Amaculo 9
ICULO IX.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngemute‐labene.
1NDODUMISA uyehova ngentliziyo yam yonke; ndoshumayela yonke imimangaliso yako. 2Ndovuya ndigcobe kuwe: ndoculela igama lako, wena upezu kwonke!
3Intshaba zam ekubuyeni kwazo ngomva, zoku̔beka zibube ngenxa yako. 4Ngokuba ulungisile ibango lam netyala lam; wauhleli esihlalweni sobukumkani ugweba ngobulungisa. 5Ubakalimele abaheyideni, utshabalalisile okohlakeleyo, ucimile igama labo kude kube ngunapakade. 6Wena lutshaba! indawo ezicitakeleyo zipelile kanye: izixeko uzicitile; isikumbuzo sazo zona site tshabalala.
7Kodwa uyehova wohlala kude kube ngunapakade: isihlalo sake sobukumkani usimisele ukugweba: 8waye yena eya kugweba ilizwe ngobulungisa; uya kwenzela intlanga umgwebo ngokufanelekileyo. 9Uyehova woba yinyango kubo abancinezelweyo, kwa yinyango ngamaxesha obunzima. 10Abalaziyo igama lako botembela kuwe; ngokuba wena. Yehova! ungabalahlanga abakufunayo.
11Culani kuyehova, ohleli e‐Ziyone: xelani pakati kwezizwe izenzo zake. 12Nxa abuza igazi, uyakumbula zona: akalibali ukukala kwababandezelweyo.
13Ndipate ngofefe, Yehova! kangela ukubandezelwa kwam ngabandizondayo, wena undipakamisayo emasangweni okufa! 14ukuze ndishumayele lonke udumo lwako emasangweni entombi ka‐Ziyone, ndigcobe kulo usindiso lwako.
15Abaheyideni batshonele emnxunyeni babewenzile; elutanjeni abalufihlileyo lubanjiwe olwabo unyawo. 16Uyehova uyaziwa ngomgwebo awenzileyo; ngomsebenzi wezake izandla okohlakeleyo utiyelwe. Sela. Higayone.
17Abakohlakeleyo bobuyela esihogweni; kwa zonke izizwe ezilibala utixo. 18Ngokuba osweleyo engayi kuhlala elityalwa; itemba lamahlwempu aliyi kuba ngunapakade litshabalala.
19Pakama, Yehova! mayingeyisi into engumntu; izizwe mazigwetywe pambi kwobuso bako. 20Beka ukwoyika pezu kwazo, Yehova! zizazi izizwe ukuba zingabantu kodwa. Sela.
Bible Society of South Africa 1902