Ukubuya kuka-Abhisalom
1Wazi uYowabhi unyana kaTseruya, ukuba intliziyo yokumkani ibheke kuAbhisalom, 2uYowabhi wathumela ke eTekowa, wathabatha khona inkazana elumkileyo, wathi kuyo, Khawuzenze ozilileyo, khawunxibe iingubo zokuzila, ungazithambisi ngeoli; yiba njengenkazana le imenzela ofileyo izila imihla emininzi; 3uye kukumkani, uthethe kuye wenjenje. UYowabhi wafaka amazwi emlonyeni wayo.
4Yathetha inkazana yaseTekowa kukumkani, yawa ngobuso emhlabeni, yaqubuda, yathi, Sindisa, kumkani. 5Ukumkani wathi kuyo, Ùnandawoni na?
Yathi, Hayi, ndingumhlolokazi; indoda yam ifile. 6Umkhonzazana wakho ebenoonyana ababini; balwa bobabini endle, akwabakho mhlanguli phakathi kwabo; omnye watsho komnye, wambulala. 7Ke kaloku, nanku, wonke umzalwane usukele phezulu komkhonzazana wakho, usithi, Sinike umbulali womzalwana wakhe, simbulale, ngenxa yomphefumlo womzalwana wakhe ambuleleyo, sitshabalalise nendlamafa; ukuze bacime ilahle lam eliseleyo, bangayisaliseli indoda yam igama nempunde emhlabeni.
8Wathi ukumkani kwinkazana leyo, Yiya endlwini yakho, mna ndiya kuwuwisa umthetho ngenxa yakho. 9Inkazana yaseTekowa yathi kukumkani, Nkosi yam, kumkani, mabube phezu kwam, naphezu kwendlu kabawo, obo bugwenxa; makabe msulwa yena ukumkani netrone yakhe. 10Wathi ukumkani, Othetha into kuwe, mzise kum; akasayi kuphinda akuchukumise. 11Yathi, Ukumkani makhe amkhumbule uYehova uThixo wakhe, ukuze umphindezeli wegazi angakwandisi ukonakalisa, bangamtshabalalisi unyana wam. Wathi ke yena, Ehleli nje uYehova, akuyi kuwa nalunye unwele lonyana wakho emhlabeni.
12Yathi inkazana, Makhe athethe ilizwi umkhonzazana wakho enkosini yam ukumkani. 13Wathi yena, Thetha. Yathi inkazana leyo, Yini na ke ukuba ucinge into enjalo ngabantu bakaThixo? Ngokulithetha eli lizwi, ukumkani unjengonetyala, engambuyisi nje ukumkani umgxothwa wakhe. 14Ngokuba simelwe kukufa, sinjengamanzi aphaleleyo emhlabeni, angenakuhlanganiswa; noThixo akasusi mphefumlo, ufuna icebo, ukuze angamgxothi kuye umgxothwa. 15Le nto ndize kulithetha kukumkani inkosi yam eli lizwi ndenzé kuba abantu aba bendoyikisile; wathi ke umkhonzazana wakho, Makhe ndithethe kukumkani, mhlawumbi ukumkani angalenza ilizwi lomkhonzazana wakhe. 16Ngokuba wóva ukumkani, amhlangule umkhonzazana wakhe esandleni sale ndoda iza kunditshabalalisa mna, kunye nonyana wam elifeni likaThixo. 17Wathi ke umkhonzazana wakho, Ilizwi lenkosi yam ukumkani malibe lelokuphumza; ngokuba njengoko sinjalo isithunywa sikaThixo, injalo inkosi yam ukumkani, ukuva okulungileyo nokubi; uYehova uThixo wakho makabe nawe.
18Waphendula ke ukumkani, wathi kwinkazana, Musa ukukha uyikhanyele kum into endikubuzayo. Yathi inkazana, Mayikhe ithethe inkosi yam ukumkani. 19Wathi ke ukumkani, Isandla sikaYowabhi àsinawe na kule nto yonke? Yaphendula inkazana, yathi, Uhleli nje umphefumlo wakho, nkosi yam kumkani, inene, akukho nto ingasekunene nengasekhohlo kuko konke ekuthethayo inkosi yam ukumkani; ngokuba uYowabhi umkhonzi wakho, nguye lo undiwisele umthetho, nguye lo uwabekileyo emlonyeni womkhonzazana wakho onke la mazwi. 20Wenzé le nto umkhonzi wakho uYowabhi, ukuze buguqulwe ubuso bale nto. Ke inkosi yam ilumké ngokulumka kwesithunywa sikaThixo, ukuba yazi konke okusemhlabeni.
21Wathi ukumkani kuYowabhi, Uyabona, ndiyenzile ke loo nto; hamba uye, umbuyise umfana lowo uAbhisalom. 22Wawa ke uYowabhi ngobuso emhlabeni, waqubuda, wabulela kukumkani, wathi, Namhla wázile umkhonzi wakho, ukuba úbabalwe nguwe, nkosi yam kumkani, esenzile nje ukumkani isicelo somkhonzi wakhe. 23Wesuka ke uYowabhi, waya eGeshuri, wamzisa uAbhisalom eYerusalem. 24Wathi ukumkani, Makajike aye endlwini yakhe, angabuboni ubuso bam. Wajika uAbhisalom, waya endlwini yakhe; akabubona ubuso bokumkani.
25Ke kumaSirayeli onke bekungekho ndoda injengoAbhisalom ukuba yinzwana, ngokokuze adunyiswe kunene; kwathabathela entendeni yonyawo kwesa elukakayini phezulu, kungekho siphako kuye. 26Ubesithi akuyicheba intloko yakhe (kuba bekusithi ekupheleni komnyaka iminyaka yonke ayichebe, ngokuba ibinzima phezu kwakhe, ayichebe ke), azilinganise iinwele zentloko yakhe, zisuke zibe ziishekele• ezimakhulu mabini, ngokwelitye lokumkani. 27UAbhisalom wazalelwa oonyana abathathu, nentombi yanye; igama layo belinguTamare; ibiyinzwakazi ukubonakala kwayo.
28UAbhisalom wahlala eYerusalem iminyaka emibini; akabubona ubuso bokumkani. 29UAbhisalom wathumela kuYowabhi, ukuba amthumele kukumkani; akavuma ukuza kuye. Wabuya wathumela okwesibini; akavuma ukuza. 30Wathi kubakhonzi bakhe, Khangelani intsimi kaYowabhi, ingakweyam; unerhasi khona; yiyani, niyitshise ngomlilo. Bayitshisa ke abakhonzi baka-Abhisalom intsimi ngomlilo. 31Wesuka uYowabhi, waya kuAbhisalom, wathi kuye, Yini na ukuba abakhonzi bakho bayitshise ngomlilo intsimi yam? 32Wathi uAbhisalom kuYowabhi, Yabona, ndithuméle kuwe, ndisithi, Yiza apha, ndikuthumèle kukumkani, uye kuthi, Ndibuyisélweni na eGeshuri? Bekundilungele kanye ukuba ndibe ndisekhona. Kaloku mandibubone ubuso bokumkani; ukuba ndinetyala, makaselendibulala. 33Waya ke uYowabhi kukumkani, wamxelela. Wambiza uAbhisalom; waya kukumkani, waqubuda kuye ngobuso emhlabeni phambi kokumkani; ukumkani wamanga ke uAbhisalom.