Amaculo 65
ICULO LXV.
Iculo lika‐Davide, lokuvunywa, liba̔lelwe umhlabeli omkulu.
1INDUMISO iyakulinda, Tixo! e‐Ziyone; nakuwe isibambiso siya kufezwa. 2Wena uvayo umtandazo! uluntu lwonke lwoza kuwe. 3Indawo zenkohlakalo ziyandoyisa; izigqito zetu uya kuzixolela wena. 4Hai itamsanqa loqashwayo nguwe, nomsondezayo ukuba ahlale emakusini ako! siya kukoliswa kukulunga kwendlu yako, kwetempile yako engcwele.
5Uya kusipendula ngezinto ezoyikekileyo ngobulungisa, Tixo wosindiswa lwetu! wena ulitemba lazo zonke incam zomhlaba, nelabakude elwandle: 6oqinisayo intaba ngamandla ake, ebinqiwe ngobomelelo; 7otutuzelayo ukugquma kwelwandle, kwa ukugquma kwamaza azo, nempitimpiti yabantu. 8Kanjalo abo bahleli ezindaweni zokupela bayoyika ngenxa yemiqondiso yako.
Uyagcobisa imvelo zokusa nezokuhlwa. 9Utyelele emhlabeni wawucencesha; uyawutyebisa kakulu ngomlambo katixo, ozele ngamanzi; uyalungisa inqolowa yabo, oko ulungisile wona ngokunjalo. 10Uyanyela kakulu imisele yawo; uyahlisa imiqela yawo; uyawutambisa ngezipango; uyatamsanqelisa ukuhluma kwawo. 11Uhombisile umnyaka ngobubele bako; ziti indlela zako zitontsele ubunqata. 12Ziyatontsela emaṙiweni asentlango; nenduli zibinqiwe ngomgcobo. 13Amadlelo ambatiswe imihlambi; izihlambo nazo zigujungelwe ngenqolowa; ziyadanduluka ngovuyo, ziyavuma kanjako.
Bible Society of South Africa 1902