U‐Nahume 1
ISAHLUKO I.
1UMGWEBO ngayo i‐Nineve. Incwadi yesibonakalo sika‐Nahume um‐Elekoshe.
2Uyehova u ngutixo onekwele, opindezelayo: uyehova ungumpindezeli, ungonomsindo: uyehova ungumpindezeli kubo abayimpi kuye; uyabambela intshaba zake ingqumbo. 3Uyehova uqumba kade, kodwa umkulu ngamandla, akakuka agwebele abanetyala: uyehova indlela yake isesaqwitini naseluqwiteleni, namafu alutuli lwenyawo zake. 4Uyakalimela ulwandle, uyalwomisa, uyatshisa yonke imilambo: i‐Bashane iyabuna, ne‐Karamele; siyabuna nesihlumo se‐Lebanone. 5Intaba ziyangcangcazela pambi kwake, nenduli ziyanyibilika; umhlaba uyazipakamisa ebusweni bake, nelizwe, nabo bonke abemiyo kulo. 6Ngubanina ongemayo pambi kwobuṙala bake? ngubanina nongahlalayo ebushushwini bengqumbo yake? umsindo wake uyatululwa njengomlilo, namawa ayawiswa pantsi nguye. 7Uyehova ulungile, uyinqaba emhleni wobunzima; uyabazi abo batembela kuye. 8Kodwa ngomsinga okukulayo uya kukwenza ukugqitywa kwendawo yayo, nentshaba zake ubumnyama boziputuma.
9Niyaqinga nto nina ngakuye uyehova? uya kukwenza ukugqitywa yena: ubunzima abuyi kuvuka kabini. 10Nakuba bepingelelene njengemitolo, benxilile nokunxila ngeveyine yabo, baya kudliwa njengendiza ezigqibele ukwoma. 11Wapuma kwa kuwe, umqingi wobubi ngakuye uyehova, umcebisi ongendawo. 12Utsho uyehova ukuti: Nakuba bonwabileyo, bebaninzi kangaka, baya kusikwa benjalo noko, waeya kudlula: nangona ndikubandezeleyo, andisayi kubuya ndikubandezele. 13Ngokuba kaloku ndiya kuyapula iyokwe yake kuwe, ndiziqaule izinxibo zako.
14Kodwa uyehova uyalele ngawe, ukuti: Akuyi kubuya kuhlwayelwe abegama lako; ndiya kunqamla endlwini yotixo bako umfanekiso oqingqiweyo nalowo utyityishiweyo; ndiya kulenza incw̔aba lako, ngokuba udelekile.
15NANZIYA ezintabeni inyawo zalowo ushumayelayo indaba ezilungileyo, ovakalisayo uxolo! yenza imitendeleko yako, Juda! feza izibambiso zako, ngokuba ongendawo engasayi kubuya acande kuwe; unqanyulwe kanye.
Bible Society of South Africa 1902