1WAZA wapendula u‐Jobi, wati:
2Ngenyaniso ndiyakwazi ukuba kunjalo: kodwa angati nina umntu ukuba nokulunga pambi kwotixo? 3Ukuba ebetanda ukupika naye, akangempendulele nto noko inye kweziliwaka. 4Ulumkile ngentliziyo, womelele ngamandla: ngubanina oke wazenza lukuni ngakuye, waza watamsanqeleka? 5Okwelelisayo intaba, zingazi zona; ozipenulayo ngomsindo wake; 6ongcangcazelisa umhlaba usuke endaweni yawo, ziti intsika zawo zididize; 7otetayo elangeni, lingapumi ke; ozincamatisela nenkwenkwezi; 8otwabululayo amazulu yena yedwa, anyatele pezu kwamapezulu olwandle; 9owenzayo u‐Bere, no‐Oriyone, nesilimela, nenkambili zasesuyide; 10owenzayo izinto ezinkulu, ezingenakupengululwa; nemimangaliso, engenakubalwa. 11Bona ke, uyadlula ngakum, kanti andimboni; uyagqita nokugqita, kanti andimqiqi. 12Bona ke, uti ṙintyi; ngubanina ongamnqandayo? ngubanina oya kutsho kuye ukuti: Wenza nto nina? 13Utixo akayi kusonga ingqumbo yake; bayatoba ngapantsi kwayo abancedi abaner̔atshi.
14Kukancinane kangakananina ngakumbi endiya kumpendula mna, ndikete amazwi am ngakuye? 15Lowo, nakuba bendilungileyo, ngendingampenduli; kuye umgwebi wam ngenditaṙuzisa. 16Ukuba bendibizile, waza wandipendula, ngendingakolwa ukuba wolibekela indlebe ilizwi lam: 17ngokuba endityumza ngoqwitela, ewandisa amanxeba am kungeko tuba. 18Akandivumeli ndipinde ukupefumla kwam, koko endihlutisa ngezinto eziṙaṙa. 19Ukuba kutetwa ngamandla, bona ke, unamandla yena; ukuba kutetwa ngokumema, ngubanina oya kundimisela ixesha? 20Ukuba nditi ndilungile, owam umlomo wondigweba; ukuba nditi ndifezekile, wobonisa ukuba ndinobugwenxa. 21Nakuba bendifezekile, ngendingawazi umpefumlo wam; ngendidela ubomi bam. 22Inye into le, kungoko enditshilo: ofezekileyo nokohlakeleyo uyabapelisa. 23Nxa isibeto sibaqa ukubulala, uyahleka ilingwa labangenatyala. 24Umhlaba uyanikwa esandleni sokohlakeleyo; ubuso babagwebi bawo uyabugqubutela; ukuba akunjalo, ungubanina pofu?
25Imihla yam igqitisile isigidimi ngokubaleka: isabile; ayibonanga ubutamsanqa: 26igqitile njengemikombe yengcongolo; njengokozi lubalekela kwinto yokutya. 27Ukuba nditi: Ndiya kulibala isikalazo sam, ndoshiya usizi lwam, ndizomeleze; 28ndiyoyika zonke intlungu zam: ndiyazi ukuba akuyi kundigwebela: 29ndoba netyala: kunganina ke ukuba ndifumane ndizama? 30Ukuba bendizihlambile ngamanzi engqweqwe, ndenza mhlope izandla zam ngesepe; 31oko ubuya kundintywilisa emnxunyeni; ziti izivato zam zinditiye. 32Ngokuba engenguye umntu, njengam, endingampendulayo, singene kunye ekugwebeni. 33Akuko mlamli pakati kwetu, ukuba abeke isandla sake pezu kwetu sobabini. 34Makasuse kum intonga yake, nesoyikeko sake masinganditusi: 35ngenditeta, ndingamoyiki: ngokuba ndingenjalo mna pakati kwam.