1ANAZI na, bazalwana! (ngokuba nditeta kwabawaziyo umteto,) okokuba umteto unobukosi pezu kwomntu lonke ixesha asahlala ngalo? 2Ngokuba umfazi opantsi kwendoda ebotshiwe ngumteto kwindoda yake nxa isahleliyo; kodwa xeshekweni indoda ifileyo, ukululwe kuwo umteto wendoda. 3Ngako ke, ukuba uba ngowenye indoda, nxa isahleli indoda yake, uya kubizwa ngokuba liṙexezakazi: kodwa xeshekweni indoda yake ifileyo, ukululekile kuwo umteto lowo; ukuze angabi lilo iṙexezakazi, nakuba aba ngowenye indoda. 4Kwa njalo ke, bazalwana bam! nani nenzwa nifile ngakuwo umteto ngawo umzimba ka‐Kristu; ukuba nina nibe ngabo abomnye, kwa abalowo ubevuswa ekufeni, ukuze nivelisele utixo izixakato. 5Ngokuba okuya sibe sisenyameni, imilo yezono, ebivuka ngawo umteto, ibisebenza emalungwini etu, kuze kuveliselwe ukufa izixakato. 6Kodwa kaloku sikululwe emtetweni, sifile nje ngakuko oko esasibanjelwe kuko; ukuze sibe sikonza ngobutsha bomoya, kungabi ngobudala begama.
7Soti nina pofu? Umteto usisono na?
Kwanga kungebe njalo! Noko, isono bendingasazanga, kupela ngawo umteto: ngokuba unqwenelo ngendingalwazanga, ukuba umteto ubungatsho ukuti: Akuyi kunqwenela. 8Kodwa isono, sizuzile ituba nje ngawo umyalelo senza kum lwonke unqwenelo. Ngokuba ngapandle kwomteto isono sifile. 9Nam bendifudula ndipilile ngapandle kwomteto: kodwa kwakufika umyalelo, sabuya sapila isono, ndafa ke mna; 10nomyalelo, obungowobomi, wona lo wafunyanwa ndim ukuba ngowokufa. 11Ngokuba isono sizuzile ituba nje ngawo umyalelo sandilukuhla, sati kwa ngawo sandibulala. 12Kwa njalo ke umteto ungcwele, nomyalelo ungcwele, unobulungisa, ulungile.
13Pofu oko kulungileyo kwaba kukufa na kum?
Kwanga kungebe njalo! koko isono saba kukufa kum, ukuze sibonakale ukuba sisono, sindenzela ukufa ngako okulungileyo; ukuze isono ngawo umyalelo sibe sibubono ngento egqitisileyo. 14Ngokuba sisazi ukuba umteto ubumoya: kodwa mna ndibunyama, nditengiselwe ngapantsi kwesono. 15Ngokuba oko ndikwenzayo ndingakwazi: ngokuba oko ndikutandayo, oku ndingakwenzi; koko oko ndikutiyayo, oku ndikwenza. 16Kodwa ukuba oko ndingakutandiyo, oku ndiyakwenza, ndiyavumela umteto ukuba ulungile. 17Kuze kaloku kungabi sendim okwe nzayo kona, kusisono esimiyo kum. 18Ngokuba ndisazi ukuba akumi kum, oko kukuti enyameni yam, into elungileyo: ngokuba ukutanda kuko ngakum; kodwa ukufeza oko kulungileyo andikufumani. 19Ngokuba okulungileyo endikutandayo ndingakwenzi; koko okukohlakeleyo endingakutandiyo, oku ndikwenza. 20Kodwa ukuba oko ndingakutandiyo mna, oku ndiyakwenza, akusendim okwenzayo kona, kusisono esimiyo kum. 21Ndiyafumana ngoko lomteto, wokuba, nxa nditandayo ukwenza oko kulungileyo, oko kukohlakeleyo kuko ngakum. 22Ngokuba ndigcoba emtetweni katixo ngokwowapakati umntu: 23kodwa ndiyabona umteto wumbi emalungwini am, usilwa nomteto woluvo lwam, unditimbela emtetweni wesono osemalungwini am. 24Hai umntu olusizi endinguye! ngubanina oya kundihlangula emzimbeni wokukufa? 25Ndiyabulela kutixo ngaye u‐Yesu Kristu inkosi yetu. Ngako ke mna ngokwam nditi ngoluvo ndikonze emtetweni katixo, kodwa ngenyama, emtetweni wesono.