1Wena ngoko, mntwana wam, yomelela elubabalweni olukuKristu Yesu; 2uthi nezinto owazivayo kum ngamangqina amaninzi, ezo uzibeke phambi kwabantu abathembekileyo, bona baya kukulingana ukufundisa nabanye.
3Wena ngoko bunyamezele ububi, njengomphumi-mkhosi olungileyo kaKristu Yesu. 4Akukho namnye uthi, ephuma umkhosi, azibhijele ngemicimbi yobu bomi; ukuze amkholise lowo umnyulele ukuphuma umkhosi. 5Nakuba ke ubani esithi azame emdlalweni, akathweswa sithsaba, ukuba akathanga azame ngokomthetho. 6Umlimi lowo ubulalekayo, umelwe kukwamkela kuqala kwiziqhamo. 7Ziqiqe izinto endizithethayo; iNkosi yokupha ke ingqondo ezintweni zonke.
8Mkhumbule uYesu Kristu, engovukileyo kwabafileyo, engowembewu kaDavide, ngokweendaba zam ezilungileyo; 9endiva ububi ngenxa yazo, kude kuse ezintanjeni, njengomenzi wobubi; ke lona ilizwi likaThixo alibotshiwe. 10Ngenxa yoko izinto zonke ndiyazinyamezela ngenxa yabo abanyulwa, ukuze nabo bamkele usindiso olukuKristu Yesu, ndawonye nozuko olungunaphakade. 11Lithembekile ilizwi eli: Kuba xa safa naye, sodla ubomi kwandawonye naye; 12ukuba siyanyamezela, solawula kwandawonye naye; ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela; 13ukuba asithembekile, yena uhlala ethembekile; akanako ukuzikhanyeza.
Ukulunyukiswa ngempikiswano
14Bakhumbuze ezo zinto, uqononondise emehlweni eNkosi, ukuba kungènziwa mfazwe yamazwi angancedi lutho, kuze kubhukuqeke abaphulaphuli. 15Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo úcikidekile, ungumsébenzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso. 16Ke zona iintetho ezingento, ezihlambelayo, zinxweme; kuba ziya kuhambela phambili kokukhona kungahloneli Thixo. 17Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto, 18abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho, kananjalo belubhukuqa ukholo lwenxenye. 19Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo uthi, INkosi iyabazi abangabayo; nóthi, Mabasuke kuko ukungalungisi, bonke abalibizayo igama likaKristu.
20Ke endlwini enkulu akubikho zitya zagolide nazasilivere zodwa; kubakho nezomthi nezomdongwe. Inxenye ke zezembeko, inxenye azizambeko. 21Ukuba ngoko umntu uthe wazikhuphulula kwezo zinto, woba sisitya sembeko, singcwalisiwe, simlungele kakuhle umninindlu, silungiselwe wonke umsebenzi olungileyo.
22Ke zibaleke iinkanuko zobutsha; phuthuma ke ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo. 23Yinxweme imibuzwana yobudenge engenangqeqesho, usazi ukuba izala imfazwe. 24Ke umkhonzi weNkosi akamele kulwa; umele ukuba nokuthantamisa kubantu bonke, enokufundisa, 25enyamezela ububi, ebaqeqesha ngobulali abo baphikayo; ukuba akangethi na kanti uThixo abaphe inguquko esa ekuyazini inyaniso, babuye baqabuke, 26baphume esibatheni sakhe uMtyholi, ababanjiselwe ukuthanda kwakhe nguye.