Isityilo sika‐Johane 10
1Ndaza ndabona enye ingelosi eyomeleleyo isihla ezulwini, ilambete ilifu; kwaye kuko umnyama pezu kwentloko yayo; ubuso bayo bebunjengalo ilanga, nenyawo zayo bezinjengentsika zomlilo; 2kanjalo ibipete esandleni sayo incwadana ivulekile: yaza yabeka unyawo lwayo lwokunene pezu kwolwandle, nolwokohlo pezu kwomhlaba, 3yadanduluka ngelizwi elikulu, njengoko ingonyama ikonyayo: naxeshekweni yadandulukayo, zateta zona indudumo zisixe̔nze amazwi azo. 4Kekaloku xeshekweni indudumo zisixe̔nxe ezo bezitetile amazwi azo, bendiza kuba̔la. Ndaza ndeva ilizwi livela ezulwini lisiti kum: Ncamatisela ezonto zatetwayo zindudumo zosixe̔nxe, ungaziba̔li zona ezi. 5Yaza yati ingelosi, leyo ndayibonayo imi pezu kwolwandle napezu kwomhlaba, yapakamisa isandla sayo ngasezulwini, 6yafunga lowo upilileyo kude kube ngunapakade kanapakade, owadalayo izulu nezinto ezikulo, nomhlaba nezinto ezikuwo, nolwandle nezinto ezikulo, ukuba akusayi kuba seko xesha; 7koko kuya kuti emihleni yelizwi leyesixe̔nxe ingelosi, yakuza kuhlokomisa, kwandul’ ukufezwa imfihlakalo katixo, njengokuba eshumayele kuzo izicaka zake abaprofite.
8Laza elolizwi ndalivayo livela ezulwini labuya lateta nam, lati: Yiya utabate loncwadana ivulekileyo esandleni sayo ingelosi emiyo pezu kwolwandle napezu kwomhlaba. 9Ndasuka ndaya kwingelosi leyo, ndati kuyo: Ndinike loncwadana. Yayisiti kum: Tabata, uyidle ugqibe, yaiya kusenza ṙaṙa isisu sako, koko emlonyeni wako iya kuba mnandi njengobusi. 10Ndaza ndayitabata loncwadana kuso isandla sengelosi leyo, ndayidla ndagqiba; yaibe emlonyeni wam injengobusi ukuba mnandi; naxeshekweni bendiyityile, saba ṙaṙa isisu sam. 11Yayisiti kum: Ufanele ukuba ubuye uprofiteshe ngabo abantu, nentlanga, nenteto, nokumkani abaninzi.
Bible Society of South Africa 1902