Izakhiwo zikaSolomon neminye imisebenzi yakhe
1Kwathi ekupheleni kweminyaka emashumi mabini, abesakhé ngayo uSolomon indlu kaYehova neyakhe indlu, 2imizi uHiram abeyinike uSolomon wayakha uSolomon, wababeka khona oonyana bakaSirayeli.
3Waya uSolomon eHamati-tsobha, wayeyisa. 4Wákha iTademore entlango, nemizi yonke engoovimba, awayakhayo eHamati. 5Wákha neBhete-horon engasentla neBhete-horon engasezantsi, imizi enqatyisiweyo leyo, ineendonga neengcango nemivalo; 6neBhahalati, nemizi yonke engoovimba abenayo uSolomon, nemizi yonke yeenqwelo zokulwa, nemizi yabamahashe, nokulangazelela konke kukaSolomon, awakulangazelelayo ukwakha eYerusalem, naseLebhanon, nasezweni lonke lolawulo lwakhe.
7Bonke abantu abaseleyo kumaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, ababe bengengabakwaSirayeli; 8koonyana babo abasala emva kwabo ezweni, abo babengagqitywanga ngoonyana bakaSirayeli, uSolomon wabanyula ukuba bafakwe uviko, unanamhla. 9Koonyana bakaSirayeli uSolomon akenzanga makhoboka omsebenzi wakhe; ngokuba babengamadoda okulwa, nabathetheli bakhe, nababusi bakhe, nabathetheli beenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe. 10Abo bathetheli babengabongameli awayenabo ukumkani uSolomon; bebengamakhulu amabini anamanci mahlanu, ababenobukhosi ebantwini.
11Ke kaloku uSolomon wayinyusa intombi kaFaro emzini kaDavide, wayisa endlwini abeyakhele; ngokuba ubesithi, Akayi kuhlala umfazi wam endlwini kaDavide, ukumkani wamaSirayeli; ngokuba kungcwele, apho kungené khona ityeya kaYehova.
12Waza uSolomon wanyusa amadini anyukayo kuYehova esibingelelweni sikaYehova, abesakhele phambi kwevaranda;• 13ukuba kunyuswe into yemini ngangemini yayo ngokomthetho kaMoses, ngeesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo, izihlandlo ezithathu ngomnyaka, emthendelekweni wezonka ezingenagwele, nasemthendelekweni weeveki, nasemthendelekweni weminquba. 14Wawamisa ngokwesiko likaDavide uyise amaqela ababingeleli enkonzweni yawo; nabaLevi wabamisela ezigxineni zabo, ukuba badumise, balungiselele phambi kwababingeleli ngokwento yemini ngemini yayo, nabamasango ngokwamaqela abo kwisango ngesango; ngokuba ubunjalo umthetho kaDavide, umfo wakwaThixo. 15Àbatyeka emthethweni wokumkani kubabingeleli nakubaLevi ngemicimbi yonke nangobuncwane. 16Walungiswa ke wonke umsebenzi kaSolomon, kwada kwayiloo mini yasekwa ngayo indlu kaYehova, kwasa nasekugqityweni kwayo; yafezwa indlu kaYehova.
17Waza uSolomon waya e-Etsiyon-gebhere, nase-Eloti, elunxwemeni lolwandle ezweni lakwaEdom. 18UHiram wathumela kuye ngabakhonzi bakhe iinqanawa, nabakhonzi ababelwazi ulwandle; baya kunye nabakhonzi bakaSolomon eOfire, bathabatha khona amakhulu amané anamanci mahlanu eetalente• zegolide, bayizisa kukumkani uSolomon.