1KWATI kwakufika usapo luka‐Sirayeli, intlanganiso yonke, entlango ye‐Tsine, ngenyanga yokuqala, bahlala abantu e‐Kadeshe: wati u‐Miriyame wafa kona, wancw̔atywa kona kanjalo.
2Kwaye kungeko manzi okuba kusele intlanganiso: basuka babutelana ngaku‐Mosesi nangaku‐Arone. 3Baza abantu bapika no‐Mosesi, batsho ukuti: Akwaba sabesiqauka umpefumlo, nxa abazalwana betu babeqauka umpefumlo ebusweni bukayehova! 4Kunganina ke ukuba ningenisile umhlambi kayehova kulentlango, size sifele kona, tina nenkomo zetu? 5kunganina nokuba nisinyusile e‐Jipete, ukuze nisizise kulendawo embi? asi yindawo yembewu, neyemikiwane, neyemiti yeveyine, neyegranate; akuko manzi okuselwa kanjako.
6Baye besuka u‐Mosesi no‐Arone ebusweni bomhlambi baya elucangweni lwentente yentlangano, bawa ngobuso babo: bati ubungcwalisa bukayehova babonakala kubo. 7Wandula wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 8Tabata intonga leyo, ubute intlanganiso, wena no‐Arone umkuluwe wako, nitete eweni pambi kwamehlo ayo, eliya kukupa amanzi alo; wauya kubapumisela amanzi eweni, uze useze intlanganiso nenkomo zayo.
9Waya u‐Mosesi watabata intonga leyo kwa sebusweni bukayehova, njengokuba ebemyalele. 10Baza u‐Mosesi no‐Arone babuta intlanganiso ngapambi kweliwa, wati u‐Mosesi kubo: Pulapulani ke, nina bangevayo! sinipumisele amanzi kweliliwa yinina? 11Waza u‐Mosesi wapakamisa isandla sake, wabeta iliwa ngentonga yake ngamaxesha amabini; kwandul’ ukupuma amanzi amaninzi, yada yasela intlanganiso, nenkomo zayo.
12Wayesiti uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone: Ngenxa yokuba beningakolwa ndim, ukuba nindingcwalise emehl weni osapo luka‐Sirayeli, kukona ningayi kungenisa lentlanganiso kwelozwe endilinikile kuyo.
13La ngamanzi e‐Meriba, ngokuba lwapikayo usapo luka‐Sirayeli noyehova; waza wangcwaliswa ngalo.
14WANDULA u‐Mosesi wasusa izigidimi e‐Kadeshe ukuya kukumkani we‐Edome, ukuti: Utsho umzalwana wako u‐Sirayeli ukuti: Uyazi wena yonke inkatazo esihlileyo; 15okokuba obawo betu behlela e‐Jipete, nokuba sahlala e‐Jipete imihla yamininzi; nokokuba ama‐Jipete asipata kakubi tina nobawo betu. 16Sati sakukala kuyehova, weva ilizwi letu, watuma ingelosi, wasikupa e‐Jipete; kekaloku, nanku sise‐Kadeshe, isixeko somda wako wokugqibela. 17Makesicande elizweni lako: asiyi kucanda emasimini, nasezitiyeni zemiti yeveyine; asiyi kusela amanzi amaqula kanjako: siya kuhamba ngendlela yokumkani; asiyi kupambukela nangasekunene nangasekohlo, side sidlule imida yako. 18Koko u‐Edome wati kuye: Akuyi kucanda kum, hleze ndipumele ngakuwe ngeṙele. 19Lwati usapo luka‐Sirayeli kuye: Siya kunyuka ngomendo; naxeshekweni sisela kwamanzi ako, mna nenkomo zam, sendiya kunika ixabiso lawo; kupela ndiya kucanda ngenyawo zam, ndingenzi nto. 20Wayesiti: Akuyi kucanda. Waza u‐Edome wapumela ngakuye, ngento eninzi yabantu, nangesandla esomeleleyo. 21Wala njalo ke u‐Edome ukumvumela u‐Sirayeli acande emideni yake; ngako u‐Sirayeli wapambuka kuye.
22LWAZA lwanduluka e‐Kadeshe lwonke usapo luka‐Sirayeli, intlanganiso yonke, lweza entabeni ye‐Hore.
23Kekaloku watsho uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone, entabeni ye‐Hore, ngasemideni yelizwe le‐Edome, esiti: 24u‐Arone wobutelwa ebantwini bake; ngokuba engayi kungena kwelozwe endilinikileyo elusatsheni luka‐Sirayeli, ngenxa yokuba nibe nivukela ilizwi lam ngasemanzini e‐Meriba. 25Tabata u‐Arone, no‐Elezari unyana wake, ubanyusele entabeni ye‐Hore: 26uze umhlube u‐Arone izivato zake, umvatise ngazo u‐Elezari unyana wake; ngokuba u‐Arone eya kubutelwa ebantwini bake, afe kona. 27Wenza u‐Mosesi njengokuba uyehova ebemyalele. Baye benyukela entabeni ye‐Hore emehlweni ayo yonke intlanganiso: 28waza u‐Mosesi wamhluba u‐Arone izivato zake, wamvatisa ngazo u‐Elezari unyana wake; wati u‐Arone wafa kona engcopo yentaba. Bandula behla u‐Mosesi no‐Elezari entabeni leyo. 29Yati yonke intlanganiso, yakubona ukuba u‐Arone uqaukile umpefumlo, yamlilela u‐Arone imihla yamashumi matatu, kwa yonke indlu ka‐Sirayeli.