1Kwaye kute, xeshekweni bebegqibile bonke abantu ukuwela i‐Yoredane, wandula wateta uyehova ku‐Yoshuwa, esiti: 2Zicapuleleni amadoda abe lishumi linamabini ebantwini, ibe yindoda inye ngesizwe ngesizwe, 3niwayalele ngokuti: Colani apa pakati kwe‐Yoredane, kulondawo inyawo zabaperisite zema ngokuqinileyo, amatye abe lishumi linamabini, niwaweze nani, niwabeke pantsi endaweni yokulalisa, apo niya kulalisa kona obubusuku. 4Waza u‐Yoshuwa wabiza lawomadoda alishumi linamabini, abewamisile ecatshulwe elusatsheni luka‐Sirayeli, indoda inye kwisizwe ngesizwe. 5Wayesiti kuwo u‐Yoshuwa: Welani pambi kwayo ityeya kayehova, utixo wenu, niye pakati kwe‐Yoredane, nizifunqulele nonke ngabanye ilitye libe linye pezu kwamagxalaba enu, ngenani lezizwe zalo usapo luka‐Sirayeli; 6ukuze kube ngumqondiso oku pakati kwenu: xeshekweni abantwana benu baya kubuza ngexesha elizayo, besiti: Amatye la ayinto nina kuni? 7niya kwandula ukuti kubo: Ngawokuti amanzi ase‐Yoredane ebenqanyulwa pambi kwayo ityeya yocebano lukayehova; yakuwela i‐Yoredane, amanzi ase‐Yoredane ebenqanyulwa: kwa njalo lamatye oba yinkumbuzo elusatsheni luka‐Sirayeli kude kube ngunapakade.
8Lwenje njalo ke usapo luka‐Sirayeli, njengokuyalela kuka‐Yoshuwa; lwaya lwacola amatye alishumi elinamabini pakati kwe‐Yoredane, njengokuba ebetshilo uyehova ku‐Yoshuwa, ngenani lezizwe zalo usapo luka‐Sirayeli; lwawaweza nalo ukuya endaweni yokulalisa, lwawabeka pantsi kona. 9Kanjako amatye alishumi elinamabini wawamisa u‐Yoshuwa pakati kwe‐Yoredane, kulondawo apo zemayo inyawo zabaperisite abebetwala ityeya yocebano: ako kona kwada kwanamhla nje.
10Kekaloku abaperisite, abebetwala ityeya, bema pakati kwe‐Yoredane, kwada kwafezwa zonke izinto, abete uyehova wamyalela u‐Yoshuwa ukuba azitete ebantwini, njengako konke u‐Mosesi abemyalele u‐Yoshuwa ngako: baza bakauleza abantu, bawela ke. 11Kwaza kwati, bakuba begqibile ukuwela abantu, yandula yawela ityeya kayehova, nabaperisite, ebusweni babantu.
12Kanjalo usapo luka‐Rubene, nosapo luka‐Gadi, nesiqingata sesizwe sika‐Manase, lwawela luxo̔bile ebusweni bosapo luka‐Sirayeli, njengokuba ebetetile kulo u‐Mosesi. 13Anga angamawaka angamashumi mane amadoda esel’ exo̔bele ukulwa, awawelayo pambi kwoyehova ukuya emfazweni, ematafeni ase‐Jeriko.
14Ngalomhla uyehova wamenza mkulu u‐Yoshuwa emehlweni o‐Sirayeli bonke: baza bamoyika yena, njengokuba bebemoyikile u‐Mosesi, yonke imihla yokudla kwake ubomi.
15Waza watsho uyehova ku‐Yoshuwa, esiti: 16Yalela abaperisite, abatweleyo ityeya yesinqi̔no, ukuba benyuke e‐Yoredane. 17Ngako u‐Yoshuwa wabayalela abaperisite, ngokuti: Nyukani e‐Yoredane. 18Kwaye kute, xeshekweni abaperisite, abebetwala ityeya yocebano lukayehova, bebenyukile pakati kwe‐Yoredane, naxeshekweni imizantsi yenyawo zabaperisite ibinyotukele kowomileyo umhlaba, andula amanzi ase‐Yoredane abuyela endaweni yawo, agqitela zonke indonga zayo, njengexesha lapambili.
19Kekaloku abantu benyuka e‐Yoredane ngoweshumi umhla wenyanga yokuqala, bati waca e‐Gilegale, ngecala lasempumalanga le‐Jeriko. 20Nalawomatye alishumi linamabini, ababewatabatile e‐Yoredane, wawamisa u‐Yoshuwa e‐Gilegale. 21Waza wateta elusatsheni luka‐Sirayeli, esiti: Okuya abantwana benu baya kubuza oyise babo ngexesha elizayo, besiti: Amatye la ayinto nina? 22niya kwandula nibazise abantwana benu, nisiti: Pezu kwowomileyo umhlaba o‐Sirayeli bawela i‐Yoredane le. 23Ngokuba uyehova, utixo wenu, ebewatshisa amanzi ase‐Yoredane pambi kwenu, nada nawela; njengokuba uyehova, utixo wenu, ebesenzela ulwandle olubomvu, owabelutshisa pambi kwetu, sada sawela; 24ukuze basazi bonke abantu bomhlaba isandla sikayehova, ukuba sinamandla sona; ukuze nimoyike uyehova, utixo wenu, imihla yonke.