Amaqela ababingeleli oonyana baka-Aron
1Ke oonyana baka-Aron, amaqela abo ibingala: oonyana baka-Aron nguNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare. 2Bafa ooNadabhi noAbhihu phambi koyise, bengenanyana; baba ngababingeleli ooElazare noItamare.
3Wabahlula uDavide: yanguTsadoki koonyana bakaElazare, yanguAhimeleki koonyana bakaItamare, ngodidi lwabo ekonzweni yabo. 4Bafumaneka oonyana bakaElazare bebaninzi ngokweentloko zamagorha, ngaphezu koonyana bakaItamare. Babenjenje ukubahlula: koonyana bakaElazare, iintloko zezindlu zooyise zaba lishumi elinantandathu; koonyana bakaItamare, zasibhozo ngokwezindlu zooyise. 5Babahlula ngamaqashiso, aba baba naba; ngokuba abaphathi bendawo engcwele nabaphathi bakaThixo bebengabakoonyana bakaElazare, naphakathi koonyana bakaItamare.
6UShemaya unyana kaNataniyeli umbhali, wakubaLevi, wababhala phambi kokumkani, nabathetheli, noTsadoki umbingeleli, noAhimeleki unyana ka-Abhiyatare, neentloko zezindlu zooyise kubabingeleli nakubaLevi; indlu yoyise inye iphuma noElazare, inye iphuma noItamare.
7Laphuma iqashiso lokuqala noYoyaribhi, 8elesibini noYidaya, elesithathu noHarim, 9elesiné noSehorim, elesihlanu noMalekiya, elesithandathu noMiyamin, 10elesixhenxe noHakotse, elesibhozo noAbhiya, 11elesithoba noYeshuwa, eleshumi noShekaniya, 12eleshumi elinanye noEliyashibhi, eleshumi elinesibini noYakim, 13eleshumi elinesithathu noHupa, eleshumi elinesiné noYeshebhabhi, 14eleshumi elinesihlanu noBhilega, eleshumi elinesithandathu noImere, 15eleshumi elinesixhenxe noHezire, eleshumi elinesibhozo noApitsetse, 16eleshumi elinesithoba noPetaya, elamashumi omabini noYehezekeli, 17elamashumi omabini analinye noYakin, elamashumi omabini anesibini noGamuli, 18elamashumi omabini anesithathu noDelaya, elamashumi omabini anesiné noMahazeya. 19Lulo olo udidi lwabo, lwenkonzo yabo yokungena endlwini kaYehova, ngokwesiko labo elanikwa nguAron uyise, njengoko wawisa umthetho uYehova uThixo kaSirayeli.
20Ke koonyana bakaLevi abaseleyo ngaba: koonyana baka-Amram nguShubhayeli; koonyana bakaShubhayeli nguYedeya. 21NgoRehabhiya: koonyana bakaRehabhiya, intloko nguIshiya. 22KumaItsare nguShelomoti; koonyana bakaShelomoti nguYahati. 23Koonyana bakaHebron nguYeriya inkulu, noAmariya owesibini, noYahaziyeli owesithathu, noYekamam owesiné. 24Oonyana bakaUziyeli nguMika; koonyana bakaMika nguShamire. 25Umkhuluwa kaMika nguIshiya; koonyana bakaIshiya nguZekariya. 26Oonyana bakaMerari nguMali noMushi, oonyana bakaYahaziya unyana wakhe. 27Kwaoonyana bakaMerari ngooYahaziya unyana wakhe, noShoham, noSakure, noIbri. 28NgoMali kuvele uElazare, ongabanga nanyana. 29NgoKishe: oonyana bakaKishe nguYerameli. 30Oonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noYerimoti.
Ngabo abo oonyana babaLevi, ngokwezindlu zooyise. 31Babawisela amaqashiso nabo kwanjengabazalwana babo, oonyana baka-Aron, phambi koDavide ukumkani, noTsadoki, noAhimeleki, neentloko zezindlu zooyise zababingeleli nezabaLevi: iinkulu zezindlu zooyise kwanjengabaninawa babo.