U‐Jobi 18
1WABUYA wapendula u‐Biledadi um‐Shuha, wati:
2Kwoda kube ninina niya kwenzela amazwi isipelo? telekelelani, size sandule ukuteta. 3Yinina ukuba sibalwe ngokungati sizizilo, nokuba sibe ngabanco̔lileyo emehlweni enu? 4Wena, lowo uziṙuzulayo ngengqumbo yake! kwoshiywa umhlaba ngenxa yako na? kwokweleliswa iliwa endaweni yalo na?
5Ewe, ukukanya kwabakohlakeleyo kuya kucinywa; ilangatye lomlilo wake aliyi kukazimla. 6Ukukanya kwoba bumnyama ententeni yake; nesibane sake pezulu kwake siya kucinywa. 7Amanyatela amandla ake aya kuxinwa; elake icebo lomeyelisa. 8Ngokuba eya kuwiselwa elutanjeni ngenyawo zake; wohamba ngokwake pezu kwesisinga. 9Isibata somti ṙintyi ngesitende; umgibe uya kumbamba. 10Intambo yawo ifihlelwe emhlabeni, nenqambu yawo pezu kwendlela. 11Izoyikiso ziya kumtusa ngamacala onke, zimsabise ngenyawo zake. 12Amandla ake olanjiswa; nentshabalaliso yoba ilungile ngecala lake. 13Yodla imisipa yentlonze yake; owamazibulo wokufa wodla izito zake. 14Itemba lake liya kuncotulwa ententeni yake; waeya kuhanjiselwa kukumkani wezoyikiso. 15Zohlala ententeni yake, ize ingabi yeyake; isufure iya kutshizwa pezu kwekaya lake. 16Ngapantsi ingcambo zake ziya kwoma; ngapezulu amasebe ake onqanyulwa. 17Inkunjulwa yake iya kububa elizweni; akayi kuba negama nangapandle kwalo. 18Baya kumcita ekukanyeni aye ebumnyameni, bamgxote emhlabeni omiwayo. 19Akuyi kubako nyana kuye nesalamane pakati kwabantu bake; akuyi kubako noseleyo emizini yake. 20Abasemva bati nqa pezu kwomhla wake, nabapambili babanjwa kukuhlatyuzela. 21Okunene zinjalo intlalo zolimenemene; injalo ke indawo yake ongamaziyo utixo.
Bible Society of South Africa 1902