1WAYE uyehova wateta ku‐Mosesi emveni kwokububa kwonyana baka‐Arone ababini, bakusondela ebusweni bukayehova, babuba ke; 2waza wati uyehova ku‐Mosesi: Teta kumkuluwe wako u‐Arone, ukuba makangangeni ngamaxesha onke kweyingcwele indawo, pakati kwekuselo, ngapambi kwesihlalo sofefe, esipezu kwayo ityeya, ukuze angafi; ngokuba ndiya kubonakala ngelifu esihlalweni sofefe. 3Kwoba ngokunje u‐Arone aya kungena kweyingcwele indawo: enenkunzana elitole lenkomo ibe lidini lesono, nenkunzi yegusha ibe lidini lokutshiswa. 4Uya kwambata eyingcwele ihempe yeqiya, nebrukwe yeqiya yoba pezu kwenyama yake, noqwemesha weqiya wobinqa ngalo, nonkontsho lweqiya woyisonga entloko: zizivato ezingcwele ezi; kukona aya kuhlamba ngamanzi inyama yake, akuzambata. 5Nakuyo intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli uya kwamkela amaxwana ebokwe emabini, abe lidini lesono, nenkunzi yegusha inye, ibe lidini lokutshiswa.
6Waye u‐Arone eya kunikela inkunzana yedini lesono, leyo iyeyake, alwenze uxoliso ngenxa yake nangenxa yendlu yake. 7Andule atabate ibokwe zombini, azimise pambi kwoyehova, elucangweni lwentente yentlangano. 8Waye u‐Arone eya kwenza pezu kwebokwe zombini amaqashiso; elinye iqashiso libe le likayehova, nelinye iqashiso libe lelebokwe yokumka. 9Nebokwe ekuya kuwa pezu kwayo iqashiso lokuba ibe ye kayehova, makayisondeze u‐Arone, enze ngayo idini lesono. 10Kodwa ibokwe, ekuya kuwa pezu kwayo iqashiso lokuba ibe yibokwe yokumka, iya kumiswa yona ipilile ebusweni bukayehova, ize yenzelwe uxoliso; ukuba indululwe ibe yibokwe yokumka ukuya entlango.
11Waye u‐Arone eya kusondeza inkunzana yedini lesono, leyo iyeyake, alwenze uxoliso ngenxa yake nangenxa yendlu yake; aze ayixe̔le inkunzana yedini lesono, leyo iyeyake. 12Andule atabate isiqumelo sizele ngamalahle omlilo evela esibingelweni, pambi kwoyehova, nesiqumiso esimnandi, sicolekisiwe ngokunqushwa, ngento ezalisa izandla zake, angenise ezonto pakati kwekuselo. 13Nesiqumiso eso uya kusibeka pezu kwomlilo, pambi kwoyehova; ukuba ilifu lesiqumiso lisibekele isihlalo sofefe esipezu kwaso isinqi̔no, aze angafi. 14Waeya kucapula egazini lenkunzana, alisasaze ngomnwe wake pezu kwesihlalo sofefe ngasempumalanga; nangapambi kwesihlalo sofefe uya kusasaza amaxesha abe sixe̔nxe kwelogazi ngomnwe wake.
15Uya kwandula axe̔le ibokwe yedini lesono, leyo iyeyabantu, angenise igazi layo pakati kwekuselo; aze enze ngegazi elo, njengokuba enzile ngalo igazi lenkunzana, alisasaze pezu kwesihlalo sofefe, nangapambi kwesihlalo sofefe. 16Kanjako uya kwenzela eyingcwele indawo uxoliso, ngenxa yokunco̔la kwosapo luka‐Sirayeli, nangenxa yezigqito zalo ngazo zonke izono zalo; uya kwenje njalo nakuyo intente yentlangano, ehleliyo kulo pakati kwokunco̔la kwalo. 17Akuyi kubako namnye umntu ententeni yentlangano, akungena ukuza kulwenza uxoliso kweyingcwele indawo, ade apume: wolwenje njalo uxoliso ngenxa yake, nangenxa yendlu yake, nangenxa yawo wonke umhlambi wo‐Sirayeli. 18Waeya kupuma aye esibingelweni, esipambi kwoyehova, asenzele uxoliso; ati kanjalo acapule egazini lenkunzana, nasegazini lebokwe, alibeke pezu kwempondo zesibingelo ngento engqongayo. 19Andule asasaze pezu kwaso kwelogazi ngomnwe wake amaxesha abe sixe̔nxe, asicokise, asingcwalise ekunco̔leni kwosapo luka‐Sirayeli.
