Amaculo 27
ICULO XXVII.
Elika‐Davide.
1UYEHOVA ulukanyo lwam nosindiso lwam, ndiya kwoyika banina? uyehova ungamandla obomi bam, ndiya kungcangcazela ngobanina? 2Bati abenzi bokungalungileyo bakusondela ngakum, ukuza kudla inyama yam, kwa abayimpi kum, nabazintshaba zam, baku̔beka bawa. 3Nakuba umkosi ubuya kundivimbela, intliziyo yam ayisayi kwoyika; nakuba imfazwe ibiya kundivukela, senditembela koku. 4Inye into endicelileyo kuyehova, eyona ndiya kuyifuna: ukuba mandihlale endlwini kayehova yonke imihla yokudla kwam ubomi; ndize ndikangele ubuhle bukayehova, ndibuze nokubuza etempileni yake. 5Ngokuba eya kundizimeza etabanakeleni yake ngomhla welishwa: wondifihlela endaweni efihlakeleyo yentente yake: wondimisa pezulu eweni. 6Kanjalo kaloku intloko yam yopakanyiswa pezulu pezu kwentshaba zam ezindingqongayo: ngako ndiya kubinga imibingo yomgcobo ententeni yake; ndovuma, ndocula nokucula, kuyehova.
7Yiva ilizwi lam, ndakubiza, Yehova! ube nofefe kum, undipendule. 8Nxa ubusiti: Funani ubuso bam; intliziyo yam yati: Ubuso bako, Yehova! ndobufuna. 9Zungandifihleli ubuso bako; zungabebeti isicaka sako ngengqumbo: ubunguye umncedi wam; zungandilahli, zungandishiyi nokundishiya, Tixo wosindiswa lwam! 10Ngokuba ndishiyiwe ngubawo nanguma̔; kodwa uyehova wondamkela. 11Ndifundise indlela yako, Yehova! undikokele ngendlela elungeleleneyo, ngenxa yabandihlolayo. 12Zungandinikeli ekukanukeni kwentshaba zam; ngokuba kuvuke ngakum amanqi̔na abuxoki, kwa nopefumla ubudlwengu.
13Ngendiba ndibubile, ukuba bendingakolwanga ukubona ukulunga kukatixo emhlabeni wabahleliyo. 14Kangela kuyehova, ukalipe, waeya kuyomeleza intliziyo yako; ewe, kangela kuyehova.
Bible Society of South Africa 1902