1KEKALOKU onyana baka‐Arone, u‐Nadabi no‐Abihu, batabata omnye ngomnye isiqumelo sake, bafaka kuzo umlilo, babeka pezu kwawo isiqumiso, banikela ebusweni bukayehova umlilo wasemzini, owaengabayalelanga ngawo. 2Kwaza kwapuma umlilo ebusweni bukayehova, wabagqibela; bafa ke pambi kwoyehova. 3Wandula wati u‐Mosesi ku‐Arone: Koku akutetileyo uyehova, esiti: Ngabo basondela kum ndiya kungcwaliswa, nasebusweni babantu bonke ndiya kuzukiswa. Koko u‐Arone wati cwaka. 4Waza u‐Mosesi wabiza u‐Mishayeli no‐Elitsafane, onyana baka‐Huziyeli, uyisekazi ka‐Arone, wati kubo: Sondelani, susani abazalwana benu pambi kweyingcwele indawo niye ngapandle kwomnquba. 5Basondela ke, babasusa besezihempeni zabo baya ngapandle kwomnquba; njengokuba ebetshilo u‐Mosesi.
6Waza wati u‐Mosesi ku‐Arone, naku‐Elezari, naku‐Yitamare, onyana bake: Intloko zenu ningazihlubululi, nezivato zenu ningaziṙazuli, ukuba ningafi, nokuba kungaqunjelwa yonke intlanganiso; kodwa abazalwana benu, kwa yonke indlu yo‐Sirayeli, mabalilele okukutsha uyehova akupembileyo. 7Aniyi kupuma elucangweni lwentente yentlangano, hleze nife; ngokuba ioli yokutambisa kayehova ipezu kwenu. Baye besenza njengelizwi lika‐Mosesi.
8Waza wateta uyehova ku‐Arone, esiti: 9Iveyine notywala akuyi kubusela, kwa wena nonyana bako kunye nawe, xeshekweni niya kungena ententeni yentlangano, ukuba ningafi: ngummiselwa ongunapakade ngezizukulwana zenu: 10nokuba nenze ukwahluka pakati kwokungcwele nokungengcwele, napakati kwokunco̔lileyo nokucocekileyo; 11nokuba nifundise usapo luka‐Sirayeli yonke imimiso ayitetileyo uyehova kulo ngesandla sika‐Mosesi.
12Waye u‐Mosesi wateta ku‐Arone, naku‐Elezari, naku‐Yitamare, onyana bake abaseleyo, esiti: Tabatani umnikelo wokudla oseleyo kuyo iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova, niwutye ungenagwele kufupi nesibingelo; ngokuba uyinto eyingcwelekazi wona: 13naniya kuwutya endaweni eyingcwele, ngokokuba wona usisahlulelwa sako, nesahlulelwa sonyana bako, kuyo iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova: ngokuba kungokunjalo endiyalelweyo. 14Kanjako isifuba sokushukushukunyiswa nomkono wokufunqufunqulwa niya kuzidla endaweni emhlope, kwa wena, nonyana bako, nentombi zako kunye nawe: ngokuba zisisahlulelwa sako, nesahlulelwa sonyana bako, enizipiwe kwimibingo yoxolo yosapo luka‐Sirayeli. 15Umkono wokufunqufunqulwa nesifuba sokushukushukunyiswa baya kuzizisa kunye neminikelo yamanqata eyenziwa ngomlilo, kuze kushukushukunyiswe umnikelo wokushukushukunyiswa ebusweni bukayehova: oya kuba ngowako, nowonyana bako kunye nawe, ngommiselwa ongunapakade: njengokuba eyalele uyehova.
16Waza u‐Mosesi wafuna kunene ibokwe yedini lesono, kekaloku nantsi itshisiwe: waequmbile ngaku‐Elezari nangaku‐Yitamare, onyana baka‐Arone abaseleyo, esiti: 17Kunganina ukuba ningatyanga idini lesono endaweni engcwele? ngokuba liyinto eyingcwelekazi lona, nenilipiweyo ukuba nitwale inkohlakalo yentlanganiso, ize nenzele bona uxoliso ebusweni bukayehova. 18Bona ke, akungeniswanga igazi lalo pakati kweyingcwele indawo; ninge nilidlile ngenyaniso kweyingcwele indawo, njengokuba ndiyalele. 19Waza wateta u‐Arone ku‐Mosesi, wati: Bona ke, namhla nje banikele idini lesono labo nedini lokutshiswa labo pambi kwoyehova, nangona izinto ezinje zindihlile; ukuba bendityile idini lesono namhla nje, bekuya kuba kulungile na oko emehlweni kayehova? 20Wati u‐Mosesi akuva oku, kwakulungile emehlweni ake.