1WATETA kanjako uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone, esiti: 2Tetani nosapo luka‐Sirayeli, niti kulo: Indoda esukuba inegqita lipuma enyameni yayo, inco̔lile yona ngenxa yegqita layo. 3Oku kwoba kukunco̔la kwayo ngenxa yegqita layo: nokuba inyama yayo iyavuza igqita layo, nokuba inyama yayo ivingciwe ligqita layo, kukunco̔la kwayo oko. 4Yonke imandlalo, alele pezu kwayo lowo unegqita, inco̔lile; nazo zonke izinto, ahleli pezu kwazo, zinco̔lile. 5Kanjalo osukuba ecukumisa umandlalo wake, uya kuhlanza izivato zake, ahlambe emanzini, abe enco̔lile kude kuhlwe. 6Nalowo ohlala pezu kwento, ate lowo unegqita wahlala pezu kwayo, uya kuhlanza izivato zake, ahlambe emanzini, abe enco̔lile kude kuhlwe. 7Nalowo ocukumisa inyama yake onegqita, uya kuhlanza izivato zake, ahlambe emanzini, abe enco̔lile kude kuhlwe. 8Naxeshekweni lowo unegqita amtshicela ococekileyo, uya kwandula yena ahlanze izivato zake, ahlambe emanzini, abe enco̔lile kude kuhlwe. 9Kanjalo zonke izidwashu, akweleyo pezu kwazo lowo unegqita, zoba zinco̔lile. 10Nosukuba ecukumisa enye into ebingapantsi kwake, woba enco̔lile kude kuhlwe; nalowo otwele ezozinto, uya kuhlanza izivato zake, ahlambe emanzini, abe enco̔lile kude kuhlwe. 11Kanjalo lowo asukuba emcukumisile onegqita, engekayalazanga izandla zake ugamanzi, yena uya kuhlanza izivato zake, ahlambe emanzini, abe enco̔lile kude kuhlwe. 12Nompanda wodongwe, awucukumisileyo lowo unegqita, wona uya kuqekezwa; kanti yonke imipanda yemiti yoyalazwa ngamanzi. 13Waeya kuti onegqita, nxa acokiswayo egqiteni lake, andule azibalele imihla isixe̔nxe ibe yeyokucokiswa kwake, aze ahlanze izivato zake, ahlambe inyama yake ngamanzi elayo, abe ecokisekile. 14Nangomhla wesibozo wozitabatela amahobe emabini, umhlaumbi amatole ezuba emabini, eze nawo pambi kwoyehova ngaselucangweni lwentente yentlangano, awanike kumperisite. 15Andule umperisite awanikele, elinye libe lidini lesono, nelinye libe lidini lokutshiswa; kwa njalo umperisite uya kumenzela uxoliso ebusweni bukayehova ngenxa yegqita lake.
16Kanjako indoda, nxa kupuma kuyo imbewu yokulala, yosuka ihlambe yonke inyama yayo ngamanzi, ibe inco̔lile kude kuhlwe. 17Kwa zonke izivato, nazo zonke izintsu, ekupezu kwazo imbewu yokulala, ziya kuhlanzwa ngamanzi, zibe zinco̔lile kude kuhlwe. 18Nomfazi yakulala naye indoda inembewu yokulala, bohlamba emanzini bobabini, babe benco̔lile kude kuhlwe.
19Kanjako umfazi, nxa anegqita, lilelegazi igqita lake enyameni yake, woba yimihla isixe̔nxe ekwahlukaneni kwake: osukuba emcukumisa woba enco̔lile kude kuhlwe. 20Konke alele pezu kwako ekwahlukaneni kwake, kwoba kunco̔lile; nako konke ahleli pezu kwako, kwoba kunco̔lile. 21Osukuba ecukumisa umandlalo wake, uya kuhlanza izivato zake, ahlambe emanzini, abe enco̔lile kude kuhlwe. 22Nosukuba ecukumisa enye into abehleli pezu kwayo, uya kuhlanza izivato zake, ahlambe emanzini, abe enco̔lile kude kuhlwe. 23Nokuba lipezu kwomandlalo, nokuba lipezu kwento abehleli pezu kwayo, woti akulicukumisa, abe enco̔lile kude kuhlwe. 24Ukuba kanjalo indoda ika ilale naye, kuze kube pezu kwayo ukunco̔la kwake, yona yoba inco̔lile imihla isixe̔nxe; nomandlalo isukuba ilele pezu kwawo, woba unco̔lile nawo.
25Naxeshekweni umfazi anokupuma kwegqita legazi lake imihla emininzi, kwakungabiko ixesha lokwahlukana kwake, umhlaumbi nxa anegqita pezu kwelokwahlukana kwake; yonke imihla yegqita lokunco̔la kwake, njengasemihleni yokwahlukana kwake, woba enco̔lile. 26Yonke imandlalo alala pezu kwayo ngayo yonke imihla yegqita lake, yoba kuye njengomandlalo wokwahlukana kwake; nento zonke ahlala pezu kwazo zoba zinco̔lile, njengokunco̔la kwokwahlukana kwake. 27Osukuba ecukumisa ezozinto, woba enco̔lile naye; kukona aya kuhlanza izivato zake, ahlambe emanzini, abe enco̔lile kude kuhlwe. 28Kodwa ukuba ucokisiwe egqiteni lake, uya kwandula azibalele imihla ibe sixe̔nxe, ati kamva abe ecokisekile. 29Nangomhla wesibozo uya kuzitabatela amahobe emabini, umhlaumbi amatole ezuba emabini, aze awazise kumperisite, ngaselucangweni lwentente yentlangano. 30Waye umperisite eya kunikela elinye libe lidini lesono, nelinye libe lidini lokutshiswa; andule umperisite amenzele uxoliso ebusweni bukayehova, ngenxa yegqita lokunco̔la kwake.
31Niya kwenje njalo ukwahlukanisa usapo luka‐Sirayeli ekunco̔leni kwalo; luze lungabubi ngokunco̔la kwalo, lwakunco̔lisa itabanakele yam epakati kwalo.
32Lo ungumteto walowo unegqita, nowalowo kupuma kuye imbewu yokulala, ade anco̔liswe yiyo; 33kwa nowomfazi ofayo ekwahlukaneni kwake, nowalowo opuma igqita, owendoda nowomfazi; nowendoda eleleyo nomfazi onco̔lileyo.