Amaculo 57
ICULO LVII.
Liba̔lelwe umhlabeli omkulu, elokuti: Ungatshabalalisi. Imikitame ka‐Davide, okuya wabaleka u‐Saule emqolombeni.
1YIBA nofefe kum, Tixo! yiba nofefe kum; ngokuba umpefumlo wam utembele kuwe: ndandiya kupepela esitunzini samapiko ako, zide ingozi zidlule. 2Ndiya kubizela kutixo opezu kwonke, kwa kutixo oya kundifezela. 3Uya kutuma ezulwini, andisindise kuko ukugxeka kwondinxameleyo. Sela. Utixo uya kutuma ububele bake nenyaniso yake. 4Umpefumlo wam upakati kwengonyama; ndiyalala pantsi nabavutiweyo, onyana babantu, abamazinyo ayimigwazo nentolo, nolwimi lwabo luliṙele elibukali. 5Yiba upakamile pezu kwezulu, Tixo! nobungcwalisa bako pezu kwomhlaba wonke.
6Balungisile utambo emanyateleni am; umpefumlo wam utotyiwe; bambele isihogo ebusweni bam, beyele kuso bona. Sela. 7Intliziyo yam iqinisiwe, Tixo! intliziyo yam iqinisiwe: ndiya kuvuma, ndicule nokucula. 8Vuka, ngcwalisa yam! vuka, nebele nekinore! ndiya kuvuka kusasa mna. 9Ndokudumisa, Nkosi! pakati kwezizwe; ndocula kuwe pakati kwentlanga. 10Ngokuba ububele bako bukulu kude kube sezulwini, nenyaniso yako kude kube semafini. 11Yiba upakamile pezu kwezulu, Tixo! nobungcwalisa bako pezu kwomhlaba wonke.
Bible Society of South Africa 1902