USAMUWELI I 5
Ityeya yomnqophiso kwizixeko zamaFilisti
1AmaFilisti ayithabatha ityeya kaThixo, esuka nayo e-Ebhenezere, aya nayo eAshdode. 2Ayithabatha amaFilisti ityeya kaThixo, aya nayo endlwini kaDagon, ayimisa ecaleni koDagon. 3Bavuka kusasa ngengomso abaseAshdode, nanko uDagon ewile ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova. Bamthabatha uDagon, babuya bammisa endaweni yakhe. 4Bavuka kusasa ngengomso, nanko uDagon ewile ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova, intloko kaDagon nezandla zakhe zozibini zinqumkile, zisembundwini womnyango, kusele isikhondo sodwa. 5Ngenxa yoko ababingeleli bakaDagon, nabo bonke abangenayo endlwini kaDagon, àbanyatheli embundwini womnyango wendlu kaDagon eAshdode unanamhla.
6Saba nzima isandla sikaYehova phezu kwabaseAshdode, sabaphanzisa, sababetha ngamathumba, iAshdode ke nemida yayo.
7Akubona amadoda aseAshdode ukuba kunjalo, athi, Ityeya yoThixo kaSirayeli mayingahlali kuthi; ngokuba isandla sakhe sinzima phezu kwethu, naphezu koDagon uthixo wethu. 8Athumela ahlanganisela kuwo zonke izikhulu zamaFilisti, athi, Síyithini na ityeya yoThixo kaSirayeli? Zathi, Mayijike iye eGati. Ayijika ke ityeya yoThixo kaSirayeli. 9Kwathi emveni kokujikwa kwayo, isandla sikaYehova saba phezu kwaloo mzi, sasisaqunge esikhulu kunene; wababulala abantu baloo mzi, kwathabathela kwabancinane kwesa kwabakhulu, bathi gqobhogqobho amathumba.
10Bayithumela ityeya kaThixo e-Ekron. Kwathi, xa ifikayo ityeya kaThixo e-Ekron, bakhala abase-Ekron, besithi, Bayijikéle kuthi ityeya yoThixo kaSirayeli, ukuba isibulale thina nabantu bakowethu. 11Bathumela, bazihlanganisa zonke izikhulu zamaFilisti, bathi, Yimkiseni ityeya yoThixo kaSirayeli, ibuyele endaweni yayo, ingasibulali thina, nabantu bakowethu; ngokuba ukuqungaqunga kokufa bekukho kuwo wonke umzi, besinzima kunene isandla sikaThixo khona. 12Abantu abangafanga babethwa ngamathumba; kwenyuka kwaya ezulwini ukuzibika komzi.
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.