20Woti akugqiba ukuxolisela eyingcwele indawo, nentente yentlangano, nesibingelo, ayisondeze ibokwe epilileyo. 21Waye u‐Arone eya kulalisa izandla zake zozibini pezu kwentloko yebokwe epilileyo, axele pezu kwayo zonke inkohlakalo zosapo luka‐Sirayeli, nazo zonke izigqito zalo ngazo zonke izono zalo, azibeke pezu kwentloko yebokwe, ayindulule yona ngesandla yendoda efanelekileyo ukuya entlango. 22Yoti ibokwe leyo itwale pezu kwayo zonke inkohlakalo zalo, iye nazo elizweni elilubala: yaiya kuyindulula ibokwe leyo apo entlango.
23Waeya kuza u‐Arone angene ententeni yentlangano, ahlube izivato zeqiya, ezo abezambete ekungeneni kwake kweyingcwele indawo, azishiye kwa kona. 24Andule ahlambe inyama yake ngamanzi endaweni engcwele, azambate izivato zake, abuye apume, anikele elake idini lokutshiswa, nelabantu idini lokutshiswa, enze uxoliso ngenxa yake, nangenxa yabantu. 25Nenqata ledini lesono uya kutshisa lona pezu kwesibingelo.
26Kanjalo lowo obeyindulula ibokwe ibe yibokwe yokumka, uya kuhlanza izivato zake, ahlambe inyama yake ngamanzi, ati emveni kwokunjalo abuye eze emnqubeni. 27Nenkunzana yedini lesono, nebokwe yedini lesono, elalite igazi lazo langeniswa kuze kwenziwe uxoliso kweyingcwele indawo, ziya kukutshelwa ngapandle kwomnquba; nezikumba zazo, nenyama yazo, nomswane wazo, ezonto bozitshisa ngomlilo. 28Nosukuba ezitshisa yena uya kuhlanza izivato zake, ahlambe inyama yake ngamanzi, ati emveni kwokunjalo abuye eze emnqubeni.
29Kwoba ngummiselwa ongunapakade kuni oku: ngenyanga yesixe̔nxe, ngoweshumi umhla wenyanga, niya kubandezela imipefumlo yenu, ningawenzi namnye umsebenzi, nokuba ngozelweyo elizweni, nokuba ngowasemzini opambukele pakati kwenu. 30Ngokuba ngomhla lowo umperisite eya kunenzela uxoliso, ukuba nicokiswe, nize nibe nicokisekile kuzo zonke izono zenu ebusweni bukayehova. 31Wona woba yisabata yopumlo kuni, ukuba nibandezele imipefumlo yenu: ngummiselwa ongunapakade. 32Waye umperisite, lowo aya kumtambisa, kwa lowo aya kuzalisa izandla zake ukukonza ngobuperisite esikundleni soyise, eya kulwenza uxoliso: uya kuzambata izivato zeqiya, izivato ezingcwele, 33axolisele indawo engcwele eyingcwele; waeya kuxolisela nentente yentlangano, nesibingelo; woxolisela nabaperisite, nabo bonke abantu bomhlambi, kanjalo. 34Oku kwoba ngummiselwa ongunapakade kuni, ukuba kwenzelwe usapo luka‐Sirayeli uxoliso, ngenxa yazo zonke izono zalo, kube kanye emnyakeni mnye.
Waza wenza njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.