1Waza wangena enqanaweni, wawela, weza kwesake isixeko.
2Kekaloku bona ke, bazisa kuye umntu onesifo sokushwabanisa elele eluku̔kweni: waza u‐Yesu wabona ukolo lwabo, wati konesifo sokushwabanisa: Yomelela, nyanandini! uxolelwe izono zako. 3Kekaloku bona ke, ababa̔li abatile bati ngapakati kwabo: Lo uyagxeka u‐Tixo. 4Waza u‐Yesu wabona izicingo zabo, wati: Yinina ukuba nizicinge izinto ezikohlakeleyo ezintliziyweni zenu? 5ngokuba okona kulula kukupina; ukuti: Uxolelwe izono zako; ukuti: Suka, uhambe; kusinina? 6kodwa ukuze nazi ukuba unyana wesintu unegunya emhlabeni ukuxolela izono, (wandula wati konesifo sokushwabanisa:) Suka, upate uku̔lo lwako, uye endlwini yako. 7Wesuka ke, wemka waya endlwini yake. 8Zati izihlwele zakubona oku zati nqa, zamdumisa utixo, obenike igunya elingakanana ebantwini.
9WAZA u‐Yesu edlula apo wabona umntu ehleli endaweni yokwamkela iminikelo, o‐kutiwa ngu‐Mateyu, wati kuye: Ndilandele. Wesuka ke, wamlandela. 10Kwaza kwati, nxa abehleli ekutyeni endlwini, kekaloku bona ke, into eninzi yababuti beminikelo naboni beza bahlala ekutyeni ndawonye no‐Yesu nabadisipile bake. 11Baza abafarisi, bakubona oku, bati kubadisipile bake: Kunganina ukuba atye umfundisi wenu kunye nababuti beminikelo naboni? 12Koko u‐Yesu, evile nje, wati kubo: Abomeleleyo abasweli gqir̔a; ngabafayo abalisweleyo. 13Kodwa hambani nifunde ukuba kuti nina, — Ndiyafuna ububele, andifuni umbingo; ngokuba ndingezanga ukubiza abalungileyo, koko ndize ukubiza aboni baguquke.
14Kwandula kweza kuye abadisipile baka‐Johane, besiti: Kunganina ukuba kufuti tina nabafarisi sizila ukutya, kanti abadisipile bako abakuzili? 15Waza wati u‐Yesu kubo: Usapo lwenkambili yomtshakazi lungaba lusizi na, nxa asenalo umyeni? kodwa iya kuza imihla okuya umyeni aya kususwa kulo, lwaluya kuzila ukutya oko ke. 16Akuko mntu ubeka isiziba sencawa engatutyulwanga engutyeni endala; ngokuba into efakiweyo iṙazula kwingubo, siti isiṙoba senzwe sibi ngakumbi. 17Kanjalo akutiwa iveyine entsha ezintsubeni ezindala; okanye, ziyagqoboka intsuba, ize ipalale iveyine, zitshabalale nentsuba: koko kutiwa iveyine entsha ezintsubeni ezikwa zintsha, zandul’ ukugcinwa zombini.
18Esateta ezizinto kubo, bona ke, kwafika umpati otile wambedesha, esiti: Intombi yam isand’ ukufa ngoku; kodwa yiza ubeke isandla sako pezu kwayo, yaiya kupila. 19Wesuka u‐Yesu wamlandela, kwa nabadisipile bake.
20Kekaloku bona ke, umfazi obenetombo legazi iminyaka yalishumi linamibini, weza ngasemva, wacu̔kumisa umqukumbelo wengubo yake: 21ngokuba ebesiti ngapakati kwake: Ukuba ndiyacu̔kumisa ingubo yake kodwa, ndiya kupiliswa. 22Wajika ke u‐Yesu, wambona, wati: Yomelela, ntombi! ukolo lwako lukupilisile. Waza wapiliswa umfazi lowo kwa ngeloxeshana.
23Waza wangena u‐Yesu endlwini yompati, wabona abagwali nomhlambi ungxola, 24wati kubo: Kwelelani; ngokuba intombazana ingafile, ilele butongo. Basuka bamhleka. 25Kuloko wati, wakuku̔tshelwa pandle umhlambi, wangena, wabamba isandla sayo, yavuka ke intombazana. 26Lwaza udumo lwalento lwapumela kulo lonke elolizwe.
27Kekaloku akuba ebedlula apo u‐Yesu, kwamlandela imfama ezimbini, zidanduluka, zisiti nokuti: Yiba netaṙu kuti, Nyana ka‐Davide! 28Kwati akungena endlwini, zeza kuye imfama ezo; waza wati kuzo u‐Yesu: Niyakolwa na ukuba ndinamandla okwenza oku? Zati kuye: Ewe, Nkosi! 29Wandula wacu̔kumisa amehlo azo, esiti: Makube njalo kuni njengokolo lwenu. 30Avulwa ke amehlo azo. Waza u‐Yesu waziyala kakulu, esiti: Lumkani kungaziwa mntu. 31Kodwa zapuma zavakalisa udumo lwake kulo lonke elozwe.
32Kekaloku nxa zibe zipuma, bona ke, kwaziswa kuye umntu osisidenge ongenelwe yidemoni. 33Kwati kwakuku̔tshwa idemoni, sateta isidenge; zaza zati nqa izihlwele, zisiti: Akuzanga kubonwe ngokunjalo kwa‐Sirayeli. 34Kodwa abafarisi bati: Uyaziku̔pa idemoni ngayo inkosi yedemoni.
35WAZA u‐Yesu wajikajikela izixeko zonke nemizi, efundisa ezindlwini zentlanganiso zabo, eshumayela ivangeli yobukumkani, epilisa zonke izifo nazo zonke izikuhlane ebantwini. 36Wati akubona izihlwele, wabetwa lusizi ngazo, ngokuba zibe zicubukile zilahliwe njengezimvu ezingenamalusi. 37Wandul’ ukuti kubadisipile bake: Isivuno okunene sininzi, kodwa abasebenzi bancinane; 38tandazani ngoko kwinkosi yesivuno, ize iku̔pele esivunweni sayo abasebenzi.