Amaculo 17
ICULO XVII.
Umtandazo ka‐Davide.
1YEHOVA! yiva okulungileyo, pulapula ukumemeza kwam; nika indlebe emtandazweni wam, ongapumi emlonyeni wenkohliso. 2Ukugwetyelwa kwam makuvele ebusweni bako; amehlo ako makakangele okufanelekileyo. 3Uyilingile intliziyo yam; undibonile ebusuku: undicokisile, akuyi kufumana nto; ndicingile, umlomo wam awuyi kugqita. 4Ngokwemisebenzi yabantu, ngelizwi lomlomo wako ndizilumkile indlela zesidlwengu. 5Sekela ukuhamba kwam emikondweni yako, kuze ukunyatela kwam kungatyibiliki.
6Ndibizile kuwe, ngokuba uya kundipendula, Tixo! tobela kum indlebe yako, uve ukuteta kwam. 7Yenza izibele zako zibe ngummangaliso, wena ubasindisayo abatembela kuwe kwabo bavukayo ngakwesandla sako sokunene! 8Ndigcine njengokozo lweliso, ndifihle pantsi kwesitunzi samapiko ako, 9kubo abakohlakeleyo abandicitayo, kuzo intshaba zobomi bam ezindiṙaulayo. 10Bazivingcele ekutyebeni kwabo: bayateta ngeṙatshi ngomlomo wabo. 11Basingqongile kaloku ekuhambeni kwetu: babekile amehlo abo ukutobela emhlabeni. 12Ukuxelisa kwabo kunjengokwengonyama enxamele ukuqwenga; nanjengokwengonyama entsha ihleli ezindaweni ezingasese.
13Vuka, Yehova! mpangele, mwise pantsi: sindisa umpefumlo wam kokohlakeleyo, oliṙele lako; 14kubo abantu, abasisandla sako, Yehova! kubo abantu belizwe elikoyo, abasabelwa sikwokukudliwa kwobomi, nabasisu usizalisayo ngendyebo yako: bakoliwe ngabantwana; nesisalela sabo bayasishiyela intsapo zabo.
15Mna, ndobona ubuso bako ebulungiseni: ndoba ndikoliwe ngumfanekiselo wako ndakuvuka.
Bible Society of South Africa 1902