1WAZA u‐Bohazi wenyuka waya esangweni, wahlala pantsi apo: kekaloku bona ke, wadlula umkululi lowo u‐Bohazi ubetetile ngaye; waza wati kuye: Wa Nantsi! pambuka, uhlale pantsi apa. Wapambuka, wahlala pantsi ke. 2Wandula watabata amadoda alishumi kwabadala besixeko, wati: Hlalani pantsi apa. Ahlala pantsi ke. 3Waza wati kumkululi lowo: Isahlulo somhlaba esibe sesika‐Elimeleki umzalwana wetu, utengisile ngaso u‐Nahomi, owabuyayo ezweni le‐Mowabi: 4ndandisiti mna: Ndiya kutyila ezindlebeni zako, ukuti: Sitenge pambi kwabemi besixeko, napambi kwabadala babantu bam: ukuba uya kusikulula, sikulule; kodwa ukuba akuyi kusikulula, ndixelele ke, ukuba ndikwazi: ngokuba kungeko mntu oya kusikulula ngapandle kwako; nam ndisemva kwako. Wayesiti: Ndiya kusikulula. 5Waza wati u‐Bohazi: Ngomhla wokutenga kwako umhlaba lowo esandleni sika‐Nahomi, wowutenga nakuye u‐Rute um‐Mowabikazi, umfazi wofileyo, ukuvusa igama lofileyo pezu kwelifa lake. 6Wandula wati umkululi lowo: Andingezikululele mna, hleze ndilonakalise ilifa lam: zikululele wena inkululo yam; ngokuba ndikohlwa ukukulula mna.
7Kekaloku eli libe lilisiko kudala, kwa‐Sirayeli, ngako ukukulula nokwanana, kuze kuqiniswe zonke izinto, lokuba war̔ola umntu isihlangu sake, wasinika kummelwane wake: bekusisinqi̔nelo kwa‐Sirayeli oku.
8Wati ngoko lomkululi ku‐Bohazi: Zuzitengele; wandula wasirola isihlangu sake.
9Waza u‐Bohazi wati kubo abadala nabo bonke abantu: Ningamanqi̔na nina namhla, okuba nditengile konke okube kukokuka‐Elimeleki, nako konke okube kukokuka‐Kiliyone nokuka‐Mahalone, esandleni sika‐Nahomi. 10Nakanjako u‐Rute um‐Mowabikazi, umfazi ka‐Mahalone, ndimtengile abe ngumfazi wam, ukuvusa igama lofileyo pezu kwelifa lake, ukuze igama lofileyo linganqanyulwa kubo abazalwana bake, nasesangweni lomzi wake: ningamanqi̔na nina namhla. 11Baza bati bonke abantu abebesesangweni, nabadala: Singamanqi̔na. Uyehova makenze lomfazi, ongenileyo endlwini yako, njengo‐Rakele nanjengo‐Leya, abati bobabini bayaka indlu ka‐Sirayeli: mauti wena wenze ubutyebi e‐Eferata, uzuze igama e‐Beteleheme: 12nendlu yako maibe njengendlu ka‐Faretse, owazalelwa u‐Juda ngu‐Tamare, ngenzalo uyehova aya kuyinika kuwe ngomtshakazi lowo.
13Kwa njalo u‐Bohazi wamzeka u‐Rute, owaba ngumfazi wake: wati akungena kuye, uyehova wamnika ukukaula, wada wazala unyana. 14Baza abafazi bati ku‐Nahomi: Makabongwe uyehova, ongakuyekanga ungabi namkululi namhla, ukuba igama lake lidunyiswe kwa‐Sirayeli: 15waeya kuba ngumbuyisi wobomi kuwe, nomfunzeli wobudala bako: ngokuba umolokazana wako, okutandayo, emzele, lowo olungile kuwe ngapezu kwonyana abasixe̔nxe. 16Waza u‐Nahomi watabata umntwana lowo, wambeka esifubeni sake, waba ngumondlikazi wake. 17Bati abamelwanekazi bake bamtiya igama, besiti: Kuzelwe unyana ku‐Nahomi; baye bembiza ngegama elingu‐Obedi: yena nguyise ka‐Jese, uyise ka‐Davide.
18Kekaloku ezi zizizizukulwana zika‐Faretse: u‐Faretse wazala u‐Hetserone, 19no‐Hetserone wazala u‐Rame, no‐Rame wazala u‐Haminadabi, 20no‐Haminadabi wazala u‐Nahashone, no‐Nahashone wazala u‐Salimone, 21no‐Salimone wazala u‐Bohazi, no‐Bohazi wazala u‐Obedi, 22no‐Obedi wazala u‐Jese, no‐Jese wazala u‐Davide.