1Umntu, ozalwa ngumfazi, ungomihla mifutshane, nokolisile ukuba nesitukutezi. 2Uyavela njengembali, andul’ ukunqanyulwa; uyabaleka njengesitunzi, angahlali ke. 3Noko ke pezu kwonjalo uyavula amehlo ako; nam uyandingenisa ekugwebeni kwa nawe. 4Ngubanina ongavelisa okucocekileyo kokunco̔lileyo? akuko namnye. 5Ukuba imihla yake yabiwe, ukuba inani lenyanga zake likuwe, ukuba ummisele umda angenako ukuwugqita, 6jika kuye, ukuze apumle, ade afeze njengomqeshwa umhla wake.
7Ngokuba kuko itemba pezu kwomti, lokuba woti, nxa ugauliweyo, ubuye uhlume, nokuba ihlumelo lawo aliyi kupela. 8Ukuba iba ndala emhlabeni ingcambo yawo, nokuba siyafa isipunzi sawo ehlabatini; 9uya kuti noko, ngalo ivumba lamanzi, ubuye untsule, wenze amasebe njengesityalo esitsha. 10Kodwa indoda iyafa, ingcungcuteke; ewe, umntu uyaqauka umxe̔lo, — upina ke?
11Amanzi ayanqamka elwandle, nomsinga uyatsha, wome ke; 12kwa njalo umntu uyalala pantsi, angesuki: kude kungabi sabiko amazulu, abayi kuvuka; abayi kuvuswa ebutongweni babo kanjalo.
13Akwaba ubuya kundizimeza encw̔abeni, undifihle, kude kubuye ingqumbo yako, undinqopisele ixesha elimisiweyo, undikumbule! 14Ukuba indoda iya kufa, yobuya ipile na? yonke imihla yokulwa kwam ndiya kulinda, kude kufike ukuguqulwa kwam. 15Uya kubiza, ndisabele kuwe mna; uya kunxamela umsebenzi wezandla zako. 16Ngokuba kaloku uwabala amanyatela am; — akulindi na pezu kwesono sam? 17Kuncanyatiselwe enxoweni isigqito sam; uyatungelanisa inkohlakalo yam.
18Okunene intaba isiwa iyonakala, neliwa iyakweleliswa endaweni yalo; 19amanzi ayasinyisa amatye; uyakukulisa okumilayo elutulini lwomhlaba: kwa njalo itemba lomntu uyalibubisa. 20Uyameyisa amaxesha onke, andule emke; uyenza ngakumbi ubuso bake, wandule umndulule. 21Onyana bake bayabekwa, kodwa akazi yena; bayatotywa, kodwa akaboneli kubo. 22Kupela inyama yake isepezu kwake iba nobuhlungu, nompefumlo wake usepakati kwake uba nosizi.