1KEKALOKU o‐Sirayeli bebehleli e‐Shitime; bada abantu baqala ukwenza umbulo nentombi zama‐Mowabi. 2Zaza zamema abantu beze emibingweni yotixo bazo: basuka abantu badla, bazitoba pambi kwotixo bazo. 3Kwa njalo o‐Sirayeli bazibandakanya no‐Bali‐pehori: yaza yavuta ingqumbo kayehova ngako‐Sirayeli. 4Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Tabata bonke abazintloko zabantu, ubaxo̔me pambi kwoyehova ngaselangeni, ukuze kubuyiswe ubushushu bengqumbo kayehova ko‐Sirayeli. 5Waza u‐Mosesi wati kubagwebi bo‐Sirayeli: Maniti omnye ngomnye abulale amadoda ake azibandakanyileyo no‐Bali‐pehori.
6Kekaloku, bona ke, omnye waselusatsheni luka‐Sirayeli weza wamsondeza kubazalwana bake um‐Midiyanekazi, emehlweni ka‐Mosesi, nasemehlweni ayo yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, nxa bebelila bona emnyango wentente yentlangano. 7Wandula wati u‐Finehasi, unyana ka‐Elezari, unyana ka‐Arone umperisite, akubona oko, wesuka pakati kwentlanganiso, watabata umkonto esandleni sake, 8walandela indoda engum‐Sirayeli ententeni, wahlaba bobabini, indoda engum‐Sirayeli, nenkazana leyo esiswini sayo. Sada sanqamka isibulalo elusatsheni luka‐Sirayeli. 9Abo ke ababefile ngesibulalo bebengamawaka angamashumi mabini enamane.
10Waza wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 11u‐Finehasi, unyana ka‐Elezari, unyana ka‐Arone umperisite, ubuyisile umsindo wam elusatsheni luka‐Sirayeli, ekubeni abenekwele ngekwele lam pakati kwalo, ukuba ndandingagqibelanga usapo luka‐Sirayeli ngekwele lam. 12Yiti ngoko: Bona ke, ndimnika ucebano lwam lwoxolo: 13lwobako kuye, nakwinzalo yake emva kwake, ucebano lwobuperisite obungunapakade; ngokokuba ebenekwele ngenxa yotixo wake, nokuba wenzela usapo luka‐Sirayeli uxoliso. 14Kekaloku igama lendoda engum‐Sirayeli ebuleweyo, eyabibulawa naye um‐Midiyanekazi, lingu‐Zimri, unyana ka‐Salu, inkosi yendlu yoyise pakati kwama‐Simone. 15Negama lenkazana ebuleweyo, lom‐Midiyanekazi, lingu‐Kozibi, intombi ka‐Tsure, obeyintloko yabantu bendlu yoyise e‐Midiyane.
16Wabuva wateta uyehova ku‐Mosesi, wati: 17Wapate ama‐Midiyane ngobutshaba, uwabete: 18ngokuba wona enzile ngobutshaba kuni ngamaqokolo awo, aniqokoleleyo ngawo emcimbini ka‐Pehori, nasemcimbini ka‐Kozibi, intombi yenkosi yase‐Midiyane, udade wawo, ebibulawa emhleni wesibulalo, pezu kwomcimbi ka‐Pehori.