Umzekeliso kaNatan nokuzohlwaya kukaDavide
1UYehova wathumela uNatan kuDavide. Waya kuye, wathi kuye, Kwakukho amadoda amabini mzini mnye: enye isisityebi, enye ilihlwempu. 2Esisityebi yayinempahla emfutshane neenkomo ezininzi kunene. 3Elihlwempu yayingenanto, kuphela yayinemvanazana encinane inye, ebiyizuzile, yayigcina; yakhulela kuyo nabantwana bayo ndaweni-nye, yadla eqhekezeni layo, yasela endebeni yayo, yalala esifubeni sayo, yanjengentombi yayo. 4Kwafika umhambi endodeni esisityebi eso, sanqena ukuthabatha empahleni yaso emfutshane nasezinkomeni zaso, ukulungiselela umhambi lowo ufikileyo kuso; sesuka sathabatha imvanazana yendoda elihlwempu, salungiselela umntu ofike kuso.
5Wavutha kunene umsindo kaDavide kwindoda leyo, wathi kuNatan, Ehleli nje uYehova, ngumfo wokufa loo ndoda yenzé le nto. 6Iya kuyimisela ngesiné imvanazana leyo, ngenxa enokuba yenze loo nto, nangenxa yokuba ingabanga nalufefe.
7Waza wathi uNatan kuDavide, Loo ndoda nguwe. Utsho uYehova uThixo kaSirayeli ukuthi, Mna ndákuthambisa ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli, mna ndákuhlangula esandleni sikaSawule, 8ndakunika indlu yenkosi yakho, nabafazi benkosi yakho esifubeni sakho, ndakunika indlu yakwaSirayeli neyakwaYuda; ke, ukuba bekukuncinane oko, ngendikongezile ndenjenje, ndenjenje. 9Yini na ukuba ulidele ilizwi likaYehova, wenze ububi emehlweni akhe, umbulale u-Uriya umHeti ngekrele, nomkakhe umzeke abe ngumkakho, umbulale ngekrele loonyana baka-Amon? 10Ke ngoko, ikrele aliyi kumka endlwini yakho naphakade; ngenxa enokuba undidelile, wamzeka umkaUriya umHeti, wangumkakho. 11Utsho uYehova ukuthi, Ndikuvelisela ububi obuya kuphuma endlwini yakho: ndibathabathe abafazi bakho emehlweni akho, ndibanike ummelwane wakho, alale nabafazi bakho phambi kwelanga eli. 12Ekubeni wena ukwenze oku ngasese, ke mna ndiya kuyenza le nto phambi kwamaSirayeli onke, naphambi kwelanga eli.
13Wathi uDavide kuNatan, Ndonile kuYehova. Wathi uNatan kuDavide, Naye uYehova usikhwelelisile isono sakho, akuyi kufa. 14Kodwa ke, ngenxa yokuba uziniké ithuba lokunyelisa iintshaba zika Yehova ngale nto, ke unyana omzalelweyo ngulo mfazi uya kufa ngenene. 15Waya uNatan endlwini yakhe.
UYehova wamhlisela isifo umntwana abemzalelwe uDavide ngumkaUriya; wagula kakhulu. 16UDavide wambongoza uThixo ngenxa yenkwenkwe leyo; uDavide wazila ukudla, waqungquluza emhlabeni bonke ubusuku. 17Asuka ema amadoda amakhulu endlu yakhe, emvusa emhlabeni; akavuma, akadla sonka nawo. 18Kwathi ngomhla wesixhenxe, wafa umntwana. Boyika abakhonzi bakaDavide ukumxelela ukuba umntwana ufile; ngokuba babesithi, Yabonani, oko umntwana ebesahleli, sathetha naye, àkaliphulaphula ilizwi lethu; sòthini na ukuthi kuye, Ufile umntwana, aze enze into embi?
19Wabona uDavide ukuba abakhonzi bakhe bayasebezelana, waqonda uDavide ukuba ufile umntwana; wathi uDavide kubakhonzi bakhe, Ufile na umntwana? 20Bathi, Ufile. Wesuka uDavide emhlabeni, wazihlamba, wazithambisa, wanxiba ngubo zimbi, waya endlwini kaYehova, waqubuda; weza endlwini yakhe, wabiza ukudla; babeka phambi kwakhe, wadla.
21Bathi abakhonzi bakhe kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo? Oko ebesahleli umntwana, wazila ukudla, walila; akuba efile umntwana, uvukile wadla ukudla. 22Wathi yena, Xa ebesahleli umntwana, ndazila ukudla, ndalila; ngokuba bendisithi, Ngubani na owaziyo? Mhlawumbi uYehova angandibabala, aphile umntwana. 23Efile nje kaloku, yini na ukuba ndibe ndisazila ukudla? Ndisenako yini na ukumbuyisa? Ndiya kuya kuye mna, yena akayi kubuyela kum.
24UDavide wamthuthuzela uBhatshebha umkakhe; wangena kuye, walala naye; wazala unyana, wathi igama lakhe nguSolomon.• 25Ke uYehova wamthanda; wathumela ngesandla sikaNatan umprofeti, wathi, Igama lakhe nguYedidiya,• ngenxa kaYehova.
Ukuthinjwa kweRabha
26Ke kaloku uYowabhi walwa neRabha yoonyana baka-Amon, wawuthimba umzi wakomkhulu lowo. 27UYowabhi wathuma abathunywa kuDavide, esithi, Ndilwile neRabha, kananjalo ndiwuthimbile umzi wamanzi. 28Hlanganisa ngoko abantu abaseleyo, uwurhawule umzi, uwuthimbe; hleze mna ndiwuthimbe lo mzi, ubizwe ngam.
29Wabahlanganisa uDavide bonke abantu, waya eRabha, walwa nayo, wayithimba. 30Wasithabatha isithsaba sokumkani wabo entlokweni yakhe; ubunzima baso bebuyitalente• yegolide, sinamatye anqabileyo; saba sentlokweni kaDavide. Waphuma namaxhoba aloo mzi, aba maninzi kunene. 31Ke abantu ababekhona wabarhola, wabathumela ezisarheni, nasezisizilweni zesinyithi, nasezierheni zesinyithi, wabasebenzisa emazikweni ezitena. Wenjenjalo kwimizi yonke yoonyana baka-Amon. Wabuyela eYerusalem uDavide nabantu bonke.