U‐Jobi 36
1WALEKELA u‐Elihu wati:
2Ndihlalele kancinane, ndandiya kukutyela; ngokuba kuseko amazwi ngenxa katixo. 3Ndiya kuzeka ukwazi kwam kwa kude; nakuye umenzi wam ndiya kunika ubulungisa. 4Ngokuba ngenyaniso amazwi am akabuxoki: ofezekileyo ngokwazi unawe.
5Bona ke, utixo umkulu, kanti akadeli; umkulu ngamandla engqondo. 6Akayi kupilisa okohlakeleyo; nebango lababandezelweyo wolinika. 7Akawasusi kwabalungileyo amehlo ake; nakunye nokumkani eteroneni, uyabahlalisa ngonapakade, bapakanyiswe ke. 8Naxeshekweni benxityiwe ngemixokolelwane, babanjwa ngentambo zembandezelo; 9uyandula abazise isenzo sabo, nezigqito zabo, ukuba benze nger̔atshi; 10nendlebe zabo uyazityilela ululeko, axele ukuba mababuye enkohlakalweni. 11Ukuba bayeva, bakonze nokukonza, bogqiba imihla yabo ebutamsanqeni, neminyaka yabo eziyolweni. 12Kanti ukuba abeva, baya kububa ngomkonto, baqauke bengenakwazi. 13Kwa njalo abaginwa ngentliziyo bayabekela ingqumbo; abakali akuba ebanxiba. 14Kwofa umpefumlo wabo ebutsheni, nobomi babo pakati kwabanco̔lileyo.
15Uyahlangula olusizi ngosizi lwake, nendlebe zabo uyazityila ngembandezelo. 16Nawe ke ebeya kukur̔ola esixingweni, ukuya endaweni ebanzi ekungeko kuxinana kuyo; nento ebekwa esitebeni sako ibiya kuzala bunqata. 17Kodwa uzalisile ityala lokohlakeleyo: ityala nomgwebo ziyakubamba. 18Ngokuba kuko umsindo, lumka hleze akususe ngesibeto: oko isizi esikulu asiyi kukusindisa. 19Wobuka indyebo yako na? Nakanye; akabuki igolide, nawo onke amandla obutyebi. 20Unganxameli ubusuku, apo abantu babutelwa endaweni yabo. 21Lumka, ungabeki enkohlakalweni; ngokuba le uyinyulile pezu kwobunzima.
22Bona ke, utixo uyazipakamisa emandleni ake: ngubanina ofundisayo njengaye? 23Ngubanina ompatisileyo indlela yake? ngubanina notshilo ukuti: Ubenzile ubumenemene? 24Kumbula ukuba uwuzukise umsebenzi wake, lowo abantu bawubencabencayo. 25Uluntu lwonke luyawubonela; umntu uyakangela ekude. 26Bona ke, utixo umkulu, asimazi; inani leminyaka yake, lona alinakupengululwa. 27Ngokuba ewanyusa amatontsi amanzi; ayagalela imvula ngenkungu yake; 28leyo amazulu ayicintsayo; ayatontsela pezu kwabantu ngento eninzi. 29Kanjako kuko na ongaqondayo ukutwabuluka kwelifu, ukudywaba kwentente yake? 30Bona ke, uyatwabulula ukukanya kwake pezu kwalo, namazantsi olwandle uyawagubungela. 31Ngokuba ngazo ezizinto egweba izizwe, enika ukutya ngokuninzi. 32Izandla zake uyazigubungela ngombane, awuyalezele apo aya kuwela kona. 33Ududumo lwake luyaxela ngaye; kwinkomo luyaxela kwa ngako okunyukayo.
Bible Society of South Africa 1902