezu kwalo; njengokuba kuba̔liwe ngokuti: 15Ungoyiki, ntombi yase‐Ziyone! bona ke, ukumkani wako uyeza, ehleli pezu kwetole leqwaṙashe. 16Kodwa ezizinto abadisipile bake abaziqonda ekuqaleni; koko xeshekweni u‐Yesu ebenzelwe ubungcwalisa, bandula bakumbula ukuba ezizinto zibe ziba̔liwe ngaye, nokuba ezizinto bazenza kuye.
17Sasisiti ngoko isihlwele esibe sinaye, okuya wambiza u‐Lazarusi apume encw̔abeni, wamvusa ekufeni, sanqi̔nela kwa oku. 18Ngako oko kanjalo isihlwele samhlangabeza, ngokokuba besivile ukuba ebewenzile lommangaliso. 19Bati ngoko abafarisi pakati kwabo: Nibona na okokuba anincedi luto? nali ilizwe lipume laya emva kwake.
20Kekaloku bekuko ama‐Girike atile pakati kwabo abebenyuka ukuza kubedesha emtendelekweni: 21wona la eza ngoko ku‐Filipi, obengowase‐Betesayida e‐Galili, amtandaza, esiti: Nkosi! singa singambona u‐Yesu. 22Weza u‐Filipi wamxelela u‐Andreya, nakanjako u‐Andreya no‐Filipi bamxelela u‐Yesu.
23Kodwa u‐Yesu wabapendula, esiti: Lifikile ixeshana lokuba unyana wesintu enzelwe ubungcwalisa. 24Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Xeshekweni ukozo lwenqolowa, lwakuba luwele emhlabeni, lungafi, luhlala lona lulodwa; kodwa xeshekweni lufayo, luvelisa isiqa̔mo ezininzi. 25Otandayo ubomi bake, buya kumlahleka; notiyayo ubomi bake kwelilizwe, wobugcina kude kube bubomi obungunapakade. 26Ukuba umntu uyandikonza, makandilandele; nalapo ndikona mna, woba kwa lapo nomkonzi wam: naxeshekweni umntu andikonzayo mna, ubawo uya kumbeka yena. 27Kaloku umpefumlo wam ukatazekile; ndize nditi nina? Bawo! ndisindise kwelixeshana: koko kungenxa yoku ndezayo kulo elixeshana: 28Bawo! lenzele ubungcwalisa igama lako.
Kwandula kwavela ilizwi ezulwini, lisiti: Sendilenzele ubungcwalisa, ndobuya ndilenzele ubungcwalisa kanjako. 29Saye sisiti isihlwele esibe simi kona, saliva: Kududumile. Babesiti abanye: Ingelosi itetile kuye. 30Wapendula u‐Yesu wati: Akungenxa yam elilizwi liveleyo, kungenxa yenu. 31Kukaloku ukugwetywa kwelilizwe; kaloku inkosi yelilizwe iya kulahlelwa pandle. 32Nam, xeshekweni ndipakanyiswa emhlabeni, bonke ndobatsalela kwa kum. 33Oku ke ebekutsho, eqondisa ukuba kukufa okunina abeza kufa ngako.
34Sati isihlwele ukumpendula: Tina sivile kuwo umteto, ukuba u‐Kristu uyahlala kude kube ngunapakade; uti nina kanti wena ukuti: Unyana wesintu ufanele ukupakanyiswa? ungubanina lo unyana wesintu? 35Wati ngoko kubo u‐Yesu: Kuselixesha elincinane ukanyiso lunani; hambani nxa nisenalo ukanyiso, ukuze ubumnyama bunganibaqi: kanjalo ohambayo ebumnyameni akazi ukuba uya pina. 36Nxa nisenalo ukanyiso, kolwani kulo ukanyiso, ukuze nibe lusapo lwokukanya.
Ezizinto waziteta u‐Yesu, waza wemka, wazifihla kubo.
37Kodwa nakuba ebeyenze imimangaliso emininzi kangaka pambi kwabo, bebengakolwa kuye; 38ukuze ilizwi lika‐Yisaya umprofite lizaliseke, elo walitshoyo ukuti: Yehova! ngubanina okoliweyo yintshumayelo yetu? nengalo kayehova ityiliwe kubanina? 39Ngako oko bebekohlwa kukukolwa, ngokokuba u‐Yisaya watsho kanjako ukuti: 40Uwamfamekisile amehlo abo, wayenza lukuni intliziyo yabo; bangabi babone ngamehlo, baqonde ngentliziyo, baguquke, ndibapilise. 41Kwatshiwo oku ngu‐Yisaya, akubona ubungcwalisa bake, waza wateta ngaye.
42Kodwa noko kwa kubo abapati abaninzi bakolwa kuye; koko ngenxa yabafarisi bebengamvumi, ukuze bangaku̔tshwa entlanganisweni: 43ngokuba bebetanda imbeko yabantu ngapezu kwayo imbeko katixo.
44Kanjalo u‐Yesu wadanduluka wati: Okolwayo kum, akakolwa kum, kukulowo wanditumayo: 45nobonayo mna, uyabona owanditumayo. 46Ndize elizweni mna ndilukanyiso, ukuze osukuba ekolwa kum angahlali ebumnyameni. 47Naxeshekweni umntu evayo amazwi am, angakolwa ke, andimgwebi mna: ngokuba ndingezanga ukuba ndigwebe ilizwe, koko ndize ukuba ndisindise ilizwe. 48Owalayo mna, angawamkeli namazwi am, unalowo umgwebayo: ilizwi endalitetayo, lilo elo eliya kumgweba ngomhla wokupela. 49Ngokuba ndingatetanga ngokwam; koko ubawo owanditumayo, yena wandinika umyalelo wokuba ndoti nina nokuba ndoteta nto nina. 50Kanjako ndiyazi ukuba umyalelo wake ububomi obungunapakade: oko ngoko endikutetayo, njengokuba ubawo etshilo kum, ndiyateta kwa njalo.