1IHLWEMPU elihamba ngenene yalo, lilungile pezu kwalowo ugwenxa ngomlomo wake, esisidenge.
2Kanjalo, ekungazini kwompefumlo, akuko kulungileyo; nonxamayo ngenyawo, uyona.
3Ubuhilihili bomntu buyenza gwenxa mdlela yake; ize iqumbele uyehova intliziyo yake.
4Ubutyebi buyazuzisa izihlobo ezininzi; kodwa ihlwempu liyahlulwa kummelwane walo.
5Inqi̔na lobuxoki aliyi kuswela ityala; nopimisela ilwimi, akayi kusinda.
6Baninzi ababongoza ubuso benkosi; kanjalo bonke bazizihlobo kumntu obaselayo.
7Bonke abazalwana behlwempu bayalitiya; kangakananina ngakumbi ke izihlobo zalo nkukwelela kude kulo! liputuma amazwi, akako wona.
8Ozuzayo ingqiqo, uyatanda owake umpefumlo; ogcinayo ingqondo, wofumana okulungileyo.
9Inqi̔na lobuxoki aliyi kuswela ityala; nopimisela ilwimi wotshabalala.
10Ubuyolo abufanelekile kwisidenge; kukancinane kangakananina ngakumbi kungafanelekile kwisicaka ukupata abazinkosi!
11Ubutelekelelo bomntu buyalibazisa ingqumbo yake; bubungcwalisa bake ukuxolela isiposo.
12Umsindo wokumkani unjengokuvungama kwengonyama entsha; kodwa imbuko yake injengombete pezu kwenca.
13Unyana osidenge ulilishwa loyise; namapike omfazi anjengokucapaza okufuti.
14Indlu nemfuyo zililifa livela koyise; kodwa umfazi otelekelelayo uvela kuyehova.
15Ubuvila buyawisela ebutongweni obukulu; nomntu onqenayo, uya kulamba.
16Ogcinayo umyalelo, uyagcina owake umpefumlo; odelayo indlela zake, uya kufa.
17Owenza ngofefe kolihlwempu, uyaboleka uyehova; nokwenza kwake wokubuyekezela kuye.
18Yohlwaya unyana wako, nxa kuseko itemba; kodwa ungapakamiseli umpefumlo wako ukumbulala.
19Onomsindo omkulu wotwala ukwohlwayiwa; ngokuba nangona umhlangulayo, uya kubuya upinde noko.
20Yiva icebo, wamkele imfundiso, ukuze ulumke ekupeleni kwako.
21Kuko amaqinga amaninzi entliziyweni yomntu; kodwa icebo likayehova, lilo eliya kuma.
22Inkanuko yomntu ibububele bake; kanjalo olihlwempu ulungile kolixoki.
23Ukwoyika uyehova kubang’ ubomi; onako wohlala ekoliwe; akayi kuhlelwa bububi.
24Ivila liyafihla isandla salo esityeni; aliyi kusibuyisela kwa semlonyeni walo.
25Beta umgxeki, soza silumke isidenge; yohlwaya onokuqonda, woqiqa ukwazi ke.
26Ocita uyise, umhlaumbi osabisa unina, ungunyana owenza idano nehlazo.
27Peza, nyana wam! ukupulapula imfundiso elahlekisayo kuzo iziteto zokwazi.
28Inqi̔na lobunginingini liyagxeka ubugwebo; nomlomo wabakohlakeleyo uyaginya ububi.
29Imigwebo ilungiselwe abagxeki, nezibeto zilungiselwe umhlana wezidenge.