1KEKALOKU usapo luka‐Rubene nosapo luka‐Gadi lwalunenkomo ezininzi, into eninzi kakulu: lwati lwakubona ilizwe lase‐Yahezere, nelizwe le‐Gileyadi, ukuba, bona ke, londawo iyindawo yenkomo; 2lwandula lweza usapo luka‐Gadi nosapo luka‐Rubene, lwatsho ku‐Mosesi, naku‐Elezari umperisite, nakuzo inkosi zentlanganiso, ukuti: 3i‐Hatarote, ne‐Dibone, ne‐Yahezere, ne‐Nimra, ne‐Heshebone, ne‐Elehale, ne‐Sebame, ne‐Nebo, ne‐Behoni; 4elozwe owalibetayo uyehova pambi kwayo intlanganiso yo‐Sirayeli, lilizwe lenkomo; kanjalo izicaka zako zinenkomo. 5Lwalekela lwati: Ukuba sifumene ufefe emehlweni ako, makunikwe elilizwe kwizicaka zako libe yimfuyo, uze ungasiwezi i‐Yoredane.
6Koko u‐Mosesi wati elusatsheni luka‐Gadi naselusatsheni luka‐Rubene: Kanene abazalwana benu boya emfazweni na, nihlale apa nina? 7Yinina ukuba nindwebise intliziyo yosapo luka‐Sirayeli, ukuze lungaweli ukuya kwelozwe uyehova ulupile lona? 8Benje njalo ke oyihlo benu, okuya ndabasusayo e‐Kadeshe‐baneha ukuya kukangela ilizwe. 9Nxa bebenyukile kwada kwasentilini ye‐Shekole, balikangela elozwe, baza bandwebisa intliziyo yosapo luka‐Sirayeli, ukuze lungayi kwelozwe abelupile lona uyehova. 10Yandula yavuta ingqumbo kayehova ngomhla lowo, wayefunga ngokuti: 11Ngenyaniso lamadoda abepuma e‐Jipete, aminyaka ingamashumi mabini napezulu ubudala bawo, akasayi kubona elozwe endifungile ngalo ku‐Abrahame, ku‐Yisake, naku‐Yakobi; ngokuba engakolisanga ukundilandela: 12kupela ngu‐Kalebi unyana ka‐Jefune um‐Kenazi, no‐Yoshuwa unyana ka‐Nune; ngokuba bekolisile bona ukulandela uyehova. 13Kwa njalo ingqumbo kayehova yavuta ngako‐Sirayeli, waza wabadungudelisa entlango iminyaka yamashumi mane, kwada kwagqityelwa sonke esosizukulwana esibe senzile okukohlakeleyo emehlweni kayehova. 14Kekaloku nanku nina nivukile esikundleni soyihlo benu, isihlwele sabantu abonayo, ukuba kube kusandiswa ubushushu bengqumbo kayehova ngako‐Sirayeli. 15Xeshekweni nibuyayo emva kwake, uya kwandula apinde kanjako ukubasalisa entlango; naniya kutshabalalisa bonke abantu aba.
16Lwaza lwasondela kuye, lwati: Izibaya zegusha sozakela inkomo zetu, nezixeko sozakela abantwana betu: 17kodwa tina siya kukauleza ukuxo̔ba, siye pambi kwosapo luka‐Sirayeli, kude kube kokuya siluzisileyo endaweni yalo; kanti abantwana betu baya kuhlala ezixekweni ezinqatyisiweyo, ngenxa yabemi belizwe. 18Asiyi kubuyela ezindlwini zetu, lungekazamkelelanga usapo luka‐Sirayeli olunye ngolunye ilifa lalo. 19Ngokuba singayi kulamkela lifa tina ndawonye nalo pesheya kwe‐Yoredane, nangasele: ngokuba ilifa letu lize kuti nganeno kwe‐Yoredane ngasempumalanga.
