1NDAZA ndabona, kekaloku bona ke, yona imvana imi pezu kwentaba ye‐Ziyone, benayo abangamawaka alikulu linamashumi mane anesine, benegama loyise wayo liba̔liwe pezu kwamabunzi abo. 2Ndaza ndeva ilizwi livela ezulwini, njengelizwi lamanzi amaninzi, nanjengelizwi lodudumo olukulu; ndeva nelizwi lababeti begitare bebeta kuzo igitare zabo; 3bavuma langa liculo elitsha pambi kwayo iterone, napambi kwezidalwa ezipilileyo zozine nabadala abo; kwaye kungeko namnye ongalifundayo iculo elo, kupela ngabo abangamawaka alikulu linamashumi mane anesine, abebetengiwe kuwo umhlaba. 4Aba bangabo abebengadyojwanga ngamankazana; ngokuba befana nentombi zipela. Aba bangabo abalandelayo imvana apo isukuba isiya kona. Aba bebetengiwe kubo abantu, babe lulibo kuye utixo nakuyo i mvana. 5Akwafunyanwa ke ubuxoki emlonyeni wabo: ngokuba bemsulwa pambi kweterone katixo.
6NDAZA ndabona enye ingelosi ibaleka ngamapiko pakati kwezulu, inayo ivangeli engunapakade, ukuba iyishumayele kubo abemiyo pezu kwomhlaba, nakuzo zonke intlanga, nezizwe, nenteto, nabantu, 7isiti ngelizwi elikulu: Yoyikani utixo, nimnike udumo; ngokuba ifikile iyure yokugweba kwake: nimbedeshe lowo wenzayo izulu, nomhlaba, nolwandle, nemitombo yamanzi.
8Yaza enye ingelosi yalandela, isiti: Iwile, iwile i‐Babilone, esosixeko esikulu, ngokuba isezile zonke intlanga kuyo iveyine yomsindo wombulo wayo.
9Yaza eyesitatu ingelosi yazilandela, isiti ngelizwi elikulu: Osukuba ebedesha ir̔amnco nomfanekiso walo, amkele upa̔u pezu kwebunzi lake, umhlaumbi esandleni sake, 10kwa yena uya kusela kuyo iveyine yomsindo katixo, esel’ igalelwe ingapitikezwanga endebeni yoqumbo lwake; waeya kumbelwa ngomlilo nesufure, ebusweni bazo ingelosi ezingcwele, nasebusweni bayo imvana: 11uti umsi wokumbelwa kwabo unyuke kude kube ngunapakade kanapakade; abanakupumla ke nasemini nasebusuku, abo babedeshayo ir̔amnco nomfanekiso walo, nosukuba elwamkela upa̔u lwegama lalo.
12Nangu ke umonde wabangcwele: naba ke abagcinayo imiyalelo katixo nokolo luka‐Yesu. 13Ndaza ndeva ilizwi livela ezulwini, lisiti kum: Ba̔la ukuti: Banetamsanqa abafileyo abafelayo enkosini emveni kwoku. Ewe, utsho umoya, ukuze bapumle kuyo imizamo yabo; iti imisebenzi yabo ilandele kwa nabo.
14Ndaza ndabona, kekaloku bona ke, ilifu elimhlope, napezu kwelifu elo omnye ehleli, efana nonyana wesintu, enesitsaba segolide pezu kwentloko yake, neṙenqa elibukali esandleni sake. 15Kanjalo enye ingelosi yapuma etempileni, idanduluka ngelizwi elikulu kulowo ubehlala pezu kwelifu, isiti: Ku̔pa iṙenqa lako, uvune; ngokuba lifikile kuwe ixeshana lokuvuna, sise sivutiwe nje isivuno somhlaba. 16Waza lowo ubehlala pezu kwelifu wafaka iṙenqa lake emhlabeni, wavunwa ke umhlaba.
17Yaza enye ingelosi yapuma etempileni esezulwini, ineṙenqa elibukali nayo. 18Kanjalo enye ingelosi yapuma ivela esibingelweni, inegunya pezu kwomlilo waso, yabiza ngesimemezo esikulu kuleyo ibinalo iṙenqa elibukali, isiti: Ku̔pa iṙenqa elibukali lako, ubute izipa zomti weveyine womhlaba; ngokuba idreyive zawo zigqibele ukuvutwa. 19Yaza ingelosi leyo yafaka iṙenqa layo emhlabeni, yabuta idreyive zomti weveyine womhlaba, yaziposela esincinezelweni seveyine esikulu somsindo katixo. 20Saza saxovulwa isincinezelo seveyine ngapandle kwesixeko; kwapuma ke igazi kuso isincinezelo seveyine kwada kwakuyo imikala yamahashe, kwamgama wezitadiya eziliwaka linamakulu matandatu.