U‐Jobi 7
1Akuko na ukulwa emntwini pezu kwomhlaba? nemihla yake ayinjengemihla yomqashwa na? 2Njengokuba ikoboka linxamela amatunzi, nanjengokuba umqashwa elinda umvuzo wake; 3kwa njalo ndabelwe inyanga zobubi, ndimiselwe ubusuku bendiniso. 4Nxa ndilele pantsi, sendisiti: Ndiya kuvuka ninina, bumke ubusuku? kanjalo ndincanyiswa kukuzamazama kude kuse. 5Inyama yam yambatiswe impetu namagada otuli; intlonze yam ishwabene, iyanyibilika. 6Imihla yam igqitisile ngokubaleka isilukiso somluki; iyapeliswa lingeko itemba. 7Kumbula ukuba ubomi bam bungumoya; alisayi kubuya iliso lam libone ukulunga. 8Iliso lalowo undikangeleyo alisayi kundibona; awako amehlo oba pezu kwam, koko ndingayi kubako. 9Ilifu liyapela, liti shwaka; kwa njalo lowo ohlelayo ehadesi akayi kunyuka kona. 10Akasayi kubuyela kanjako endlwini yake; nendawo yake ayisayi kubuya yazane naye.
11Noko andiyi kubamba umlomo wam; ndiya kuteta eluxinezekweni lwomoya wam; ndokalaza ebuṙaṙeni bompefumlo wam. 12Ndilulwandle, ndingumnenga kusinina, lento ubekileyo pezu kwam umlindo? 13Ndakuti: Kwonditutuzela isilili sam, wosidambisa isikalazo sam umandlalo wam; 14wandule ukunditusa ngamapupa, nokundoyikisa ngemiboniso: 15ude umpefumlo wam uqashe ukuṙwishwa, ewe ukufa ngapezu kwamatambo am. 16Ndiwadelile; andiyi kudla ubomi ngonapakade; ndiyeke, ngokuba imihla yam iyinto engendawo.
17Uyinto nina umntu, ukuba umenze mkulu, nokuba umbekele intliziyo yako? 18ukuba umohlwaye imiso yonke, umlinge amaxanyana onke? 19Kwoba kade kangakananina ukuba akuyi kujika kum, nokuba akuyi kundiyeka ndide ndiginye amate am? 20Ndonile; ndiyenza nto nina kuwe noko, wena mlindi wabantu? kunganina ukuba undibekile ndibe yinto yokuwelwa kuwe, ndide ndibe ngumtwalo kwa kum? 21Kunganina kanjalo ukuba ungaxoleli isigqito sam, uyisuse inkohlakalo yam? ngokuba kaloku ndiya kulala elutulini; wondifuna kusasa, koko ndingayi kubako.
Bible Society of South Africa 1902