Imilibo yezizalwana
1Onke ke amaSirayeli abhalwa emilibeni yokuzalwa: nango ke ebhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli. AmaYuda athinjwa, asiwa eBhabheli ngenxa yokumeneza kwawo.
2Abemi bokuqala, ababesemafeni abo emizini yabo, babengamaSirayeli, ababingeleli, nabaLevi, nabasebenza etempileni. 3EYerusalem kwahlala aboonyana bakaYuda, naboonyana bakaBhenjamin, naboonyana booEfrayim noManase: 4ngu-Utayi, unyana ka-Amihudi, unyana kaOmri, unyana kaImri, unyana kaBhani, koonyana bakaPeretse, unyana kaYuda. 5NakumaShilo: nguAzaya amazibulo akhe, noonyana bakhe. 6Koonyana bakaZera nguYehuweli nabazalwana bakhe: amakhulu amathandathu anamanci asithoba. 7Koonyana bakaBhenjamin: nguSalu unyana kaMeshulam, unyana kaHodafiya, unyana kaHasenuwa, 8noIbheneya unyana kaYeroham, noEla unyana kaUzi, unyana kaMikri, noMeshulam unyana kaShefatiya, unyana kaRehuweli, unyana kaIbheniya; 9nabazalwana babo ngokweenzala zabo: amakhulu asithoba anamanci mahlanu anabathandathu. Onke loo madoda abeziintloko zezindlu zooyise ezindlwini zooyise.
10Kubabingeleli: nguYedaya, noYehoyaribhi, 11noYakin, noAzariya, unyana kaHilekiya, unyana kaMeshulam, unyana kaTsadoki, unyana kaMerayoti, unyana ka-Ahitubhi, ingànga yendlu kaThixo; 12noAdaya, unyana kaYeroham, unyana kaPashure, unyana kaMalekiya; noMahasayi unyana ka-Adiyeli, unyana kaYazera, unyana kaMeshulam, unyana kaMeshilemiti, unyana kaImere; 13nabazalwana babo, iintloko zezindlu zooyise, iwaka elinamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu amagorha anobukroti ekuwusebenzeni umsebenzi wendlu kaThixo.
14KubaLevi: nguShemaya, unyana kaHashubhi, unyana ka-Azerikam, unyana kaHashabhiya koonyana bakaMerari; 15nguBhakebhakare, noHereshe, noGalali; noMataniya unyana kaMika, unyana kaZikri, unyana ka-Asafu; 16no-Obhadiya, unyana kaShemaya, unyana kaGalali, unyana kaYedutun; noBherekiya unyana ka-Asa, unyana kaElikana, obehleli emizaneni yamaNetofa.
17Abamasango: nguShalum, noAkubhi, noTalemon, noAhiman, nabazalwana babo; intloko inguShalum; 18kude kwaba namhla esesangweni lokumkani empumalanga. Ngabo abo abamasango eminqubeni yoonyana bakaLevi. 19UShalum, unyana kaKore, unyana kaEbhiyasafu, unyana kaKora, nabazalwana bakhe ngokwendlu yooyise, amaKora, ayephethe umsebenzi wenkonzo, engabagcini beminyango yentente. Nooyise bawo babephethe iminquba kaYehova, begcina isango. 20UPinehasi, unyana kaElazare, waye eyingànga yabo ngenxa engaphambili; uYehova wayenaye. 21UZekariya unyana kaMeshelemiya wayengowesango ekungeneni kwentente yokuhlangana.
22Bonke bephela, behleliwe ukuba babe ngabagcini bamasango, babengamakhulu amabini, anashumi-nye linababini. Bona babebhalwe emilibeni yabo yokuzalwa emizaneni yabo. Bona bamiswa nguDavide noSamuweli imboni, ngokunyaniseka kwabo. 23Bona abo noonyana babo babesemasangweni endlu kaYehova, endlu yentente, ngokokugcina. 24Babekho abamasango ngamacala omané, ngasempumalanga, ngasentshonalanga, ngasentla, nangasezantsi.
25Abazalwana babo emizaneni yabo babengabokuza ngomhla wesixhenxe amaxesha ngamaxesha kunye nabo. 26Ngokuba abaLevi abo, abaphathi abakhulu abané ababengabamasango, babephethe amagumbi nobuncwane bendlu kaThixo benyanisile. 27Ukulala, babeyijikeleza indlu kaThixo; ngokuba ukugcina bekukokwabo, kunabo ukuyivula imiso ngemiso. 28Kubo bekukho abaphethe iimpahla zenkonzo; ngokuba babezingenisa ngenani, bazikhuphe ngenani. 29Kubo bekukho abamiselwe phezu kwempahla, naphezu kwempahla yonke engcwele, naphezu komgubo ocoliweyo, newayini, neoli, nentlaka emhlophe, nobulawu. 30Koonyana bababingeleli bekukho abacola ubuqholo bobulawu. 31UMatitiya, omnye wakubaLevi, obengowamazibulo kaShalum umKora, ubephethe enyanisekile umsebenzi wokosa ngeepani. 32Koonyana bakaKehati, kubazalwana babo, bekukho ababephethe izonka ezikroziswayo, ukuzilungisa iisabata ngeesabata.
33Zizo ezo iimvumi, iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ezibe zihleli emagumbini zikhululekile; ngokuba beziphethe umsebenzi imini nobusuku. 34Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ziziintloko ngokweenzala zazo, ezo zahlala eYerusalem.
35EGibheyon kwakuhleli ozala amaGibheyon, uYehiyeli; igama lomkakhe belinguMahaka. 36Unyana wakhe wamazibulo nguAbhedon, yanguTsure, noKishe, noBhahali, noNere, noNadabhi, 37noGedore, noAhiyo, noZekariya, noMikeloti. 38UMikeloti wazala uShimeham. Kwanabo bahlala nabazalwana babo eYerusalem, malunga nabazalwana babo.
39UNere wazala uKishe; uKishe wazala uSawule; uSawule wazala uYonatan, noMalekishuwa, noAbhinadabhi, noEshbhahali. 40Unyana kaYonatan nguMeribhi-bhahali; uMeribhi-bhahali wazala uMika. 41Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya, noAhazi. 42UAhazi wazala uYara; uYara wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri; uZimri wazala uMotsa. 43UMotsa wazala uBhineha, noRefaya unyana wakhe, uElehasa unyana wakhe, uAtsele unyana wakhe. 44UAtsele ubenoonyana abathandathu; ngawo la amagama abo: nguAzerikam, noBhokeru, noIshmayeli, noShehariya, no-Obhadiya, noHanan. Ngabo abo oonyana baka-Atsele.