Amaculo 97
ICULO XCVII.
1UYEHOVA upete ngobukumkani; maugcobe umhlaba; masivuye isininzi seziqiti.
2Amafu nesitokotoko ziyamngqonga; ubulungisa nobugwebo bungumsekelo weterone yake. 3Umlilo uyahamba pambi kwake, otshisa intshaba zake ngamacala onke. 4Imibane yake yakanyisa ilizwe; umhlaba wabona, wangcangcazela. 5Intaba zanyibilika njengomtwebeba ebusweni bukayehova, ebusweni benkosi yomhlaba wonke.
6Izulu liyaxela ubulungisa bake, nezizwe zonke ziyabona ubungcwalisa bake. 7Bodaniswa bonke abo bakonza umfanekiso oqingqiweyo, abaziqa̔yiselayo ngawo amadalo: bedeshani yena, nonke nina botixo!
8I‐Ziyone yeva, yavuya; intombi zakwa‐Juda zagcoba, ngenxa yemigwebo yako, Yehova! 9Ngokuba wena, Yehova! upezulu pezu kwomhlaba wonke; upakamile kakulu pezu kwabo bonke otixo.
10Nina nimtandayo uyehova! tiyani okungalungileyo: uyagcina imipefumlo yabangcwele bake; uyabakulula esandleni sabakohlakeleyo. 11Ukukanya kuhlwayelelwe olungileyo, novuyo luhlwayelelwe abantliziyo zilungisekile. 12Vuyani kuyehova, nina balungileyo! nibulele ngenkumbuzo yobungcwele bake.
Bible Society of South Africa 1902