1WAZA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Zenzele amaxilongo abe mabini ngesilivere; ngesetyenzwa elikandelweyo uya kuwenza: woba nawo ukuba kubizwe intlanganiso, nokuba kundululwe amabandla. 3Nxa bavutelayo ngawo, yonke intlanganiso yozihlanganisela kuwe ngaselucangweni lwentente yentlangano. 4Kanti nxa bavutelayo ngalinye, kuya kwandula kuhlanganiselwa ngakuwe inkosi, intloko zamawaka akwa‐Sirayeli. 5Nxa nihlokomisayo ivuso, seleya kunduluka amabandla ate waca ngasempumalanga: 6nxa nihlokomisayo ivuso ngokwesibini, seleya kunduluka amabandla ate waca ngasesuyide: baya kuhlokomisa ivuso ngenxa yenduluko zawo. 7Kanti ekuhlanganisweni kwomhlambi, baya kuvutela, kodwa abayi kulenza ivuso. 8Boba ngonyana baka‐Arone, abaperi site, abaya kuvutela ngawo amaxilongo; babeya kuba ngummiselwa ongunapakade kuni ngezizukulwana zenu. 9Naxeshekweni niya ukulwa elizweni lenu ngakulo utshaba olunibandezelayo, niya kwandula nenze ivuso ngamaxilongo lawo; naniya kukunjulwa ebusweni bukayehova, utixo wenu, nisindiswe nokusindiswa ezintshabeni zenu. 10Kanjalo emhleni wovuyo lwenu, nasemitendelekweni yenu, nasekutwaseni kwenyanga zenu, niya kuvutela ngamaxilongo pezu kwamadini okutshiswa enu, napezu kwemibingo yoxolo yenu; ize ibe yinkunjulelwa kuni pambi kwotixo wenu: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
11KWAZA kwati, ngomnyaka wesibini, ngeyesibini inyanga, ngowamashumi mabini umhla walonyanga, kwenyuswa ilifu kuyo itabanakele yesinqi̔no. 12Lwandula lwanduluka usapo luka‐Sirayeli, ngenduluko zalo, entlango ye‐Sinai; lati ilifu lahlala entlango ye‐Parane. 13Lwaye lunduluka ngokwokuqala, ngelizwi likayehova, ngesandla sika‐Mosesi.
14Kwaza kwanduluka ibanile yebandla lonyana baka‐Juda kuqala, ngemikosi yabo; napezu kwomkosi wake ebengu‐Nahashone, unyana ka‐Haminadabi. 15Napezu kwomkosi wesizwe sonyana baka‐Yisakare ebengu‐Netaneli, unyana ka‐Tsuhare. 16Napezu kwomkosi wesizwe sonyana baka‐Zebulone ebengu‐Eliyabe, unyana ka‐Heloni. 17Kwaza kwahliswa itabanakele; bandul’ ukunduluka onyana baka‐Gereshone nonyana baka‐Merari, betwele itabanakele. 18Yaza yanduluka ibanile yebandla lika‐Rubene, ngemikosi yabo; napezu kwomkosi wake ebengu‐Elitsure, unyana ka‐Shedeyure. 19Napezu kwomkosi wesizwe sonyana baka‐Simone ebengu‐Shelumiyele, unyana ka‐Tsurishadai. 20Napezu kwomkosi wesizwe sonyana baka‐Gadi ebengu‐Eliyasafa, unyana ka‐Dehule. 21Kwandul’ ukunduluka ama‐Kohati, etwele eyingcwele indawo; bati abanye bapakamisa itabanakele kwada kwafikwa ngawo. 22Yaza yanduluka ibanile yebandla lonyana baka‐Frayime, ngemikosi yabo; napezu kwomkosi wake ebengu‐Elishama, unyana ka‐Hamihude. 23Napezu kwomkosi wesizwe sonyana baka‐Manase ebengu‐Gamaliyeli, unyana ka‐Pedatsure. 24Napezu kwomkosi wesizwe sonyana baka‐Benjamine ebengu‐Abidane, unyana ka‐Gideyoni. 25Yaza yanduluka ibanile yebandla lonyana baka‐Dane, ibuta ngasemva kwawo onke amabandla, ngemikosi yabo; napezu kwomkosi wake ebengu‐Ahihezere, unyana ka‐Hamishadai. 26Napezu kwomkosi wesizwe sonyana baka‐Ashere ebengu‐Pagiyeli, unyana ka‐Okerane. 27Napezu kwomkosi wesizwe sonyana baka‐Nefatali ebengu‐Ahira, unyana ka‐Henani. 28Ezi zizinduluko zosapo luka‐Sirayeli, ngemikosi yalo, lwakunduluka.
29Wabesiti u‐Mosesi ku‐Hobabe, unyana ka‐Rehule, um‐Midiyane, usomfazi ka‐Mosesi: Siyahamba tina ukuya kulondawo utshilo uyehova ngayo ukuti: Ndoninika yona; yiza nati, sasiya kukwenzela okulungileyo: ngokuba uyehova etetile okulungileyo pezu kwo‐Sirayeli. 30Wayesiti kuye: Andiyi kuya; koko ndiya kuya elizweni lakowetu, nakubalamane bam. 31Waza wati: Uze ungasishiyi ke; ngokuba, ekubeni ukwaziyo ukuti waca kwetu entlango, uya kuba ngamehlo kuti. 32Kwakuya kuti, nxa uya kuhamba nati, ewe, kuya kuti, okokulunga uyehova aya kukwenza kuti, sokwenza nakuwe.
33Baza bemka entabeni kayehova ihambo yemihla yamitatu; yati ityeya yocebano lukayehova yahamba pambi kwabo leyohambo yemihla mitatu, iye kubahlolela indawo yokupumla. 34Lalibe ilifu likayehova lipezu kwabo emini, ekundulukeni kwabo emnqubeni.
35Kwaye kute, yakunduluka ityeya, wati u‐Mosesi: Vuka, Yehova! intshaba zako mazicitwe, nabo bakutiyayo mababaleke ubuso bako! 36Kanjako yakupumla, wati: Buyela, Yehova! kumawakawaka amawaka akwa‐Sirayeli!