Amaculo 35
ICULO XXXV.
Elika‐Davide.
1PIKA wena, Yehova! nabo bapika nam; yilwa wena nabo balwayo nam. 2Bamba ikakana nekaka, upakamele ukundinceda. 3Ṙo̔la intshuntshe, uti vingci indlela ngakubo abandiputumayo: yiti kumpefumlo wam: Ndilusindiso lwako. 4Mabadaniswe, baviswe ihlazo, abo bafuna ubomi bam: mabanqandelwe ngomva, bamatiswe, abo baqingela ukwenzakala kwam. 5Mababe njengomququ pambi kwomoya, iti ingelosi kayehova ibaqu̔be. 6Indlela yabo mayibe bumnyama nobutelezi, iti ingelosi kayehova ibaputume. 7Ngokuba bendifihlele utambo lwabo emnxunyeni kungeko nto; babewumbele umpefumlo wam kungekwa nto ke. 8Wohlelwa yintshabalaliso engazi; utambo alufihlileyo luya kubamba yena, uya kuwa entshabalalisweni kwa kuyo yona. 9Kodwa owam umpefumlo wovuyelela kuyehova; uya kugcoba kulo usindiso lwake. 10Amatambo am onke oti: Yehova! ngubanina onjengawe? wena ukululayo olihlwempu komandla makulu kwawake, ewe, olihlwempu nosweleyo kulowo umpangayo.
11Kuyavuka amanqi̔na abuxoki; ayandibuza oko endingakwazanga. 12Ayandivuza ngokukohlakeleyo esikundleni sokulungileyo, efuna ukuhlutwa kwompefumlo wam. 13Kanti mna, nxa abesifa, ingubo yam yayintlakantlaka; ndabandezela umpefumlo wam ngokuzila ukutya; wati umtandazo wam wabuyela kwa sesifubeni sam. 14Ndaman’ ukwenza njengokungati ungumhlobo nomzalwana kum; ndazitoba ndilila, njengokulila kwonina. 15Kodwa bona bavuya ndakuqwalela, bahlanganisana; abajindi bahlanganisana ngakum, ndingazi; baqwenga, bengayeki: 16ndawonye nabahleki ababuginwa emitendelekweni, banditshixizela ngamazinyo.
17Nkosi! uya kubonela kude kube ninina? Buyisa umpefumlo wam kuzo intshabalaliso zabo, udwa lwam kuzo ingonyamana. 18Ndobulela kuwe entlanganisweni enkulu; ndokudumisa pakati kwabantu abaninzi. 19Abo bazintshaba zam ngobuxoki mabangandivuyeleli; abo banditiyayo kungeko nto mabangapanyazi ngeliso. 20Ngokuba bengateti uxolo; bayaqinga indawo zenkohliso ngakubo abazolileyo bomhlaba. 21Ewe, bawakamisa umlomo wabo pezu kwam; bati: He ke! he ke! iliso letu libonile. 22Ubonile, Yehova! ungati cwaka: Nkosi! ungabi kude nam. 23Zivuse, uvukele ukulungiswa kwam, kwa ityala lam, Tixo wam nenkosi yam! 24Ndilungise njengokwobulungisa bako, Yehova, Tixo wam! mabangandivuyeleli bona. 25Mabangati ezintliziyweni zabo: Tshotsho, mpefumlo wetu! mabangati: Simginyile. 26Mabadaniswe, bamatiswe kunye, abo bavuyayo ngelishwa lam: mabavatiswe ngedano nangehlazo, abo bazenza bakulu ngakum. 27Mabadanduluke ngovuyo, bagcobe, abo bakolela ubulungisa bam; ewe, mabaman’ ukuti: uyehova makenziwe mkulu, okolela itamsanqa lesicaka sake. 28Ulwimi lwam luya kuteta ngobulungisa bako, nangodumo lwako imini yonke.
Bible Society of South Africa 1902