Ukunyulwa kwabasixhenxe
1Ke kaloku ngaloo mihla, bakubon' ukuba bayanda abafundi, kwabakho ukukrokra kwawesiGrike amaYuda ngakwawesiHebhere, ngokuba abahlolokazi bawo babesiléla ekulungiselelweni kwemihla ngemihla. 2Bathe ke abalishumi elinababini bawubizela kubo umhlambí wabafundi, bathi, Akukholekile ukuba thina silishiye ilizwi likaThixo, silungiselele ezitafileni. 3Khangelani ngoko, bazalwana, amadoda kuni abe sixhenxe, angqinelwe ukulunga, ezele nguMoya oyiNgcwele nabubulumko, esiya kuwamisela lo msebenzi; 4ke thina siya kuzingisa ekuthandazeni nasekulungiseleleni ilizwi.
5Lakholeka ilizwi elo emehlweni omhlambi lowo wonke; banyula uStefano, indoda ezele lukholo nanguMoya oyiNgcwele, noFilipu, noProkoro, noNikanore, noTimon, noParmena, noNikolawo wakwa-Antiyokwe owabengene ebuYudeni: 6ababamisayo emehlweni abapostile; bathi bakuthandaza, bazibeka izandla phezu kwabo.
7Laye liya likhula ilizwi likaThixo, liya lisanda kakhulu inani labafundi eYerusalem; laye neqela elikhulu lababingeleli lilululamela ukholo.
Ukuhlaselwa kukaStefano
8Ke kaloku uStefano, ezele lukholo nangamandla, wayesenza izimanga nemiqondiso emikhulu phakathi kwabantu. 9Kwesuka ke abathile basesikhungwini ekuthiwa sesabaKhululwa, nabaseKirene, nabakwa-Alesandire, nabathile belaseKiliki, nabelaseAsiya, bephikisana noStefano; 10àbaba namandla akumelana nabo ubulumko noMoya, awayethetha ngaye.
11Kwakuba njalo, banyebelezisa amadoda awathi, Simve ethetha amazwi okunyelisa uMoses noThixo. 12Kanjalo babahlokohla abantu, kwanamadoda amakhulu nababhali; baza bemfikele bamthi hlasi, bamsa ematyaleni amakhulu. 13Bamisa namangqina obuxoki, awathi, Lo mntu akayeki ukuthetha amazwi okunyelisa indawo engcwele nomthetho; kuba simve esithi, 14UYesu waseNazarete lo uya kuyichitha le ndawo, awenze wambi amasiko awawanikela kuthi uMoses. 15Bonke ababehleli entlanganisweni yamatyala, beqwalasele kuye, babubona ubuso bakhe, ngathi bubuso besithunywa sezulu.