Amaculo 95
ICULO XCV.
1YIZANI, masigcobe kuye uyehova; masenze intsholo yovuyo kwilityekazi losindiswa lwetu. 2Masize ebusweni bake ngokubulela; masenze intsholo yovuyo kuye ngamaculo.
3Ngokuba uyehova e ngutixo omkulu, nokumkani omkulu pezu kwabo bonke otixo. 4Indawo ezinzulu zomhlaba zisesandleni sake; indyebo zentaba zizezake nazo. 5Ulwandle lolwake, walwenza; nomhlaba owomileyo izandla zake zawudala.
6Yizani, masibedeshe sitobe pantsi; masiguqe ngamadolo ebusweni bukayehova owasenzayo. 7Ngokuba yena e ngutixo wetu; nati singabantu besidlelo sake nezimvu zesandla sake.
Namhla nje ukuba niya kuliva ilizwi lake, 8maningazenzi lukuni intliziyo zenu, njengase‐Meriba, njengasemhleni wase‐Masa entlango; 9okuya oyihlo benu bandilinga, bandivavanya, ewe babona umsebenzi wam. 10Bendidela isizukulwana eso iminyaka yamashumi mane; ndati: Ngabantu abantliziyo ilahlekayo, abazazanga indlela zam: 11endafunga ngabo ngomsindo wam, ukuti: Abasayi kungena ekupumleni kwam.
Bible Society of South Africa 1902