1NASEMVENI kwezizinto ndabona enye ingelosi isihla ezulwini, inalo igunya elikulu; wati umhlaba wakanyiswa ngobungcwalisa bayo. 2Yaza yadanduluka ngamandla, ngelizwi elikulu, isiti: Iwile, iwile i‐Babilone enkulu, yaba yindawo yokuhlala yedemoni, nesikundla sabo bonke omoya abanco̔lileyo, nesikundla sazo zonke intaka ezinco̔lileyo nezitiyekileyo: 3ngokuba intlanga zonke ziselile kuyo iveyine yomsindo wombulo wayo, nokumkani bomhlaba benza umbulo nayo, nabatengi bomhlaba batyeba ngenxa yobukulu bobuyolo bayo.
4Ndaza ndeva elinye ilizwi livela ezulwini, lisiti: Pumani kuyo, bantu bam! ukuze ningabi nabudlelana nezono zayo, nokuze ningamkeli kuzo izibetwa zayo: 5ngokuba izono zayo zilandelene kude kwasezulwini, nezenzo zayo ezingalungileyo utixo uzikumbule. 6Vuzani yona njengokuba nayo ivuzile nina, nipindise kuyo okupindiweyo ngokwemisebenzi yayo: endebeni yapitikezayo kuyo, yipitikezeleni okupindiweyo. 7Njengoko izizukisile yapila ngobuyolo ngako, yenzeleni kwa ngokunjalo ututumbo nosizi: ngokuba isitsho entliziyweni yayo ukuti: Nidhleli ndingukumkanikazi, andinguye umhlolokazi, andisayi kubona lusizi. 8Ngako oko kwa semhleni mnye ziya kufika izibetwa zayo, ukufa, nosizi, nendlala, yaiya kutshiswa ngomlilo; ngokuba yomelele inkosi utixo eyigwebayo.
9Babeya kuti okumkani bomhlaba, abawenza umbulo bapila ngobuyolo nayo, bayililele, benze isijwili pezu kwayo, okuya bawubonayo umsi wokutsha kwayo, 10bemi bekude ngenxa yokwoyika ututumbo lwayo, besiti: Yo, yo, esosixeko esikulu i‐Babilone, esosixeko esomeleleyo! kuba kwiyure inye kufikile ukugwetywa kwako.
11Boti nabatengi bomhlaba balile bakale pezu kwayo, kuba intengelo yabo kungaseko mntu oyitengayo: 12intengelo yegolide, neyesilivere, neyamatye anqabileyo, neyeperule, neyeqiya eshiceneyo, neyencawe ebomvu, neyesilike, neyencawe ebomvumnyama; nemiti yonke enuka mnandi, nempahla zonke zopondo lwendlovu, nempahla zonke zemiti enqabileyo kakulu, nezexina, nezesincete, nezamatye akazimlayo; 13nekinamone, nento zokuqu̔misa, namafuta amnandi, nentlakamhlope, neveyine, neoli, nomgubo ocolekileyo, nenqolowa, nenkomo, negusha; neyamahashe, neyenqwelo, neyamakoboka; nemipefumlo yabantu. 14Ziti iziqa̔mo zenkanuko yompefumlo wako zimkile kuwe, nazo zonke izinto zako ezityebileyo nezintle zimkile kuwe, waungasayi kubuya uzifumane. 15Bona abatengi bezizinto, abatyeba ngayo, baya kuma bekude ngenxa yokwoyika ututumbo lwayo, belila, bekala, 16besiti nokuti: Yo, yo, esosixeko esikulu, esibe sambete izivato zeqiya eshiceneyo, nezibomvu, nezibomvumnyama, sahonjiswa ngegolide, nangamatye anqabileyo, nangeperule! 17kuba kwiyure inye buci̔takele ubutyebi obungaka.
Kanjako bonke abakokeli benqanawa, nabo bonke abahambayo ezinqanaweni, nomatrose, nabo bonke abasebenzayo elwandle, bema bekude, 18badanduluka, bebona umsi wokutsha kwayo, besiti: Sisipina isixeko esifana nesisixeko esikulu? 19Baza baposa utuli ezintlokweni zabo, badanduluka, belila bekala nokukala, besiti: Yo, yo, esosixeko esikulu, abati kuso batyeba bonke ababenazo inqanawa elwandle ngenxa yendyebo yaso enqabileyo! kuba kwiyure inye sici̔takele.
20Gcoba pezu kwaso, wena zulu! nani bapostile nabaprofite abangcwele! kuba utixo enipindezelele kwa kuso.
21Yaza ingelosi eyomeleleyo yafunqula ilitye njengelitye lokusila ukuba likulu kwalo, yalikahlela elwandle, isiti: Iya kwenziwa njalo ukuwiswa ngamandla i‐Babilone esosixeko esikulu, yayingasayi kuba safunyanwa. 22Kanjalo ilizwi lababeti begitare, nelabaculi, nelabagwali, nelabahlokomisa amaxilongo, alisayi kuba saviwa pakati kwako; nenci̔bi, noke ubunci̔bi bazo bunjanina, ayisayi kuba safunyanwa nanye pakati kwako; nentlokoma yelitye lokusila ayisayi kuba safunyanwa pakati kwako; 23nokukanya kwesibane akusayi kuba sabonakala pakati kwako; nelizwi lomyeni nelomtshakazi alisayi kuba saviwa pakati kwako: ngokuba abatengi bako bebeyimiduna yomhlaba; ngokuba ngokutakata kwako zalahlekiswa intlanga zonke. 24Kwaza kwafunyanwa kuyo igazi labaprofite nelabangcwele, nelabo bonke ababuleweyo pezu kwomhlaba.