20Wandula wati u‐Mosesi kulo: Ukuba niya kuyenza lento, — ukuba noya nixo̔bile pambi kwoyehova emfazweni, 21bati bonke abaxo̔bileyo pakati kwenu bawele i‐Yoredane pambi kwoyehova, ade agqogqe intshaba zake pambi kwake, 22liti nelizwe leyiswe pambi kwoyehova: noti kamva nibuye ke, nibe ningenatyala ebusweni bukayehova nasebusweni bo‐Sirayeli; nelilizwe lona loba yimfuyo kuni ebusweni bukayehova. 23Kanti ukuba aniyi kwenje njalo, bona ke, nonile ngakuye uyehova: kodwa yazini isono senu ukuba sonifumana. 24Zakeleni izixeko ngenxa yabantwana benu, nezibaya ngenxa yegusha zenu; nize nenze ngako okupumileyo emlonyeni wenu.
25Lwaza usapo luka‐Gadi nosapo luka‐Rubene lwateta ku‐Mosesi, lusiti: Izicaka zako ziya kwenza njengokuyalela kwenkosi yam. 26Abantwana betu, abafazi betu, inkomo zetu, nazo zonke izilo zetu, zoba kona apo ezixekweni zase‐Gileyadi; 27kanti izicaka zako ziya kuwela, zonke zixo̔bele ukulwa, pambi kwoyehova ukuya emfazweni, njengokuba inkosi yam itshilo.
28Waza u‐Mosesi wayalela ngalo u‐Elezari umperisite, no‐Yoshuwa unyana ka‐Nune, nabazintloko zendlu zoyise zezizwe zalo usapo luka‐Sirayeli: 29waye u‐Mosesi esiti kubo: Ukuba usapo luka‐Gadi nosapo luka‐Rubene luya kuwela nani i‐Yoredane, lwonke luxo̔bele imfazwe, pambi kwoyehova, nokuba liya kweyiswa ilizwe pambi kwenu; niya kwandula nilunike ilizwe le‐Gileyadi libe yimfuyo. 30Kodwa ukuba aluyi kuwela luxo̔bile nani, lwozuza imfuyo pakati kwenu elizweni le‐Kanane. 31Lwaza lwapendula usapo luka‐Gadi nosapo luka‐Rubene, lusiti: Oko uyehova akutetileyo ezicakeni zako, siya kwenza ngokunjalo. 32Siya kuwela tina, sixo̔bile, pambi kwoyehova, siye elizweni le‐Kanane; nemfuyo yelifa letu soba nayo nganeno kwe‐Yoredane.
33Wandula u‐Mosesi wanika kulo, kwa kulo usapo luka‐Gadi, nakulo usapo luka‐Rubene, nakuso isiqingata sesizwe sika‐Manase unyana ka‐Josefe, ubukumkani buka‐Sihone ukumkani waba‐Amori, nobukumkani buka‐Hogi ukumkani we‐Bashane, ilizwe kunye nezixeko zalo emideni, izixeko zelizwe elingqongayo.
34Lwaye usapo luka‐Gadi lwaka i‐Dibone, ne‐Hatarote, ne‐Harohere, 35ne‐Hatarote‐shofane, ne‐Yahezere, ne‐Yogebeha, 36ne‐Bete‐nimra, ne‐Bete‐harane, izixeko ezinqatyisiweyo; lwaka nezibaya zegusha.
37Lwaye usapo luka‐Rubene lwaka i‐Heshebone, ne‐Elehale, ne‐Kiriyatayime, 38ne‐Nebo, ne‐Bali‐mehone, (ziguqulelwe igama,) ne‐Sibama; lwawabiza ngamagama wambi amagama ezozixeko lwazakayo.
39Lwasuka usapo luka‐Makire, unyana ka‐Manase, lwaya e‐Gileyadi, lwayibamba, lwagqogqa aba‐Amori ababekuyo. 40Waza u‐Mosesi wanika i‐Gileyadi ku‐Makire, unyana ka‐Manase; wada wahlala kuyo. 41Kanjalo u‐Yahire, unyana ka‐Manase, waya wabamba imizi yabo, wayibiza ngokuti yi‐Havote‐yahire. 42Waya no‐Nobaki wabamba i‐Kenate namagxamesi ayo, wayibiza nge‐Nobaki, ngegama lake.