1NGALEYOMIHLA, isihlwele sisikulu kakulu nje, bengenanto yokutya kanjako, wababiza u‐Yesu abadisipile bake, wati kubo: 2Ndibetwa lusizi pezu kwesihlwele, ukuba kuse kuntsuku ntatu behlala nam, bengenanto yokutya: 3kanjalo xeshekweni ndibandulula bengatyanga ukuya ezindlwini zabo, baya kucubuka endleleni; ngokuba bevele kude inxenye yabo. 4Baza bapendula kuye abadisipile bake, besiti: Umntu apa angahlutisa aba ngezonka ezivela pina besentlango? 5Wayebuza kubo, esiti: Izonka eninazo zingapina? Bati ke: Zisixe̔nxe. 6Waza wayalela isihlwele ukuba sihlale pantsi emhlabeni. Waza watabata izonka zozixe̔nxe, wabulela, waqezula, wanikela kubadisipile bake, ukuze babeke pambi kwabo: baza babeka pambi kwesihlwele. 7Babenayo nento encinane yentlanzana: waza wabulela, waxela ukuba bazibeke pambi kwabo nazo. 8Batya ke, bahluta: kanjalo kwasuswa amaqezu aseleyo, ingobozi zazisixe̔nxe. 9Kekaloku abo babetyile, ngati bebengamawaka mane: waza wabandulula.
10Wati kekaloku kwa oko wangena enqanaweni kunye nabadisipile bake, weza ezahlulweni zase‐Dalamanuta.
11Baza bapuma abafarisi, baqala ukubuzisana naye, befuna kuye umqondiso uvela ezulwini, bemlinga. 12Waza wagula kakulu emoyeni wake, wati: Yinina ukuba esisizukulwana sifune umqondiso? ngokwenene nditi kuni: Akuyi kunikwa kwesisizukulwana umqondiso. 13Wasuka wabashiya, wabuya wangena enqanaweni, wemkela ecaleni elingapesheya.
14Kekaloku bebelibele ukutabata nabo izonka, benesonka sasinye sinabo enqanaweni kwapela. 15Waza wabayala, esiti: Lumkani, lumkelani igwele labafarisi negwele lika‐Herodi. 16Baza babuzana omnye nomnye, besiti: Utsho, ngokuba singenazo izonka. 17Wayekwazi oku u‐Yesu wati kubo: Yinina ukuba nibuzane, ngokuba ningenazo izonka? Anikaqondi na? aniqiqi na kanjalo? ninentliziyo yenu iselukuni na? 18ninawo amehlo nje, aniboni na? ninazo nendlebe nje, aniva na? aninako nokukumbula na? 19Okuya ndandiqezula izonka zozihlanu pakati kwamawaka amahlanu, nasusa zazingapina izitya zizele ngamaqezu? Bati kuye: Zalishumi linesibini. 20Nokuya ndandiqezula zozixe̔nxe pakati kwamawaka amane, nasusa zazingapina ingobozi zizele ngamaqezu? Baye besiti: Zasixe̔nxe. 21Waza wati kubo: Yinina lento ningaqiqi?
22Weza kekaloku e‐Betesayida: baza bazisa kuye imfama, bambongoza ukuba makayicu̔kumise. 23Waza wabamba isandla semfama, wayitundezela ngapandle kwomzi: wati kanjalo watshicela emehlweni ayo, wabeka izandla pezu kwayo, wayibuza ukuba kuko na into iyibonayo. 24Yakangela pezulu ke yati: Ndiyabona abantu, endibabonayo njengemiti behamba. 25Wandula wabuya wabeka izandla pezu kwamehlo ayo, wayikangelisa pezulu; yaza yabuya yenziwa njengapambili, yababona kwa bonke ngokumhlope. 26Waza wayituma iye endlwini yayo, esiti: Ungangeni emzini ke, ungaxeleli mntu emzini kanjako.
27Kekaloku wapuma u‐Yesu nabadisipile bake baya emizini yase‐Kesareya‐filipi: waza wati endleleni wabuza kubadisipile bake, esiti kubo: Ngubanina abati abantu ndinguye? 28Bapendula ke, besiti: Kutwa ngu‐Johane umbapitizeshi; bati nabanye ngu‐Elija; bati kodwa abanye ngowabaprofite. 29Waza yena wati kubo: Kodwa ngubanina eniti nina ndinguye? Wapendula u‐Petrosi wati kuye: Wena unguye u‐Kristu. 30Waza wabayala kakulu ukuba mabangaxeleli mntu ngaye.
31Wandula waqala ukubafundisa okokuba unyana wesintu ufanele ukuva intlungu ezininzi, nokulahlwa ngabo abadala nabaperisite abakulu nababa̔li, nokubulawa, nokuti emveni kwemihla mitatu abuye avuke. 32Kekaloku ebeteta esositeto ekuhleni. Waza u‐Petrosi wamtabatela kuye waqala ukumtetisa. 33Koko ejikile ke, wakangela abadisipile bake, wamtetisa u‐Petrosi, esiti: Yiya emva kwam, Satane! ngokuba unganyamekeli izinto zikatixo, unyamekela izinto zabantu nje.
34Waza wabiza isihlwele kwa nabadisipile bake, wati kubo: Osukuba efuna ukuza emva kwam, makazikanyeze, apate ikuruse yake, andilandele. 35Ngokuba lowo usukuba efuna ukulondoloza ubomi bake, buya kumlahleka; nosukuba elahlekana nobomi bake ngenxa yam nangenxa yevangeli, oyena wobulondoloza. 36Ngokuba kuya kunceda nto nina umntu, ukuba walizuza ilizwe lonke, waza walahlekelwa ngumpefumlo wake? 37kanjalo uya kunika nto nina umntu ibe lixabiso elilingana nawo umpefumlo wake? 38Ngokuba lowo usukuba enentloni ngam nangamazwi am kwesisizukulwana esibuṙexeza nesonayo, woti nonyana wesintu abe nentloni ngaye, akuza ebungcwaliseni boyise kunye nengelosi ezingcwele.