U‐Jobi 5
1Kaubize ke, ukuba kuko oya kusabela kuwe; nakuwupina kwabazingcwele uya kubeka? 2Ngokuba olihilihili ingqumbo imbulala, noliyilo umona uyamfisa. 3Ndibonile mna ihilihili lisendelisa ingcambo; kodwa ndahla ndaqalekisa ikaya lalo. 4Abantwana balo bakude ekwonwabeni; boncinezelwa esangweni, kungeko umhlanguli: 5elisivuno olambileyo uya kusidla, esisusa nasemaveni; nobutyebi babo umtiyeli ubunxamele.
6Nakuba ububi bungaveli elutulini, nobunzima bungahlumi emhlabeni; 7koko uluntu luzalelwayo ubunzima, njengokuba intlantsi zibalekela pezulu; 8ngendifuna kutixo mna noko, nakuye utixo ngendibekela indawo yam: 9ozenzayo izinto ezinkulu, ezingenakupengululwa; izinto ezimangalisayo, ezingenakubalwa; 10onisa imvula pezu kwomhlaba, okupa amanzi pezu kwezindle: 11ukuba abeke pezulu abatotyiweyo; bati abalilayo bapakanyiselwe ekwonwabeni. 12Uyatshitshisa amaqinga abanamaqokolo, zide izandla zabo zingafezi nanto bayenzayo. 13Uyabamba amalumko ngobawo ubuqokolo; necebo labajikayo linxamile. 14Emini bayafumanana nobumnyama; nanjengasebusuku, bayaputaputa emini enkulu. 15Kodwa uyamsindisa eṙeleni, emlonyeni wabo, nasesandleni sowomeleleyo, osweleyo. 16Ngako kuko itemba kwihlwempu, iti inkohlakalo ivingce umlomo wayo.
17Bona ke, unetamsanqa umntu owohlwaywa ngutixo; ngako ukubeta kwosomandla ungakudeli. 18Ngokuba etutumbisa, abuye abope; uyalimaza, ziti izandla zake zipolise. 19Ezimbandezelweni zintandatu uya kukusindisa; nakwezisixe̔nxe ububi abuyi kukupata. 20Ekulambeni uya kukukulula ekufeni; nasemfazweni wokukulula emandleni eṙele. 21Esibetweni solwimi uya kuzimela; akuyi kwoyika ingcitakaliso yakutika. 22Ingcitakaliso nendlala wohleka ngazo; namaṙamncwa omhlaba akuyi kwoyika wona: 23ngokuba luya kuba namatye asendle ucebano lwako; nezilo zasendle ziya kuxolana nawe. 24Kanjalo uya kukwazi ukuba iseluxolweni intente yako; wauya kubonela kwiṙiwa lako, ungalahleki nto. 25Uya kukwazi kanjako ukuba inzalo yako yoba ninzi, nabazukulwana bako njengenca yomhlaba. 26Woza unobudala obuzeleyo encw̔abeni, njengokubutwa kwesita senqolowa ngexesha laso.
27Bona ke oku, sikupengulule, kunje nje; kuve ke, uzazele wena.
Bible Society of South Africa 1902