ISAHLUKO I.
1KWAYE kuko indoda elizweni le‐Hutse, igama layo ngu‐Jobi. Indoda leyo ibiyefezekileyo, nelungisayo, neyoyikayo utixo, nepambukayo enkohlakalweni. 2Kwaye kuzalelwe yona onyana abasixe̔nxe nentombi ezintatu: 3nemfuyo yayo ibizigusha ezingamawaka asixe̔nxe, nenkamela ezingamawaka matatu, nezibini zenkabi ezingamakulu mahlanu, namaqwaṙashekazi angamakulu mahlanu, nento eninzi kakulu yezicaka: kanjalo indoda leyo ibinkulu kuwo onke amadoda asempumalanga.
4Kekaloku onyana bayo bahlala besenza izidlo ezindlwini zabanye ngabanye ngemihla yabo; baza batuma bamema odade babo bobatatu, ukuba beze ukutya nokusela nabo. 5Kwaye kute kwakuba kuzungulezisiwe imihla yezidlo ezo, wandula watuma u‐Jobi wabangcwalisa, wavuka kusasa, wanikela amadini okutshiswa ngenani labo bonke; ngokuba ebesiti u‐Jobi: Kungati onyana bam bonile, bamgxeka utixo ezintliziyweni zabo. Wenje njalo u‐Jobi onke amaxesha lawo.
6Kwaye kute ngomhla otile, nxa bezayo onyana bakatixo ukuzimisa pambi kwoyehova, weza no‐Satane pakati kwabo. 7Wayesiti uyehova ku‐Satane: Uvela pina? Wapendula u‐Satane kuyehova, wati: Ekusukasukeni emhlabeni, nasekuhambahambeni kuwo. 8Waza uyehova wati ku‐Satane: Ugqalile na isicaka sam u‐Jobi, ukuba akuko onjengaye emhlabeni, indoda efezekileyo, elungisayo, eyoyikayo utixo, epambukayo enkohlakalweni? 9Wapendula u‐Satane kuyehova, wati: Ufumana emoyika utixo na u‐Jobi? 10Akubiyanga na ngokumngqonga, nangokungqonga indlu yake, nangokungqonga konke anako, ngamacala onke? Umsebenzi wezandla zake uwutamsanqele, nemfuyo yake yandile emhlabeni. 11Uz’ uti ke kodwa wolule isandla sako, upate konke anako, waeya kukugxeka ngasebusweni bako. 12Waza uyehova wati kuye u‐Satane: Bona ke, konke anako kusesandleni sako; kupela ungoluli isandla sako pezu kwake. Wasuka wapuma u‐Satane ebusweni bukayehova.
13Kwaye kute ngomhla otile, nxa onyana bake nentombi zake babe besitya, besela nokusela iveyine, endlwini yomkuluwe wabo, yowamazibulo, 14safika isigidimi ku‐Jobi, sati: Inkabi bezipulusha, namaqwaṙashekazi ebesidla ngecala lazo; 15aza ama‐Sheba aziwela, azitimba; nezicaka azibulele ngohlangoti lweṙele; ndikupela mna ndedwa kwosindileyo ukuza kukuxelela. 16Sisateta esi, safika nesinye, sati: Umlilo katixo uwile ezulwini, watshisa igusha nezicaka, wazigqibela; ndikupela mna ndedwa kwosindileyo ukuza kukuxelela. 17Sisateta esi, safika nesinye, sati: Ama‐Kaledine enza amaqela amatatu, agaleleka pezu kwenkamela, azitimba; nezicaka azibulele ngohlangoti lweṙele; ndikupela mna ndedwa kwosindileyo ukuza kukuxelela. 18Sisateta esi, safika nesinye, sati: Onyana bako nentombi zako babe besitya, besela nokusela iveyine, endlwini yomkuluwe wabo, yowamazibulo; 19kekaloku bona ke, umoya omkulu wavela pesheya kwentlango, wabeta imbombo zone zendlu, eyawa pezu kwabatsha abo, bada babuba; ndikupela mna ndedwa kwosindileyo ukuza kukuxelela.
20Wandula wesuka u‐Jobi, waṙazula ingubo yake, wagugula intloko yake, wawa ngasemhlabeni, wabedesha, 21wati: Ndizé ndapuma esizalweni sikama̔, ndizé ndobuyela kona kanjalo: nguyehova obenika, nguyehova ohlutileyo: igama likayehova malibongwe! 22Kuko konke oku akona u‐Jobi; akamnika utixo ubudenge kanjalo.